UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IiNkonzo
Ubomi & Nosapho
Usapho & Nobuzali
Ukunyanzelisa Ukuthotyelwa Komyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana
Ukunyanzelisa Ukuthotyelwa Komyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Ukuba inkundla iyalele umzali ukuba ahlawule inkxaso-mali yesondlo somntwana, kululwaphulo-mthetho ukungahlawuli.
IMIYALELO:
Ukuba uyise womntwana akayihlawuli inkxaso-mali yesondlo somntwana naxa inkundla sele imyalele ukuba ayihlawule, kufuneka:
Uye kwi-ofisi yenkxaso-mali yesondlo sabantwana ukhalaze. Kubalulekile ukuba wenze isikhalazo esisesikweni ngalo lonke ixesha uyise womntwana engahlawuli.
I-ofisi yenkxaso-mali yesondlo sabantwana iyazigcina iinkcukacha zazo zonke iintlawulo azenzayo uyise womntwana. Ezi nkcukacha ziya kubonisa xa engahlawuli nokuba usemva ngamalini na.
Ukuba uyise womntwana uyaphangela ze angaphumeleli ukwenza intlawulo yesondlo somntwana, unina womntwana kufuneka acele inkundla yenze umyalelo wokufumana le ntlawulo isuka ngqo kumqeshi kayise womntwana.
Ukuba uyise womntwana nangoku akahlawuli, akawuthobeli umyalelo wenkundla. Oku kululwaphulo-mthetho. Inkundla iya kuthumela uyise isaziso esimcela ukuba eze enkundleni ngosuku oluthile. Kuya kufuneka ke achaze ukuba kutheni engakwazanga kuhlawula. Ukuba akanasizathu sibambekayo, inkundla ke ngokwesiqhelo iya kumxelela ukuba makahlawule yonke imali asemva ngayo, okanye uya kuthunyelwa ejele.
Kukho abantu ababizwa ngokuba ngabaphandi benkxaso-mali yesondlo sabantwana abaya kunceda igosa lenkxaso-mali yesondlo sabantwana ukuba lifumane uyise womntwana ukuba uthe waduka.
Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana negosa lenkxaso-mali yesondlo sabantwana kwiNkundla kaMantyi ekufutshane nawe.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukufumana Umyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
