UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezolimo
Uncedo-mali & Nenkxaso
INKCAZELO:
I-LRAD ijolise kubantu abaMnyama, kwaye iya kubanceda ukuba bakwazi ukuba namathuba awongezelelekileyo okufumana imihlaba yolimo abaya kuthi bayisebenzise, ibe yeyabo, ngokuthi ibanike uncedo-mali. Olu ncedo-mali lukaRhulumente lukhutshwa simahla, kwaye akukho mfuneko yookuba lubuyiswe. Kambe ke, into elindelekileyo kukuba abo bafake izicelo mabafake isandla nabo ngokukhupha imali engama-R5,000, ubuncinane, igalelo elo ke eliya kuncedisa kwiindleko zabasebenzi nezezixhobo zokusebenza. Xa igalelo lalowo ufaka isicelo lithe kratya, luthi kratya noncediso-mali lukaRhulumente.
Intshayelelo
Lungakanani uncediso-mali?
Uncediso ngokucwangcisa nokusetyenziswa kweeprojekthi
Ngubani ofanele kulufumana olu ncediso-mali?
Indlela yokufaka isicelo
Inkcazelo ngendlela yoqhagamshelwano
INTSHAYELELO
Ukunika abantu ababefudula besingelwe phantsi amathuba angcono okufumana imihlaba yolimo.
Ukuncedisa abantu abahlala kwimimandla yasemaphandleni ngeendlela zokuphucula umgangatho wobomi babo.
Ukuqinisekisa ukuba umhlaba okhoyo usetyenziswa ngokufanelekileyo nangempumelelo.
The IPhulo le-LRAD liphulwana lenkqubo yokwabiwa ngokutsha komhlaba liSebe leMicimbi yoMhlaba. Lijoliswe ngokukodwa ekunikezeleni ngomhlaba kumafama amnyama ngenjongo yokulimela ukuziphilisa okanye intengiso yaye liqhutywa ngentsebenziswano liSebe lezeMihlaba nelezoLimo.
I-LRAD izama ukuphelisa ukungcola okwenziwa kumakhosikazi okwakufudula kusenzeka phaya phambili, ngokuphathelele ke kumathuba okufikelela nawokufumana umhlaba ongowawo. Amakhosikazi ke ngoko ayakwazi ngoku ukuba afake izicelo zoncedo-mali lwawo ngokwawo nje umntu eyedwa, engafuni njengengxenye yosapho.
I-LRAD ijoliswe kuBantu abaMnyama, yaye iya kubanceda ukuba bakwazi ukuba namathuba awongezelekileyo okufumana imihlaba yolimo abaya kuthi bayisebenzise, ibe yeyabo ngokuthi ibanike uncedo-mali. Olu ncedo-mali lukaRhulumente likhutshwa simahla yaye akukho mfuneka yakuba lubuyiswe. Kambe ke, into elindelekileyo kukuba abo bafake izicelo bafake izandla nabo ngokukhupha imali engama-R5,000 ubuncinane, galelo elo liya kuthi lincedise kwiindleko zabasebenzi nezezixhobo zokusebenza. Xa igalelo lalowo ufaka isicelo lithe kratya, luthi kratya noncedo-mali lukaRhulumente.
LUNGAKANANI UNCEDO-MALI?
Ukuze umfaki-sicelo abufumane ubuncinane boncedo-mali olungama-R20,000, kufuneka naye afake isandla ngemali engama-R5,000 ubuncinane; kanti ke xa umntu enokwenza igalelo lama-R400,000 angalufumana luphelele lonke uncediso-mali olufika kuma-R100,000 apho luphela khona.
Olu ncedo-mali lungasetyenziselwa ukuthenga umhlaba, ukuthenga izibonelelo zokuncedisa kumalinge olimo, ekwenzeni amagalelo exeshana elifutshane kwezolimo, nasekuphuculeni imeko yomhlaba wolimo, xa ngaba lowo ufaka isicelo ngumntu osele enawo umhlaba wolimo. Kanti ke umntu unakho nokuba angafaka isicelo soncediso-mali, ukuba ngaba unomhlaba awuqeshileyo kungoku nje, khona ukuze awuthenge ekuhambeni kwethuba ube ngowakhe.
UNCEDO NGOKUCWANGCISWA NOKUSETYENZISWA KWEEPROJEKTHI
ISebe leMicimbi yoMhlaba liza kuqinisekisa ukuba abafak-izicelo abafuna uncedo bayalunikwa uncedo lokuba badityaniswe nabagunyaziswa abangabacwangcisi abaya kuthi ke babanike uncedo ekucwangciseni nasekuqhubeni iiprojekthi ezi. ISebe eli liya kubahlawula ngokwalo abo bagunyaziswa bangabacwangcisi xa ngaba bathe bakhethwa ngale ndlela. Loo nto ke ayisayi kuluchaphazela nganto uncediso-mali abanokuthi balufumane.
Abafaki-zocelo abanakho ukuba bangazifunela abagunyaziswa abangabacwangcisi, bakwazi nokubahlawula ngokwabo, bangakwenza oko bengadanga baba baqala ngokudlana iindlebe neSebe eli. Loo nto kunjalo nje ingathatyathwa njengokuba ligalelo athe umntu walenza.
NGUBANI OFANELE KULUFUMANA OLU NCEDO-MALI?
Ngabemi boMzantsi Afrika abangaphezu kwe-18 leminyaka ubudala abasuka kwiindawo ebezifudula zisingelwe phantsi ngokwamalungelo abaya kuqwalaselwa kolu ncedo-mali. Nakubeni kunokuba ngcono kakhulu xa abafaki-zicelo bengabantu abanamava kwezolimo, loo nto asingomqathango ubekwa njengemfuneko. Abantu abakhe balufumana uncedo-mali (lwe-R16,000) kwiSebe eli nabo bangazifaka izicelo kwakhona, kodwa izicelo eziya kuqala ziqwalaselwe zezo zabo bantu baqalayo ukufaka izicelo. Loo mali anokuyinikwa umntu njengoncediso-mali iya kuxhomekeka ekubeni oluya wayelufumene kuqala uncedo-mali lona lwalungakanani na.
Olu xwebhu luqulunqwe ngeenjongo zokunceda abafundi ngenkcazelo emalunga nephulo le-LRAD, nkcazelo leyo efana neenjongo zalo, nezona ndawo ziziziganga eziphambili apha kulo. Kananjalo luya kubanceda abafundi ekuziboneni ukuba ngaba bangakwazi na ukuthatha inxaxheba kweli phulo, nokuba bangenza njani na xa befaka izicelo zoncedo-mali olufumaneka ngokusebenzisa eli phulo.
Kananjalo olu xwebhu luya kubanika izikhokelo abafundi kule nkqubo okanye kulo mjikelo weeprojekthi ekuceetyiswa ukuba ulandelwe kuzo zonke iiprojekthi ze-LRAD, yaye luya kungenisa nesinye isigama esisetyenziswayo, namagama nezilungiselelo zakwaRhulumente eziyingxenye yeli phulo le-LRAD.
IMIYALELO:
INDLELA YOKUFAKA ISICELO
Xa ufuna ukwenza isicelo soncediso-mali, kufuneka ukuba uye kucela ifomu yokwenza isicelo kwi-ofisi yeSebe lezoLimo okanye kweyeleMicimbi yoMhlaba ekufutshane kuwe. Emva kokuba amagosa eSebe lezoLimo eye ayivavanyisisa le ngcinga ifomu yobhaliso iya kuthunyelwa kwi-ofisi yeSebe leMicimbi yoMhlaba yesithili apho ke umcwangcisi aya kuthi ayiqwalasele iprojekthi leyo. Amagosa eSebe leMicimbi yoMhlaba nawelezoLimo aya kuthi alungiselele iindibano zengcaciso nabo bbonke abo bachaphazelekayo ngenxaxheba yabo, ze ke athi apho kukho imfuneko yoko anyule nomgunyaziswa ongumcwangcisi oya kuthi ancedise ngocwangciso lweprojekthi leyo.
IBhanki yezeMihlaba iya kuba yiyo elawula uncedo-mali lwe-LRAD ukuba ngaba abafaki-zicelo bafaka izicelo zemali-mboleko yeBhanki yezeMihlaba okanye banqwenela ukuthenga umhlaba ongoweBhanki yezeMihlaba. Abo bahambe kakuhle kwizicelo zabo banokuthi ke uncediso-mali lwe-LRAD balufumane ngqo ngeBhanki yeziMihlaba. Kwiimeko ezinjalo ke, le fomu yesicelo izaliswe yagqitywa kufuneka ukuba ifakwe kwiBhanki yeziMihlaba ekufutshane okanye kwisetyana layo elikufutshane.
Izicwangciso zoshishino ezigqityiweyo ziya kuthi ziphicothwe phaya ezithilini, nto leyo ke ethi ilishunqule kakhulu ixesha ekufuneka lithatyathwe ekuqhutyweni kweeprojekthi leyo. Kuthi ke nje ukuba kubonwe ukuba iprojekthi leyo noko ingamkelwa njengeprojekthi enokwenzeka, uMlawuli wePhondo weMicimbi yoMhlaba akhuphe ugunyaziso lokuba uncediso-mali olo maluhlawulwe.
INKCAZELO NGOQHAGAMSHELWANO
Xa ufuna inkcazelo eyenye, qhagamshelana no:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IXABISO:
Olu ncedo-mali lukaRhulumente lukhutshwa simahla, yaye akukho mfuneko yokuba lubuyiswe. Kambe ke, into elindelekileyo kukuba abo bafake izicelo mabafake isandla nabo ngokukhupha imali engama-R5,000, ubuncinane, igalelo elo ke eliya kuncedisa kwiindleko zabasebenzi okanye zezolimo. Imali eninzi esuka kumfaki-sicelo lwenza ukuba noncedo-mali olo lube luninzi. Ukufumana esona sixa sincinci soncedo-mali esiyi-R20,000, umfaki-sicelo kufuneka ancedise ngamaR5,000, ngelixa igalelo eliyi-R400,000 lifuneka ukuze umfaki-sicelo afumane esona sixa sikhulu soncedo-mali esiyi-R100,000.
YAYAMENE
Iinkxaso-mali Zomhlaba (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
