UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
Isebe Lemicimbi Yekhaya
IiNkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
Ezohambo
Ukufaka isicelo seNcwadana Yokundwendwela
Ukufaka isicelo seNcwadana Yokundwendwela
UBUME
IINKONZO
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Ukuba ungummi woMzantsi Afrika yaye uhambela elinye ilizwe, kuza kufuneka ube nencwadana yokundwendwela yaseMzantsi Afrika.
Kukho iindidi ngeendidi zeencwadana zokundwendwela:
INCWADANA YOKUNDWENDWELA YABATYELELI
Iincwadana zokundwendwela zeendwendwe zinikezelwa kubemi boMzantsi Afrika abangaphezu kwe-16 leminyaka ubudala.
Ukuze ufake isicelo kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-73 ze ulingenise kwiSebe Lekhaya elilapha eMzantsi Afrika, okanye ukuba ungaphandle kwemida yeli, kumzi wozakuzo woMzantsi Afrika okanye kubathunywa beli.
Kusafuneka :
ube nesiqinisekiso sesazisi unikezele ngemifanekiso yakho emibini yencwadana yokutyelela unikezele ngemigca yeminwe yakho uhlawule intlawulo eyi-R165.
Kuya kuthatha malunga neeveki ezintandathu ukuba sigqitywe isicelo sakho ze kunikezelwe incwadana leyo yokundwendwela.
Le ncwadana yokundwendwela iya kusebenza ixesha elilishumi leminyaka.
INCWADANA YOKUNDWENDWELA YOMNTWANA
Le ncwadana inikezelwa kubantwana baseMzantsi Afrika abangaphantsi kwe -16 leminyaka bezelwe.
Ukuze ufake isicelo kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-73 ze ulingenise kwi-ofisi yeSebe LezeKhaya elapha eMzantsi Afrika, okanye ukuba ungaphandle kwemida yeli, ulingenise kumzi wozakuzo wase Mzantsi Afrika okanye kubathunywa beli.
Kusafuneka :
ube nesiqinisekiso sesazisi unikezele ngemifanekiso yakho emibini yencwadana yokundwendwela unikezele ngemigca yeminwe yakho unikezele intlawulo eyi-R125.
Kuya kuthatha malunga neeveki ezintandathu ukuze isicelo sakho sigqitywe ze kunikezelwe nencwadana leyo yokundwendwela.
Le ncwadana yokundwendwela isebenza iminyaka emihlanu.
INCWADANA YOKUNDWENDWELA YEGOSA
Le ncwadana yokundwendwela inikezelwa kumagosa oMzantsi Afrika ahambela imiba yemisebenzi karhulumente.
Ukuze ufake isicelo kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-73 ze ulingenise kwi-ofisi yeSebe Lemicimbi yezeKhaya elapha eMzantsi Afrika okanye, ukuba ungaphandle kwemida yeli, uyifake kumzi wozakuzo woMzantsi Afrika okanye kubathunywa.
Kuza kufuneka ukuba:
ube nesiqinisekiso sesazisi unikezele ngemifanekiso yakho yencwadana yokundwela emibini unikezele ngemigca yeminwe yakho.
Le ncwadana yokundwendwela isebenza ixesha eliyiminyaka emihlanu.
ISIQINISEKISO SOKUHAMBA NGAMAXESHA EEMEKO EZINGXAMISEKILEYO
Eli phetshana linokunikezelwa kubemi boMzantsi Afrika abafuna ukuhamba ngokukhawuleza futhi kungekho xesha laneleyo lakufaka sicelo sencwadana yokundwendwela.
Ukuze ufake isicelo, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-73 ze ulingenise kwi-ofisi yeSebe lezeKhaya elapha eMzantsi Afrika okanye, ukuba ungaphaya kwemida yeli, kumzi wozakuzo okanye kubathunywa beli.
Kuza kufuneka:
ube nesiqinisekiso sesazisi sakho unikezele ngemifanekiso yakho yencwadana yokundwendwela emibini unikezele ngemigca yeminwe yakho unikezele intlawulo eyi-R76.
Kuya kuthatha malunga neveki enye ukuze isicelo sakho siphunyezwe ze nesiqinisekiso eso sikhutshwe.
Esi siqinisekiso sisebenza iinyanga ezintandathu yaye sinokukhutshelwa kuphela uhambo olunye.
INCWADANA YOKUNDWENDWELA YEXESHANA ELINCINCI
Le ncwadana yokundwendwela inikezelwa kubemi boMzantsi Afrika ekufuneka behambe ngokukhawuleza ngesizathu esibambekayo futhi abangenakho ukulinda iincwadana iziqhelekileyo zokundwendwela ukuba zikhutshwe.
Ukuze ufake isicelo, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-73 ze ulingenise kwi-ofisi yeSebe lemicimcbi yeKhaya okanye, ukuba ungaphaya kwemida yeli, kuMzi Wozakuzo okanye kubathunywa beli.
Kuza kufuneka ukuba:
ube nesiqinisekiso sesazisi sakho unikezele ngemifanekiso yakho yencwadana yokundwendwela emibini unikezele ngemigca yeminwe yakho unikezele intlawulo eyi-R96.
Kuya kuthatha malunga neveki enye ukuba isicelo sakho siphunyezwe ze nencwadana leyo yokundwendwela ikhutshwe.
Isiqinisekiso esi siyakusebenza iinyanga ezili-12.
Nceda uqaphele ukuba intlawulo eyi-R12 kufuneka ihlawulwe ukuze kuthunyelwe imigca yeminwe ngefeksi ukuba kufuneka ziqinisekiswe ngokukhawuleza.
IPHEPHA ELENZELWE IINJONGO ZOKUHAMBA
Eli phepha linikezelwa kubantu abafumene isiqinisekiso sokuba ngabahlali abasisigxina eMzantsi Afrika abangenakufumana zimpepha zakuhamba kumazwe abo okuzalwa, umzekelo, iimbacu nabantu abangenambuso abahlala eMzantsi Afrika ngokusemthethweni.
Ukuze ufake isicelo, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-73 ze ulingenise kwi-ofisi yeSebe lezeKhaya engaphakathi kwimida yeli, okanye, ukuba ungaphandle kwemida, ulifake kumzi wozakuzo okanye wabathunywa boMzantsi Afrika.
Kuza kufuneka ukuba:
ube nesiqinisekiso sesazisi sakho unikezele ngemifanekiso yakho yencwadi yokundwendwela unikezele ngemigca yeminwe yakho unikezele intlawulo eyi-R120.
Kuya kuthatha malunga neeveki ezintandathu ukuba isicelo eso siphunyezwe ze kunikezelwe lencwadana yokundwendwela yexeshana elincinci
Eli phetshana liya kusebenza iminyaka emihlanu.
IMIYALELO:
Ngeenkcukacha ezithe vetshe, ndwendwela I-website yeSebe LezeKhaya okanye uqhagamshelane ne-Ofisi ekufutshane nawe yeSebe LezeKhaya.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IXABISO:
Incwadana Yokundwendwela
Eyokuqala
Eyesibini
Incwadana Yokundwendwela Yabatyeleli
Incwadana Yokundwendwela Yabantwana
Incwadana Yokundwendwela Yamagosa
Ayikho
Ayikho
Incwadana Yokundwendwela Engxamisekileyo
Incwadana Yokundwendwela Yexeshana
YAYAMENE
IMvume Yokufunda, Eyokuphangela Nezinye Iintlobo Zemvume (IiNkonzo)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uNovemba 2006
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
