Ukhuseleko neemeko ekusetyenzwa phantsi kwazo ziya kuba ngcono xa kuthe kwasetyenziswa le nkqubo intsha.
EKapa nakwezinye izixeko ezinjengeGoli kukho imodeli entsha ehlongozwayo yokuqhuba ushishino lweeteksi. Le modeli kulapho ushishino lokutekisa lufumana ithuba lokusebenzisa iintlobo ezintsha zokuthutha uluntu njengeNkqubo esiHlanganisiweyo nesiKhawulezayo sokuHambisa uLuntu.
Le nkqubo ibandakanya ukungenelela kwaba noteksi sele bekho kwimanyano yentsebenziswano apho baya kufumana ubunini-zabelo kumashishini amatsha okuthutha abantu. La mashishini aya kulawula imihlambi yeenqwelo ezintsha ze anikezele ngeenkonzo zothutho lwabakhweli oluqhubeka rhoqo kwiindlela ezichongiweyo zeeteksi ezibubhasirha nezo zingoochola-chola.
Kuya kubakho izinto ezininzi eziyinzuzo koku eziquka ezi zilandelayo:
Imizila ebekwe bucala ukuze isetyenziswe ziiteksi, nto leyo eya kuzivumela ukuba zihambe ngokukhululekileyo nangexesha lengxinano yezithuthi endleleni (njengomzila oyimpumelelo ka-N2 obekelwe ukuhamba iiBhasi neeTeksi)
Iimeko ezingcono zomsebenzi, njengemivuzo engcono, uqeqesho, iiyure ezimfutshane zomsebenzi kwakunye nokwanda kwamathuba empangelo namanye amakhondo omsebenzi
Ukwanda kwabakhweli kule nkqubo intsha, nanjengoko abantu abaninzi baya kubhenela kwizithuthi zikawonke-wonke endaweni yeemoto zabo zabucala.
Ukuvela kwamathuba amatsha
Le nkqubo intsha iveza amathuba amatsha ukuze abo bashishina ngeeteksi babe nako ukukhulisa amashishini abo, ze bakwazi ukuthabatha inxaxheba kule nkqubo intsha eya kwenza ngcono isixeko sethu.
Abanini ziteksi nabanini zibhasi sele beqalile ukukhulisa nokwenza amashishini abo abenokulungela ukwenza izinto ezininzi ezahlukileyo, ngokusebenzisa amathuba avelayo kwezokhenketho kwakunye nothutho lwabafundi. Abanye oosomashishini bade bangenelela ezinye iintlobo zoshishino ezizalana nolu lwabo ushishino, kuqukwa iigaraji zokutha amafutha, imizi yokuthengisa izithuthi kwakunye neendawo zokulungisa nokugcina izithuthi zisemgangathweni.
Ushishino lweeteksi luye luvuthwa kwaye abarhwebi nabantu abaluqhubayo babonakalise ukuba bangawakha ze bawahlumise amashishini abo.
Nanjengoko iSixeko saseKapa siqhubeka phambili neNkqubo eHlanganisiweyo neKhawulezayo yokuHanjiswa kwoLuntu, isixeko esi sifuna ukwakha intsebenziswano eluqilima nabanini ziteksi esele bekho ekucwangcisweni nasekuphuhlisweni kwenkqubo le, nabaya kuthi ekugqibeleleni basebenzise ezo nkonzo zintsha ziqulunqwayo.
Amashishini eebhasi naweteksi asele ekho kufuneka ukuba abe nelizwi kumcimbi wokuqulunqwa kwale nkqubo intsha. Ubugcisa abanabo buya kuba negalelo elikhulu kakhulu ekunikeni abakhweli nabaxhasi jikelele iinkonzo ezisemgangathweni.
Ukwandiswa kwenzuzo nengeniso
Le nkqubo intsha iya kwandisela abanini-ziteksi ingeniso. Oku kuya kwenzeka ngenxa yemizila ebekelwe ukuhamba iiteksi neebhasi, ukusetyenziswa kwepetroli ngcono nangoqoqosho, ukuthengwa ngokwezambuku kweentlobo ezintsha zezithuti kwakunye neentsimbi zazo, kwakunye nobhengezo-ntengiso oluququzelelwe ngokukuko lokutsala abakhweli nabaxhasi abatsha.
Indlela engcono yokuhambisa abantu
ISixeko saseKapa siceba ukwenza iinguqu ezinkulu kakhulu ngokuphathelele kwinkqubo yezothutho yesixeko ngokungeniswa kweNkqubo eHlanganisiweyo neKhawulezayo yokuHambisa uLuntu.
Owona ndoqo nenjongo yale nkqubo iya kuba bubukho bothutho oluxhomekeke phantse lonke ezibhasini kuso sonke isixeko, iiyure ezili-19, iintsuku ezisixhenxe ngeveki.
Oku kuya kwenza abantu baseKapa nabatyeleli ukuba bafikelele kwiindawo zonke ngokukhawuleza okukhulu nangokukhuselekileyo.
Kukho amathuba amahle kakhulu oshishino avelayo koonoteksi esele bekho kwinkqubo eyandayo yothutho loluntu. ISixeko saseKapa sixoxa nabezeeteksi ukwakha ubudlelwane obuya kuqinisekisa okuqinisekisa impumelelo yale nkqubo.
Iiteksi zigcina uluntu lwaseKapa lusendleleni
Olu shishino lweeteksi likhonkco elibalulekileyo lokuqinisekisa ukuba uluntu nabahlali abanzuzo iphantsi bayayifikelela imisebenzi namanye amaziko kwisixeko esi xa sisonke.
Lo gama ushishino lweeteksi beluqhubeka nokuhluma luphantsi kweemeko ezinzima zengcinezelo, luye lwaqhubeka nokudlala indima enkulu entlalweni yoMzantsi Afrika ukuza kuthi ga namhlanje, kwaye akuthandabuzeki ukuba lusaza kuqhubeka naloo ndima nakwixa elizayo.
Ukongeza kwezi nkonzo zibaluleke kangaka zokuthutha abakhweli, eli shishini lotekiso likwangumqeshi omkhulu kwaye iintsapho ezininzi ekuhlaleni zixhomekeke kweli shishini ukuze zifumane into esiwa phantsi kwempumlo.
Uxinzelelo olumandla ...
Esi sigaba sokuqala lilinge okanye umkhondo wendlela eza kuhamba ngayo iprojekthi xa iyonke, kwaye sijolise kwimimandla yesixeko eza kufuna iinkonzo zothutho ezikhethekileyo ukufika koKhuphiswano lweNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2010TM .
Kulapha kwesi sigaba ke apho kuya kuvavanywa ukusebenza kwezixhobo nezinye izinto ze kwenziwe uhlengahlengiso apho kuyimfuneko. Kananjalo esi sigaba siya kunika ishishini leeteksi kuso sonke isixeko ithuba lokubona indlela esebenza ngayo le nkqubo, kwakunye nentlaninge yamathuba avezwa lushishino lweeteksi xa lulonke.
Inkqubo le xa iyonke.
Isigaba 2
