Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Igqala lemfazwe ngumntu owathatha inxaxheba kwiMfazwe yeHlabathi yokuQala okanye iMfazwe yeHlabathi yesiBini okanye iMfazwe yaseKoriya .
Ukuze wenze isicelo sesi sibonelelo kufuneka:
ube ngummi waseMzantsi Afrika okanye umhlali osisigxina ube ngumhlali waseMzantsi Afrika ngethuba lokwenza isicelo ube neminyaka eyi-60 ubudala nangaphezulu, okanye ube ngumntu okhubazekileyo ube ukhe waya kulwa kwiMfazwe yeHlabathi yokuQala okanye eyesiBini okanye eyaseKoriya okanye okhe wathatha inxaxheba kwimfazwe eyaqala nge-6 Septemba 1939
Uvavanyo lokuqinisekisa ubungakanani bentswelo lusetyenziselwa ukulinganisa imeko yakho yezimali . Ukuze ufumane isibonelelo okanye igranti , inqanaba lakho lezemali malibe ngaphantsi kwesixa-mali esithile. Ngo-2008, uvavanyo lwe-means test ukulungiselela isibonelelo samagqala emfazwe kumntu ongatshatanga lwacacisa ukuba akanakho ukufumana isibonelelo ukuba ii-asethi zakho zingaphezu kwe-R451 200 ukuba akutshatanga. Ikhaya onalo ngoku alithathelwa ngqalelo xa ngaba uhlala kulo. Ingeniso yakho mayingabikho ngaphantsi kwe- R26 928 ngonyaka ukuba akutshatanga.
Ukuba utshatile, akunako ukufumana isibonelelo ukuba ii-asethi ezizezakho wena zidibene kunye nezomlingane wakho, zingaphezu kwe-R902 400. Indlu enokuba yeyomnye wenu ayithathelwa ngqalelo xa ngaba uhlala kuyo. Ingeniso kunye nengeniso yomlingane wakho mayibe ngaphantsi kwe-R53 856 ngonyaka.
Isibonelelo sihlawulwa nangayiphi nangayiphi na indlela kwezi zilandelayo:
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Ukuba umdala kakhulu okanye uyagula kakhulu ukuba ungahamba uye e-ofisini, cela umntu ukuba akwenzele isicelo sokuba undwendwelwe ekhaya, egameni lakho. Loo mntu kufuneka eze neleta evela kuwe okanye ingxelo kagqirha echaza isizathu sokuba ungakwazi ukuya e-ofisini.
Zalisa ifom yesicelo yakho phambi kwegosa elivela kwiSebe.
isazisi saseMzantsi Afrika esinebhakhowudi , ukuze ukuba unomlingane , ungenise nesakhe isazisi ubungqina benkonzo yakho emfazweni, obungaba sisatifikethi senkonzo yemfazwe okanye iimedali zemfazwe zakho ukuba ungaphantsi kweminyaka eyi-60, uvavanyo lonyango okanye ingxelo echaza ukuba akunakho ukusebenza.
Lamaphepha alandelayo ayafuneka ukuze ufake isicelo, xa incwadi yesazisi okanye isitifiketi singekho:
Inkcazelo malunga nemeko yakho yomtshato:
ukuba akutshatanga, i-afidavithi eyingxelo efungelweyo echaza ukuba akutshatanga ukuba utshatile, isatifikethi sakho somtshato ukuba uwuqhawule umtshato, umyalelo wakho wokuqhawula umtshato ukuba umlingane wakho wasweleka, isatifikethi sokusweleka somlingane wakho.
Fumana irisithi uyigcine njengobungqina bokuba wenze isicelo.
Uya kuchazelwa ngento ebhaliweyo ukuba ngaba isicelo sakho sibe yimpumelelo okanye akunjalo.
Ukuba isicelo sakho asivunywanga, i-ofisi yokhuseleko loluntu iya kukwazisa ngento ebhaliweyo ecacisa izizathu zokuba kungani na ukuba isicelo sakho singabanga yimpumelelo.
Ukuba akuvumelani nesigqibo eso, yenza isibheno ngento ebhaliweyo kuMphathiswa weSebe loPhuhliso lweNtlalo kwi-ofisi kazwelonke okanye eyephondo yeSebe loPhuhliso loLuntu ngento ebhaliweyo, ucacisa ukuba kungani na ukuba ungavumelani nesigqibo eso.
Yenza isibheno kwithuba leentsuku eziyi-90 zokufumana kwakho isaziso malunga nesiphumo sesicelo sakho. 
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ukusingatha isicelo sakho kungathatha iintsuku eziyi-21.
Ukuba isicelo sakho sivunyiwe, uya kuhlawulwa ukususela ngolo suku wawenze ngalo isicelo. 
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
