UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Iinkonzo Zoluntu
Abantwana & Neentsapho
Ukufumana Umyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana
Ukufumana Umyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana
INKCAZELO:
Bobabini abazali banoxanduva olusemthethweni lokuxhasa umntwana.
Umzali omnye angafaka isicelo kwiNkundla Yesondlo Sabantwana ukuba inyanzele omnye umzali ukuba ahlawule inkxaso-mali yesondlo sabantwana babo. Ngokwesiqhelo umama uya kufaka isicelo sokuba kuyalelwe utata ukuba ahlawule.
Ukuba abantwana abahlali nonina okanye noyise, umntu obahoyileyo angafaka isicelo senkxaso-mali yesondlo esuka kubazali abo. Umzekelo, ukuba umntwana uhlala nabazali babazali bakhe, abo bazali bangafaka isicelo sokufumana inkxaso-mali yesondlo somntwana lowo kuyise nonina womntwana.
Xa sele kukho umyalelo wenkundla eyalela umzali ukuba ahlawule inkxasomali yesondlo somntwana, kululwaphulo-mthetho ukungahlawuli.
Kukho iiNkundla zabucala zeNkxaso-mali Yesondlo Sabantwana kuyo yonke iNkundla kaMantyi. Kukho amagosa enkxaso-mali yesondlo asebenza kwezi nkundla ngokunceda abantu abafuna ukufaka izicelo zenkxaso-mali yesondlo sabantwana. La magosa akwasebenza nangezicelo zokwandiswa okanye zokucuthwa kwenkxaso-mali yesondlo.
IMIYALELO:
Le yinkqubo ende nenzima yaye isenokuthabatha ixesha elide. Ukufaka isicelo somyalelo wenkxaso-mali yesondlo somntwana kuyise womntwana wakho, kufuneka:
uye kwi-Ofisi Yenkxaso-mali ye sondlo kwiNkundla Yenkxaso-mali Yesondlo Sabantwana ekwingingqi yakho ukuya kufaka isicelo somyalelo wenkundla. Uya kudinga:
Igama nedilesi kayise womntwana, neenkcukacha zendawo asebenza kuyo
Umfanekiso kayise lowo (ukuba ukho)
Incwadana yakho yesazisi
Iziqinisekiso zokuzalwa kwabantwana
Incwadana yembalelwano esuka kwinqununu yesikolo kumntwana oyintanga yesikolo
Ikopi yomyalelo wokuqhawulwa komtshato(ukuba naqhawula umtshato)
Ubungqina bengeniso yakho(enjengomvuzo okanye iphepha elichaza isixa somvuzo wakho)
Iimpepha zakho, iziqinisekiso zentlawulo nee-accounts, zibonisa konke ekufuneka ukuhlawule ngenyanga
I-Ofisi yenkxaso-mali yesondlo somntwana iya kuthumela incwadana enyanzelisa uyise womntwana ukuba eze kwi-ofisi yenkxaso-mali yesondlo sabantwana ngosuku oluthile.
Ngolo suku, wena noyise womntwana kufuneka niye kwi-ofisi yenkxaso-mali yesondlo sabantwana ukuze nifikelele kwisigqibo sokuba uyise lo makabahlawulele malini na abantwana bakhe.
Igosa lenkundla yenkxaso-mali yesondlo sabantwana liya kukunceda uze nezinto ekumele uzihlawule ngenyanga, isixa somvuzo wakho nesixa somvuzo kayise womntwana.
Ukuba uyise womntwana uthi yena akanguye tu uyise walo mntwana, kufuneka ucele inkundla iyalele ukwenziwa kovavanyo olungqina loo ndoda ngenene ayinguye uyise womntwana.
Ukuba uyavuma ukuba uyise wabantwana makabahlawulele isixa esithile abantwana bakhe, igosa lenkundla yenkxaso-mali yesondlo somntwana liya kudinga ukuba nityikitye iphepha elibizwa ngokuba ngumyalelo wenkundla. Oku kuthi uyise womntwana kufuneka ahlawule isixa semali ekuvunyelwene ngaso ngeveki okanye ngenyanga.
Ukuba awuvumi, okanye ukuba akafiki kule ofisi ngolwa suku, igosa liya kuthi ityala maliye kwiNkundla Yenkxaso-mali Yesondlo Sabantwana. Inkundla le ithumela imiyalezo kuwe noyise womntwana isithi yizani kule Nkundla ngosuku oluthile.
Umantyi uya kuphula-phula amabali abazali bobabini. Inkundla le iya kucela unina noyise womntwana ukuba babonise ukuba barhola malini na nokuba bahlawula malini na ngenyanga kwizinto ezifana nerente, umbane nokutya.
Umantyi uya kuthi athabathe isigqibo sokuba uyise wabantwana makabahlawulele malini na abantwana bakhe. Umantyi uya kwenza esi sixa sibe ngumyalelo wenkundla, ngembalelwano.
Uyise wabantwana kufuneka ahlawule isixa senkxaso yesondlo sabantwana ngeveki okanye ngenyanga kwi-ofisi yenkxaso-mali yesondlo sabantwana. Uyise lo usenakho nokuyihlawula le mali kwi-account yebhanki kanina wabantwana. Oku kuya konga ixesha likamama lokuya kulanda le mali kule ofisi.
Ukufumana iinkcukacha ezizezinye qhagamshelana negosa lenkxaso-mali yesondlo sabantwana kwiNkundla kaMantyi ekufutshane nawe.
La mabakala amaziko:
INkundla kaMantyi
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ukunyanzelisa Ukuthotyelwa Komyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
