UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ingqesho
Ukufaka Ibango Lembuyekezo Ngokonzakala okanye Izigulo Ozifumene Emsebenzini
Ukufaka Ibango Lembuyekezo Ngokonzakala okanye Izigulo Ozifumene Emsebenzini
INKCAZELO:
Abasebenzi abonzakele okanye abathe bahlaselwa sisifo ngenxa omsebenzi wabo banakho ukufaka ibango lemali esuka kwiNgxowa-mali Yembuyekezo. Iintsapho zabo nazo zinakho ukufaka amabango ukuba umntu obebonelela ngenkxaso nokuphila kwamalungu azo uthe wasutywa kukufa ngenxa yesifo okanye ukonzakala akufumene emsebenzini.
Ngubani onokufaka ibango?
Ngubani onokufaka imali kule Ngxowa-mali?
Kokuphi ukwenzakala nezifo ezihlawulelwayo?
Ulifaka njani ibango?
Ngubani ohlawula ibango elo?
NGUBANI ONOKUFAKA IBANGO LEMBUYEKEZO YOMSEBENZI?
Ingxowa-mali Yembuyekezo ihlawulela abasebenzi:
Abahlaselwe sisifo ngenxa yomsebenzi wabo
Abasweleke kwingozi eyenzeke kwindawo yokusebenzela okanye izifo ezinobungozi.
Ungafaka ibango ukuba wonzakele okanye wahlaselwa sisifo ngexa:
Usebenza (isigxina okanye okwethutyana)
ungumsebenzi wasemakhitshini oqeshwe kwikhaya nje labucala ulilungu loMkhosi WezoKhuselo WomZantsi Afrika(kukho ingxowa-mali eyahlukileyo apha)
ulilungu leeNkonzo zobuPolisa zoMzantsi A frika(kukho ingxowa-mali eyahlukileyo apha)
ungumsebenzi ongasebenzi phantsi kolawulo lomqeshi wakho umsebenzi osebenza ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika iinyanga ezingaphaya kwe-12 ixesha ngalinye.
Ungafaka ibango ukuba:
ungumsebenzi wasemakhitshhini kwindlu eqeshisayo umntu osebenzela ukufumana amava okanye umsebenzi wasezifama osephantsi koqeqesho umsebenzi ohlawulwa liziko lengqesho.
Amabango anokuhlawulwa kuphela ukuba angeniswe ngendlela efanelekileyo, ngexesha elikufaneleyo oko. Amabango awasokuse ahlawulwe ukuba:
Ibango elo lenziwe emva kweenyanga ezili-12 yenzeka ingozi okanye ukusweleka, okanye emva kokuba sifunyanisiwe isifo eso.
Awuphangelanga iintsuku ezintathu okanye ngaphantsi.
Ingozi leyo isisizathu sento engalunganga oyenzileyo(ngaphandle kokuba umsebenzi lowo wonzakele ngokumasikizi okanye usweleke kuloo ngozi, iNgxowa-mali le kuseza kufuneka iyihlawule imbuyekezo).
Wala ngaphandle kwesizathu esibambekayo ukufumana unyango.
NGUBANI OFAKA IMALI KULE NGXOWA-MALI?
Abaqeshi bafaka intlawulo kube kanye ngenyanga kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo. Abasebenzi abahlawuli kwaphela kule kwiNgxowa-mali le. Abaqeshi abanakutsala mali kwimivuzo yabasebenzi ukuzama ukuncedisana nale Ngxowa-mali.
KOKUPHI UKWENZAKALA NEZIFO EZIHLAWULWAYO APHA?
Ingxowa-mali le ihlawula izifo ezifunyanwa emsebenzini kwakunye neengozi ezifunyenwe emsebenzini.
Ezi zifo zifumaneka emsebenzini zizigulo ezenziwa ngamachiza okanye iimeko umsebenzi lowo athe wabe usebenza phantsi kwazo emsebenzini. Ungafaka ibango lembuyekezo ukuba usebenza phantsi kwezi meko ze uhlaselwe sisifo esiza ngqo ngenxa yezo meko.
Iimeko nezifo ekusetyenzwa phantsi kwazo ezivela ngenxa yezi meko ezihlawulelwayo yiNgxowa-mali yeMbuyekezo ziveziwe kuSchedule 3 yoMthetho ohambisana noku.
Unokulifaka ibango lezinye izifo kuphela ukuba unakho ukunikezela ngobungqina usebenzisa iimpepha neengxelo ezisuka kugqirha okanye esibhedlele ezingqina ukuba isifo eso size ngenxa yeemeko osebenza phantsi kwazo emsebenzini.
Ingxowa-mali le ikwahlawulela ukwenzakala okuvele ngenxa yomsebenzi okanye kwindawo yokusebenzela.
Kukho iindidi ezintlanu zembuyekezo:
Ukukhubazeka okwethutyana
Ukukhubazeka isigxina ukusweleka inkcitho ngonyango olufumeneyo imbuyekezo eyongezelelweyo.
Ingxowa-mali Yembuyekezo ayiyihlawuleli intlungu nelahleko, ihlawulela kuphela ukulahlekelwa kukushukumisa okanye ukusebenzisa umzimba wakho.
Isixa sembuyekezo esiya kuhlawulwa kumsebenzi sixhomekeke ekubeni umsebenzi lowo ebehlawulwa umvuzo ongakanani ukuhlaselwa kwakhe koko kwenzakala okanye ukufunyaniswa kweso sifo. Ukuba ubusele uyekile ukusebenz ngexa kufunyaniswa isifo eso, imbuyekezo iya kwenziwa ngokuthi kuzanywe ukubalwa ukuba mhlawumbi ukuba ubusaphangela ubuya kuhlawulwa malini na.
UKUKHUBAZEKA OKWETHUTYANA
Yintoni ukukhubazeka okwethutyana?
Ukukhubazeka okwethutyana kuxa ungakwazi kusebenza okanye ungenakho ukuwenza wonke umsebenzi wakho ngenxa yokwenzakala okanye isifo kodwa useza kuba ngcono.
Ukufaka ibango loku, kufuneka ukhutshwe emsebenzini ngugqirha iintsuku ezigqithileyo kwisithathu. Ukuba ukhutshwe emsebenzini iintsuku ezigqithileyo kwisithathu, uya kuhlawulelwa lonke ixesha ongakwazi kuphangela ngalo (kuquka ezo ntsuku zokuqala zintathu).
Uhlawulwa ntoni?
Ukuba awunakusebenza konke-konke uya kuhlawulwa i75% (oko kukuthi isithathu kwisine somvuzo wakho wesiqhelo - 3/4).
Ukuba unokwenza kuphela omnye womsebenzi wakho, useza kuhlawulwa omnye umvuzo ngumqeshi wakho. Ingxowa-mali le iya kukuhlawula isithathu kwisine okanye i75% (3/4) eyintsalela ephakathi kwesixa osihlawulweyo kwakunye nesixa obunokusihlawulwa ngaphambi kokwenzakala.
Zonke iindleko zonyango nazo ziyahlawulwa ukuba ii-akhawunti zinikezelwa kumKomishinala.
Unokufaka ibango lexesha elingakanani?
Unokufaka ibango lokukhubazeka okwethutyana iinyanga de zibe li-12. Oku kunokongezwa kube ziinyanga ezingama-24. Emva kweenyanga ezingama-24 uMkomishinala unokuthatha isigqibo sokuba imeko isisgxina ze anikezele ngembuyekezo yokukhubazeka isigxina.
UKUKHUBAZEKA ISIGXINA
Yintoni ukukhubazeka isigxina?
Ukukhubazeka isigxina kukwenzakala oknaye isigulo umsebenzi lowo angenakuze aphile kuso, umzekelo, ukulahlekelwa liliso. Ubunzima okanye ubunzulu boko kukhubazeka kuko okuxela ukuba umsebenzi lo akanakuze akwazi kuphinda asebenze okanye kuya kuba nzima kusini na ukuphinda afumane omnye umsebenzi.
Izimo zokukhubazeka zithelekelelwa ukusuka ku-100% ukuya ku-1% kuxhomekeke kubunzulu bokukhubazeka oko. Umzekelo, i100% iya kuba kukulahlekelwa zizandla zakho zombini okanye ukulahlekelwa kukubona. Ukulahlekelwa luzwane lwakho oluncinci kukukhubazeka okuyi-1%.
Ugqirha wakho uya kubhala ingxelo yezonyango ngoko kukhubazeka. Emva koko uMkomishinala nabanye oogqirha baya kugqiba ekubeni ukukhubazeka oko kunzima okanye kunzulu kangakanani na.
Ufumana imbuyekezo engakanani?
Ukuba ukukhubazeka oko kungaphaya kokukhubazeka okuyi-30%, uya kufumana umhlala-phantsi nyanga zonke. Ubungakanani bomhlala-phantsi wakho buxhomekeke ekubeni ubufumana umvuzo ongakanani nasebunzulwini bokukhubazeka oko. Ukuba une-100% yokukhubazeka, uya kuhlawulwa i75% 3/4 yomvuzo wakho. Ukuba ukukhubazeka akukho nzima okanye nzulu kakhulu, le ndlela ilandelayo iyakusetyenziswa ekufikeleleni kwintlawulo yenyanga nganye: umvuzo
ukukhubazeka% ÷ 100.
Imbuyekezo le iya kuhlawulwa ixesha elingakanani?
Le ntywenka yesixa yintlawulo enikezelwa kube kanye yonke kube kugqityiwe. Intlawulo yenyanga nganye iya kuhlawulwa impilo yalo msebenzi.
IZIBONELELO ZOKUSWELEKA
Iukuba umntu obonelela ngenkxaso kusapho lwakho wathi wasutywa kukufa ngenxa yokwenzakala okanye isifo esenziwa lichiza okanye ziimeko zendawo yokusebenzela, unako ukufaka ibango kule Ngxowa-mali.
Isixa sembuyekezo onokusihlawulwa sixhomekeke kubudlelwane bakho nomsebenzi lo ungasekhoyo. Isixa semali esihlawulwa usapho asinakuba ngaphezu komhlala-phantsi umfi lo angewufumene ukuba ubusisithathu somvuzo wakhe wenyanga (3/4).
Umlingane womfi uya kuhlawulwa:
isixa semali esiyi-2 x 3/4 yomvuzo womsebenzi umhlala-phantsi wenyanga oyi-40% x 3/4 yomvuzo womsebenzi lowo
Abantwana bomsebenzi abangaphantsi kwe-18 leminyaka ubudala (oko kuquka nabangaphandle komtshato, abacelwa kubazali babo njengamalungu amatsha osapho lwakhe, nabomlingane wakhe) banelungelo lokufumana umhlala-phantsi oyi-20% x 3/4 yomvuzo womsebenzi. Ku kuhlawulwa nyanga zonke de umntwana abe ne-18 leminyka ubudala. Lo mhlala-phantsi unokuqhubekeka ngokuthi wongezwe ukuba umntwana lowo ugula ukhubazeke ngokwasengqondweni okanye ngokwamalungu omzimba.
Ukuba akukho mlingane okanye bantwana, abanye abantu abebexhomekeke kulo msebenzi baya kunikwa imbuyekezo(umzekelo, abazali). Ababtu abebexhomekeke ngokupheleleyo kumsebenzi lowo bafumana isixa esilingana nesinikwa umhlokazi. Abantu abebengaxhomekekanga ngokupheleleyo kulo msebenzi bafumana intlawulo enye esixa sixhomekeka ekubeni bebexhomekeke kangakanani na kuye.
Ukufaka ibango ngokufa kwelungu losapho, kufuneka unikezele ngeziqinisekiso ezigximfiziweyo ezizezi:
IINDLEKO ZONYANGO
Zonke iindleko zonyango zomsebenzi lowo ziya kuhlawulelwa de kube yiminyaka emibini emva kosuku lwengozi okanye lokufunyaniswa kwesifo. Zonke iingxelo ngamatyala onyango kufuneka kufuneka zingeniswe kuMkomishinala. Oku kuquka iintlawulo zokuthuthwa komsebenzi owonzakeleyo ukuya esibhedlele okanye ekhayeni lakhe.
IMBUYEKEZO EYONGEZIWEYO
Njengesongezelelo kwimbuyekezo le iqhelekileyo, unokuyifumana imbuyekezo esisongezelelo ukuba ukwenzakala okanye isifo eso senzeka ngenxa yokungakhathali komqeshi okanye ibe yingxaki nomatshini. Nawuphi na umsebenzi ongaphantsi kwama-26 eminyaka ubudala uya kuyifumana imbuyekezo eyongeziweyo.
IMIYALELO:
ULIFAKA NJANI IBANGO?
Kwiintsuku nje ezili-14 zokudibana nomsebenzi, ugqirha kufuneka agcwalise iphetshana u-WCL4 apho anika ingxelo ngobuzaza bomonzakalo nokuba lingakanani ixesha umsebenzi lo anokungabonakali ngalo emsebenzini. Oku kuthunyelwa kumqeshi othi yena akuthumele kuMkomishinala.
Umqeshwa akazihlawuli iindleko zikagqirha. Kodwa ke ukuba ufuna izimvo ezizezinye, kuyakufuneka ukuhlawulele oku.
Ukuba ukonzakala kuya kuthatha ixesha elide ukuze kuphile, ugqirha kufuneka athumele ingxelo yendlela oqhuba ngayo (kwiphetshana u-WCL 5) kuMkomishinala nyanga zonke de kube kanti imeko leyo izinze ngokupheleleyo. Oku kwazisa uMkomishinala ngobude bexesha umsewbenzi lowo anokungabonakali ngalo emsebenzini.
Okokugqibela, ugqirha kufuneka engenise ingxelo kagqirha yokugqibela (kwiphetshana u-WCL5) exela ukuba umsebenzi ukulungele kusini na ukusebenza okanye ukhubazeke isigxina. Ugqirha kufuneka athumele eli phetshana kumqeshi oyakuthi yena alithumele kuMkomishinala.
Xa umsebenzi ebuyela emsebenzini, umqeshi kufuneka athumele ingxelo yokuphindela (kwiphetshana u-WCL6) kuMkonmishinala exela ukuba umsebenzi ubuyele nini emsebenzini nokuthi uhlawulwe malini na njengembuyekezo.
Umsebenzi nomqeshi kufuneka bazigcine zonke iimpepha ezinezinkcukacha.
Xa ingxelo yokuqala kagqirha ingeniswe nengxelo yengozi, uMkomishinala Weembuyekezo uyakuliqwalasela ibango elo ze enze isigqibo. Inombolo yebango elo iya kunikezelwa. Inombolo le kufuneka isetyenziselwe yonke imisebebzi yeempepha enento yokwenza neli bango.
Unokuqhagamshelana noMkomishinala okanye nayiphi na I-Ofisi yomMandla yeSebe leMisebenzi ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe okanye uncedo. Iimpepha zamabango ziyafumaneka kwi:
Ofisi yeNtshona Koloni yeSebe leMisebenzi
NGUBANI OHLAWULA IBANGO?
Umkomishinala Weembuyekezo uqeshelwe ukulawula iNgxowa-mali le ze aphumeze namabango abasebenzi. Umsebenzi ufumana imali kule Ngxowa-mali, hayi kumqeshi.
KODWA umqeshi kufuneka ahlawule umsebenzi owonzakeleyo ngeenyanga ezintathu zokuqala emva koknzakala. Ingxowa-mali Yeembuyekezo yona iya kumbuyisela umqeshi emva kwexeshana.
Ukuba umsebenzi akaphangeli iinyanga ezingaphezu kwesithathu, uMkomishinala Weembuyekezo ukuthathela kuye ukuhlawulwa kwalo ,sebenzi nyanga nganye.
Qaphela: Iintlawulo zamabango zithatha ixesha elide ukuphunyezwa.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uNovemba 2006
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
