UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
IiNkonzo zeMvelo yaBantu (Iziphene zokuzalwa)
Kucingeleka ukuba abantwana abali-150000 abazalwayo ngonyaka emZantsi Afrika bachatshazelwa ziziphene zokuzalwa kwezona ndawo zibalulekileyo okanye iziphazamiso zemvelo ngethuba beneminyaka emihlanu. 
Amantombazana akhulelweyo kunye nabasetyhini bathunyelwa kwiinkonzo zobunina okanye amaCandelo okuBelekisa (Ii-MOU) kwiindawo ezisezidolophini, nakwiikliniki ezixhomekeke kwezinye okanye ezisisigxina ezilalini. La maCandelo ngamacandelo okubelekisa aqhutywa ngababelekisi babaguli bezonyango kwindawo akuyo. Kucetyiswa oomama abakhulelweyo ukuba benze izicelo zokubekelwa iindawo kutyelelo lokuqala ekliniki phambi kweeveki ezingama-20 okanye nje ... 
Iinkonzo Zokubeleka
Oomama bangabelekela kwiikliniki ezisisigxina okanye kumaCandelo okuBelekisa, aqhutywa ngababelekisi ekuhlaleni kubaguli bamaziko ezonyango. Ukuba kuthe kwakho iingxaki ngethuba lokubeleka, baya kuthi bathunyelwe kwisibhedlele esingentla. Oomama abanentsholongwane kaGawulayo bangazibandakanya nenkonzo Yokuthintelwa Kokudluliselwa Kwentsholongwane Ukusuka Kunina Ukuya Elusaneni 1/1. 
Iinkonzo zasemva kokubeleka ziyafumaneka emva kokuba umama nosana lwakhe olusandul' ukuzalwa bekhululwe kwiCandelo lokuBelekisa okanye ekliniki. Oku kusoloko kusenzeka emva kweeyure ezintandathu usana luzelwe ukuba umama nosana basempilweni entle. 
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko.
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye iFAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo. 
Unonophelo Lwempilo Yaxa Sele Uyeke Ukuba Sexesheni Ngenxa Yobudala
Abafazi abayeka ukuya exesheni ngaphambi kwexesha elililo (ngaphambi kobudala obungama- 45 eminyaka) okanye abakwixesha lokuyeka kwaye bahlangabezana neempawu ezibagungqisayo, banakho ukufumana uphononongo koogqirha bomama kwakunye nokuxilongwa. Uvavanyo lwencindi lungenziwa ukuze kubekho izigqibo zonyango. Oomama bangacela ingcebiso ukuze bakwazi ukugqiba ngeyona ndlela yonyango iphucukileyo. 
Uvavanyo Lokukhulelwa
Amakhosikazi kunye neentombi eziya exesheni emva kweveki okanye nangaphezulu kwelo lesiqhelo bayacetyiswa ukuba baye kwenziwa uvavanyo lokukhulelwa. Ezi mvavanyo zenziwa mahala kwiindawo zoncedo lwezempilo. Ukanti, azisoloko zisenziwa. Izixhobo zovavanyo lokukhulelwa zingathengwa ekhemesti. 
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
