Ubhaliso olulodwa njengenzululwazi eqeqeshiweyo - Ukwamkelwa kwemfundo namava angaphambili
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
IBhunga loMzantsi Afrika lemiSebenzi yezeNzululwazi liyakwamkela ukuba abantu abathile abazange babe nalo ithuba lokufumana imfundo ekwiqondo lamaziko aphakamileyo eyalelwa leli Bhunga ukuze kube nokubhaliselwa olo qeqesho. Noxa kunjalo abantu abanjalo kusenokwenzeka ukuba baba negalelo elingathethekiyo kuluntu lwezenzululwazi kwiminyaka emininzi edlulileyo kwaye basenokuqhuba besenjenjalo iminyaka emininzi.
IBhunga liye lagqiba ekubeni linike abantu abanjalo ithuba lokufaka izicelo zokubhalisela ukuba ziiNzululwazi eziQeqeshiweyo phantsi kwemiqathango ethile.
Nabanina ongenasiqinisekiso sivunyiweyo liBhunga angafaka isicelo.
Abafaka izicelo kufanele ukuba:
babe negalelo kuluntu lwezenzululwazi babe neminyaka eli-10 ubuncinane yamava angaqhawulwanga afanelekileyo oqeqesho kanye phambi kokufaka isicelo kwelo cadelo lomsebenzi abawunqwenelayo.
Qaphela: Ukuba ushiye umsebenzi wakho ngeli thuba leminyaka eli-10, awusayi kuvunyelwa ukuba ubhalise phantsi kolu lawulo lolwazelelelo.
Uvavanyo lwezicelo luya kwenziwa yiKomiti eCebisayo yemiSebenzi efanelekileyo, ukuvunywa kuya kwenziwa yiKomiti yoBhalis yeSACNASP ukuze ugunyaziso lwenziwe liBhunga liphelele.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa ifomu yesicelo eqingqiweyo ukuze ubhalise.
ubungqina obufanelekileyo boqeqesho oluqingqiweyo nolungaqingqwanga - iikopi eziqinisekisiweyo zeziqinisekiso zezidanga okanye zeediploma, kuquka neengxelo zezifundo zala manqanaba ingxelo ebanzi yamava omsebenzi oqeqehelwe wona kweli candelo lomsebenzi ofake isicelo kulo uluhlu lwezinto ezipapashiweyo ubungqina bobulungu kwimibutho yezifundiswa, umz. Umbutho waseMzantsi Afrika weNzululwazi nobuGcisa bezokuTya ; iQumrhu laseMzantsi Afrika leeKemikhali ; Umbutho waseMzantsi Afrika wezoLwakhiwo lomhlaba .
Ubuncinane, iingxelo ezipheleleyo ezintathu othe waziqulunqa okanye obe negalelo elikhulu kuzo. Ukuba akukwazi ukuzingenisa ezo ngxelo ngenxa yemfihlelo ethile, elo galelo kufuneka libe nokuqinisekiswa.
Ubungqina obufungelweyo obucacisa ukuba lo ngumsebenzi wakho kwaye ucacise indima yakho oyidlalileyo kwezo ngxelo uzifakileyo.
Ubungqina obufungelweyo babantu ababini obakhethileyo abanokungqinisisa ngezakhono zakho kweli candelo lakho lomsebenzi.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ubhaliso lungathatha iiveki ezi-6 ukuya kwezi-8, kuxhomekeke ekungenisweni kwamaxwebhu afunwayo.
Iqela labantu ababini ubuncinane abonyulwe yiKomiti eCebisayo yezemiSebenzi yeSACNASP liya kudlana indlebe nawe.
Isiphumo sovavanyo siya kwaziwa kuphela emva kwentlanganiso yeBhunga.
Entla
Iindleko
Ukufaka imali ebhankeni ngeintanethi nokufaka imali ngqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama kunye nefani ukuchonga intlawulo yakho kwingxelo yethu yebhanki, uze uthumele ngefekisi ubungqina bentlawlo leyo kunye nephepha LOKUQALA lefomu yakho yesicelo kule nombolo 012 841 1057.
Iinkcukacha zokubhankisha:
Ikhowudi yesebe lebhanki: 164445
Inombolo yeakhawunti: 1644292289
Entla
Entla
