UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezothutho
Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho
Ukubhaliswa Kwesithuthi
Ukubhaliswa Kwesithuthi
INKCAZELO:
Xa sitshintsha siba sesomnye umntu.
Emva kweentsuku ezingama-31 sihluthiwe isithuthi.
Xa ilifa liqoshelisiwe emva komnini-sithuthi.
IMIYALELO:
Xa uthenga isithuthi kufuneka usibhalise egameni lakho kwisithuba seentsuku ezingama-21.
Ukubhalisa isithuthi esitsha, kufuneka iphetshana lokubhalisa elingu-RLV kwiziko lobhaliso zithuthi, uphathe:
ISazisi sakho
Isiqinisekiso somenzi waso.
Kufuneka ube uyayazi inombolo yomzimba wesithuthi okanye eyenjini yesithuthi yakho.
Ukubhalisa isithuthi ebesisesomnye umntu, kufuneka ufake iphetshana lokubhalisa elingu-RLV kwiziko lobhaliso lwezithuthi, uphathe:
amaxwebhu into echaza ukuba imoto leyo ibhaliswe (phantsi kwegama lomntu lowo obengumniniyo)
isiqinisekiso sokuba isithuthi eso sikulungele ukuba sendleleni into engqina ukuba sithengiwe isithuthi eso.
Xa isithuthi sibhalisiwe isiqinisekiso sobhaliso siya kunikwa umnini waso.
Ukuba isithuthi sakho siye safakelwa ilungu okanye sakhiwa ngokutsha, umzekelo safakelwa injini entsha, eso sithuthi kufuneka siphinde sibhaliswe kwakhona. Kule meko, kufuneka ufumane isiqinisekiso esingqina ukuba akukho nto igwenxa emapoliseni kwanesiqinisekiso sokuba isithuthi eso sikulungele ukuba sendleleni ngaphambi kokuba ube nokusibhalisa isithuthi sakho.
Qaphela: Kukwakho nezinto ezizezinye ezifunekayo kwisithuthi ebesikhe asabhaliswa, ezongeza kwizinto ezifunwa kwindla-lifa yalowo ungasekhoyo, ukuthinjwa kwaso, ezifumaneke ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika okanye xa sasixeliwe ukuba sebiwa.
La mabakala amaziko:
Amaziko Okuvavanya Iinqwelo-mafutha
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Imali Yokubhalisa: R69.00
Ukuba awusibhalisi isithuthi sakho kwisithuba seentsuku ezingama-21 usifumene, uya kohlwaywa.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
