UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezothutho
Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho
Amaphepha-mvume Okuqhuba
Amaphepha-mvume Okuqhuba
INKCAZELO:
Umthetho umisela ukuba kufuneka imana ukuhlaziywa qho ngonyaka iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho. Ngumsebenzi wakho wena njengomnini-sithuthi, kukuqinisekisa ukuba liyahlaziywa iphepha-mvume lakho lokuqhuba ngaphambi kokuba liphelelwe. Ukuba ngaba alihlaziywanga kuya kufuneka wohlwayiwe.Unikwa ixeshana ezlingangeentsuku ezingama-21 emva kokuba sele liphelile ixesha lokuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba apho uye uhlawule intlawulo eqhelekileyo yephepha-mvume lokuqhuba isithuthi kungafakwa sohlwayo.
IMIYALELO:
Ukusenzela iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho, , kufuneka uthumele iphetshana lesicelo elingu-ALV kwiziko elibhalisa izithuthi, uphathe kunye nesazisi sakho, imali engummiselo ekhutshwayo kunye neyazo naziphi na izohlwayo kwanemali esisemva ngayo isithuthi eso.
Kungenjalo, ungeza naso nesaziso sokuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba (iphetshana lesicelo u-MVL2) ukuba unayo. Ezi zaziso zithunyelwa ngeposi qho ngenyanga kubo bonke abanini-zimoto esele lisondele ixesha lokuba lihlaziywe kwakhona iphepha-mvume lokuqhuba.
Ukufumana enye ingcaciso, tsalela uMichael Gallant Kwicandelo lezoLawulo lobhaliso lwezithuthi kule nombolo 021 483 2058 okanye udibane neziko lobhaliso lwezithuthi elikufuphi nawe.
La mabakala amaziko:
Amaziko Okuvavanya Iinqwelo-mafutha
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Imali ehlawulelwa ilayisenisi ixhomekeke kubunzima besithuthi.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
