UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezotyelelo & Nezohambo
INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho
INkxaso-mali yeProjekthi kuHlahlo lwabiwo-mali lweCandelo loMlawuli oyiNtloko: uKhenketho
INKCAZELO:
ICandelo loMlawuli oyiNtloko: uPhuhliso lwezoKhenketho lunohlahlo lwabiwo-mali lwarhoqo ngonyaka ekuxhaseni ngemali iiprojekthi ezinceda ekukhuliseni ishishini lezokhenketho. Oku kukhula kungabonwa ngeendlela ezininzi ezohlukeneyo, umzekelo, ngokudaleka kwamathuba emisebenzi, uqeqesho okanye uphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi. Imfanelo yokufumana inkxaso-mali incinci phantsi koluhlu lwezinto ezikhoyo, ezinjengeenkampani okanye ii-NGO zeCandelo 21, neziqwalasele iingingqi nezisekelwe kwimimandla yoluntu.
Iinkcukacha ezigcweleyo zeenjongo zenkxaso-mali, ilungelo, indlela emisiweyo yokufumana oku, iindidi zemisebenzi ekufuneka ixhaswe ngemali, ukukhutshelwa ngaphandle, imigaqo yokwenziwa kwezicelo kunye namaphetshana ezicelo angafumaneka kwiNcwadi yoMgaqo-nkqubo weNgxowa-mali 1/1
Ukuba unqwenela ukufumana ilungelo kule nkxaso-mali, kufuneka ufezekise inani le migaqo emisiweyo. Umzekelo, inkampani yakho kufuneka iqhubekeke kwaye kuya kufuneka ukuba igqithise ingxelo yonyaka.
Oku kulandelayo yimizekelo yemisebenzi enokuthi ixhaswe ngemali liSebe:
uqeqesho uphuhliso lweendlela zokhenketho amaziko engcaciso okanye olwazi kubakhenkethi ukucetyiswa iimpawu uncwadi olunxulumene nophuhliso lwamashishini asakhulayo.
Inkxaso-mali ayifumaneki ekuhlawuleni iibhonasi okanye imivuzo, incedisa ekuqwalaseleni amaxabiso awenziwe yinto ekhoyo okanye inani lezinye izinto ezingezinye.
IMIYALELO:
INcwadi yoMgaqo-nkqubo weNkxaso-mali inikeza lonke ulwazi olunxulumene nale ngxowa-mali ukuquka iinkcukacha ezigcweleyo zenkqubo yokwenziwa kwezicelo.
Izicelo kufuneka zenziwe kumaphetshana ezicelo achaziweyo nafumaneka kwiSebe (inombolo yomnxeba: 021 483 4165). Iikopi zala maphetshana nazo zikwafumaneka njengenxenye yeNcwadi yoMgaqo-nkqubo weNkxaso-mali.
Izicelo kunyaka ngamnye zivalwa ngomhla wama-31 kweyeKhala, uvavanyo lwenziwa ngenyanga yeThupha neyoMsintsi ze iminikelo yaziswe kweyeDwarha kwakulo nyaka mnye.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
