Isicelo sesikhokelo sokuxhuzula irhafu - ingxowa-mali yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Esi sicelo kufuneka sifakwe xa umntu efikelele kwiminyaka yobudala yomhlala-phantsi kwaye enqwenela ukuxhamla iinzuzo ezivuniweyo kwipolisi yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka.
Esi sicelo singenziwa naxa ilungu lifuna ukutshintshela iinzuzo zalo zengxowa-mali yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka lizise kwenye ingxowa-mali yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Kufuneka le nkcazelo isisiseko yesicelo ukuze kuqhubekiswe isicelo sesikhokelo serhafu:
ifani yomrhafi oonobumba bokuqala bamagama omrhafi umhla wokuzalwa womrhafi inombolo ye-ID yomrhafi okanye enye inombolo eyodwa yokwazisa ngaye uhlobo lwesicelo sesikhokelo serhafu isizathu sesicelo sesikhokelo serhafu i-adresi yendawo kunye nokhowudi yeposi yomrhafi i-adresi yeposi kunye nekhowudi yeposi yeziko okanye yomqashi umvuzo wonyaka womrhafi.
Eyona ndlela ilula kakhulu yokwenza isicelo sesikhokelo kukusifaka nge-eFiling. Isicelo sakho sesikhokelo esenziwe ngale ndlela sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
