Isicelo selayisensi yokuqhuba inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Isicelo sokubhalisa kuMgqaliseli weeNkonzo zePosi ukuze uqhube inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile, kufuneka siqingqwe ngendlela, kwaye sihambisane nomgaqo, ochazwe nguMphathiswa ngokweziphakamiso ezenziwe nguMgqaliseli .
Ubhaliso lusebenziseka ithuba lonyaka omnye ukusukela kumhla wokukhutshwa kwesatifiketi sobhaliso.
Ezi nkonzo zilandelayo zibekelwe iPosi yaseMzantsi Afrika kuphela:
Ukuhambisa impahla nezinto ezinobunzima obuyikhilogrem enye okanye nangaphantsi
Ukukhutshwa kwezitampu zokuposa
Ukunikwa kwenkonzo yokuqokelela ecaleni kwendlela kunye neebhokisi zee-adresi.
Ezi aziwabandakanyi amashishini anika iimveliso zawo, afana nommntu othengisa nocwangcisa iintyatyambo, usosilarha okanye ivenkile yegrosari.
Abantu abazimele bucala okanye amashishini azimele bucala, akhululekile enze isicelo selayisensi yokuqhuba inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile .
Isicelo sokubhalisa kuMgqaliseli weeNkonzo zePosi ukuze uqhube inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile, kufuneka siqingqwe ngendlela, kwaye sihambisane nomgaqo, ochazwe nguMphathiswa ngokweziphakamiso ezenziwe nguMgqaliseli .
Ubhaliso lusebenziseka ithuba lonyaka omnye ukusukela kumhla wokukhutshwa kwesatifiketi sobhaliso.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoNxibelelwano
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa ifom yesicelo ngokuphindwe kathathu.
Hlawula imali efunekayo ngekhetshi okanye ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki:
kwiSebe lezoNxibelelwano
Hambisa ifom yesicelo kwiSebe lezoNxibelelwano, uyihambise nobungqina bentlawulo.
Thumela ubungqina bentlawulo ngefeksi kwinombolo ethi: 12 427 8536.
Faka ezi zinto zilandelayo:
Isatifiketi sobhaliso lweshishini
Iikopi eziqinisekisiweyo zayo yonke imiqulu ebandakanyekayo yokuseka ishishini
Iinkcukacha zabantu abanezabelo kunye nepesenti yesabelo somntu ngamnye onesabelo
Iinkcukacha zeziko eliphetheyo
Ukungaphumeleli ukuhambisana nayo nayiphi na kwezi mfuneko kungakhokelela ekubeni isicelo sakho singavumeleki ukuba siqwalaselwe.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ilayisensi ingalunga emva kweentsuku ezingama- 30.
Entla
Iindleko
Entla
Isicelo sokubhalisela ukuqhuba iinkonzo zeposi ezingabekelwanga iziko elithile: IFom PRR 1
Entla