Isicelo somnyenyevu wentlalo, wokuphuma embandezelweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Inkcazelo
Umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni luncediso lwexeshana olunikwa abantu abakwinzima nenkxwaleko yokuswela kangangokuba abanako ukufezekisa nkqu nezona mfuno zingundoqo nezisisiseko zeentsapho zabo.
Ngubani ongafumana umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni?
Urhulumente angakunika umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni ukubangaba ukwilixa lobunzima. Obu bunzima bungaba ngenxa yezi meko zilandelayo:
udinga uncedo ngelilixa ulinde iigranti zabantwana ziphunyezwe ngurhulumente uhlelwe yinto embi okanye intlekele, umzekelo utshelwe yindlu awuvumelekanga ufumane igranti, yaye usengxingweni awunako kwaye awukulungelanga ukusebenza ngenxa yempilo - oku kuthetha ukuba uyagula iinyanga ezingaphantsi kwesithandathu awunako ukufumana isapoti komnye umzali womntwana okanye wabantwana umntu olithemba lokondla usapho ubhubhile umntu olithemba lokondla usapho uvalelwe entolongweni ixeshana elifutshane , okanye uchatshazelwe yintlekele, kodwa ummandla okanye indawo ohlala kuyo ayibhengezwanga njengommandla wentlekele.
Ukunika ntoni urhulumente?
UMnyenyevu weNtlalo wokuPhuma eMbandezelweni ungawunikwa ngokwesiqhuma sokutya okanye ngokwetikiti lokuthenga ukutya. Amanye amaphondo alunika ngokwemali olu ncediso. UMnyenyevu weNtlalo wokuPhuma eMbandezelweni unikwa ixeshana elifutshane kuphela - idla ngokuba lixesha elithi ga kwiinyanga ezintathu, yaye maxa wambi lingaya kutsho kwiinyanga ezintandathu.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo somnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni kwi-ofisi yoPhuhliso lweNtlalo ekufuphi kuwe.
Hambisa ezi ncwadi zilandelayo nesicelo sakho:
Incwadi yakho yesazisi enomqukumbelo nemivo yamanani eli 13 kunye nezatifiketi zokuzalwa zabantwana bakho.
Lamaphepha alandelayo ayafuneka ukuze ufake isicelo, xa incwadi yesazisi okanye isitifiketi singekho:
Kukwafuneka unike ubungqina bezi zinto zilandelayo:
wenze isicelo segranti uthwaxwe yimeko emaxongo uzamile ukufumana isapoti awunankxaso ingenye utshatile, uqhawule umtshato okanye awutshatanga awunamali ekungenelayo, okanye unokhubazeko lwempilo lwexeshana elifutshane.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo sakho siyakuphunyezwa ngoko nangoko.
Nokuba awunazo zonke ezi ncwadi ziyimfuneko, uyakusifumana isiqhuma sokutya, itikiti lokuthenga ukutya okanye imali yenyanga yokuqala, ngaphandle kwazo.
Ungalibali ke kodwa ukusa zonke iincwadi kwigosa phambi kokuba kufike ixesha lentlawulo yenyanga yesibini. Ukuba awuzisanga iincwadi, usenokungasifumani isiqhuma sokutya, itikiti lokuthenga ukutya okanye imali yenyanga yesibini neyesithathu.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.
Entla
