UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Inkxaso-mali esuka kwiNkqubo yoDanjiso lweNdlala
Inkqubo yokudanjiswa kwendlala yasekwa ngurhulumente ekunciphiseni indlala eMzantsi Afrika. Icandelo lezokhenketho kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho lwabelwa ingxowa-mali yokuxhasa iiprojekthi eziluhlobo oluthile lwezokhenketho. Le ngxowa-mali ijolise:ekudaleni imisebenzi kuphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi kwezokhenketho, ekuphuhliseni imveliso entsha kwezokhenketho, ekunikezeleni uqeqesho nolwakhiwo lwezikhundla, ekuqinisekiseni ukuba ezi projekthi ziyagcinakala ixesha ... 
INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho
ICandelo loMlawuli oyiNtloko: uPhuhliso lwezoKhenketho lunohlahlo lwabiwo-mali lwarhoqo ngonyaka ekuxhaseni ngemali iiprojekthi ezinceda ekukhuliseni ishishini lezokhenketho. Oku kukhula kungabonwa ngeendlela ezininzi ezohlukeneyo, umzekelo, ngokudaleka kwamathuba emisebenzi, uqeqesho okanye uphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi. Imfanelo yokufumana inkxaso-mali incinci phantsi koluhlu lwezinto ezikhoyo, ezinjengeenkampani okanye ii-NGO zeCandelo 21, neziqwalasele ... 
IProjekthi yeMfundiso ngezoKhenketho (TLP) linyathelo lokuqala leTrasti yoShishino neyasekwa ngenjongo yokukhawulezisa amalungiselelo emfundiso neenkqubo zezakhono ngembono yokunyusa umgangatho wenkonzo ebhetele nemveliso kwezokhenketho, ukubuka iindwendwe kunye nolondolozo lwamacandelo angaphantsi. I-TLP ijolise ekuphuculeni ulwazi nezakhono zabafundi. 
Isicelo seNkxaso kwiNkqubo yoPhuhliso lwamaShishini Aphakathi Namancinci (SMEDP)
I-SMEDP yinkqubo yokufumana umnikelo oyimali eziinkozo nokunikezelwa koncedo kushishino olunxulumene nezokhenketho eMzantsi Afrika. Uncedo lunikezelwa kwiiprojekthi ezintsha okanye ezandisiweyo. Oku kulandelayo yimizekelo yeeprojekthi ezinokuthi zonyulwe: Amashishini abonwa njengakudidi lwalawo abonelela ngeendawo zokuhlala zexeshana nje elingephi, umzekelo, iihotele, iindawo zokuhlala ofumana ibhedi nesidlo sakusasa, iiloji kunye ... 
Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino
IYunithi yoShishino lwezoKhenketho yeQumrhu loPhuhliso loShishino (IDC) ixhasa ngemali inkcitho yekapitali kumashishini okhenketho. Le mali iqwalasele kumashishini anikeza iindawo zokuhlala kubakhenkethi abanyanisekileyo kodwa ikwanabela nakwezinye iiprojekthi zokhenketho ezinekapitali enkulu ngenjongo yokuba nempembelelo enkulu ekukhuleni korhwebo lwezokhenketho. 
UkuPhakanyiswa noPhuhliso loMgangatho kwezoKhenketho eKapa
Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe
INkqubo yoNcedo loRhwebo loKhenketho lweZizwe ngeZizwe (ITMAS) inikezela ngenxalenye yembuyekezo yamashishini kumaxabiso athile enzeke kwimisebenzi ejolise ekunyuseni umgangatho wezokhenketho eMzantsi Afrika. 
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
