INkqubo yokuNika aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
INkqubo yokuNika aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela ekuthiwa yi-Victim Empowerment Programme , iphembelela ukusekwa nokuhlanganiswa kweenkqubo nemigaqo phakathi kwamasebe okanye phakathi kwamacandelo, yokuxhasa, ukukhusela kunye nokunika amandla amaxhoba obugebenga nobundlobongela.
I-VEP inika ingqwalaselo eyodwa kwabasetyhini nasebantwaneni. Amaxhoba obundlobongela basekhaya asebunzimeni angahlala kwiziko lokusithela isithuba esiphakathi kweeveki ezimbini neenyanga ezintandathu, kuxhomekeke kwiimeko zabo.
Le nkqubo ifumaneka kumaxhoba obugebenga nobundlobongela.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Nxulumana nalo naliphina iziko lokuxhasa ixhoba, indawo yokusithela yabasetyhini abaxhatshazwayo kunye nabantwana babo, umniki-nkonzo karhulumente okanye umbutho ongekho phantsi kukarhulumente obandakanyeka ekunakekeleni amaxhoba obundlobongela basekhaya.
Nxulumana nendawo yokusithela ekwindawo ohlala kuyo okanye tsalela umnxeba kwiNombolo yoNcedo yokuNQANDA ukuXhatshazwa kwaBasetyhini ekuthiwa yi-STOP Women Abuse Helpline, ethi: 0800 150 150.
Umcebisi, umniki-nkonzo zempilo, ilungu leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye ipolisa, unontlalontle, utitshala okanye nawuphina umntu onomnqweno obambekayo kwintlalontle yomkhalazi , angenza isicelo somyalelo wokhuselo .
Qinisekisa ukuba xa umntu othile, ongenguye umkhalazi, ezisa isicelo somyalelo wokhuselo, esi sicelo kufuneka sikhatshwe yimvume ebhaliweyo yomkhalazi.
Akukho fom iqingqiweyo yale mvume ibhaliweyo - incwadi esuka kumkhalazi, enika imvume ebhaliweyo, iyakwanela. Kodwa ke, zikho iimeko ezithile apho imvume ebhaliweyo ingangabiyomfuneko, ezifana naxa umkhalazi
Engumntwana ongekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni
Engekho zingqondweni okanye
Ukubangaba inkundla yonelisekile ukuba umntu obandakanyekayo akanako ukunika le mvume ifunekayo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Unontlalontle kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente kufuneka baxhase amaxhoba kwisikhululo samapolisa, enkundleni nasezibhedlele, ndawonye nokunika umkhalazi amandla xa ecela ukuncediswa; kwaye banike inkcazelo malunga nemigaqo eyakulandelwa, amalungelo omkhalazi, indlela yokufumana umyalelo wokhuselo okanye ezinye iinkqubo ezifumanekayo umkhalazi angakhetha kuzo.
Luxanduva lukanontlalontle ukwenza ezi zinto zilandelayo:
ukuthumela amaxhoba kwamanye amacandelo nakwezinye iinkqubo ukuze kwenziwe olunye ungenelelo, umzekelo, umyalelo wokhuselo, uncedo lwezonyango, iinkonzo zodliwano-ndlebe lokucebisa kunye nendawo yokusithela engenye;
anike ubungqina bobuchule njengomsebenzi wale nyewe, ngokwazi iingxaki nobunzima kubudlelwane bangaphakathi kwiintsapho ;
abengumlamleli nomdibanisi kwinkundla yomthetho, apho ingxelo yobungqina bomntwana inikwa ngokweenkonzo zomlamleli nomdibanisi;
avelise isicwangciso sokhuseleko lwexhoba okanye lwamaxhoba .
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
