UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IiNkonzo
Ubomi & Nosapho
Sebenza & Ufunde
IMvume Yokufunda, Eyokuphangela Nezinye Iintlobo Zemvume
IMvume Yokufunda, Eyokuphangela Nezinye Iintlobo Zemvume
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Phambi kokuba ungene eMzantsi Afrika, kufuneka ube nencwadana yokundwendwela yexeshana. Kwizibuko lokungena, incwadana leyo iya kuthathwa ze wena unikwe iphepha-mvume lokuhlala kweli ixeshana elixela ukuba unokuhlala ixesha elingakanani yaye ngasiphi na isizathu. Kufuneka ufake izicelo ezixela izizathu zondwendwe lwakho, phambi kokuba uze kweli lizwe.
Kukho iintlobo-ntlobo zeemvume, ezixhomekeka kwizizathu ezibangela ukuba ufune ukuza kweli lizwe:
imvume yeendwendwe - yeyabantu abandwendwela uMzantsi Afrika imvume yezozakuzo - eyenzelwe oonozakuzaku imvume yokufunda- yenzelwe abantu abafuna ukufunda eMzantsi Afrika imvume yothetha-thethwano - iimvume zokuhlala okwethutyana ezenzelwe abantu ekufuneka bekweli ngenxa yesivumelwano samazwe ngamazwe imvume yoshishino - eyenzelwe abantu abafuna ukurhweba okanye bathenge ishishini eMzantsi Afrika imvume yabasebenzi benqanawa - eyenzelwe abasebenzi beenqanawa imvume yokufumana unyango - imvume yeenyanga ezintathu yabantu abafuna unyango eMzantsi Afrika imvume yezizalwane - eyenzelwe abantu abanezizalwane eziseMzantsi Afrika imvume yomntu osethathe umhla-phantsi - eyenzelwe abantu abanengeniso eqingqiweyo yomhlala-phantsi kwilizwe labo lokuzalwa imvume yotshintsho - eyenzelwe abantu abathatha inxaxheba kwiinkqubo zotshintshiselwano ngenkcubeko, ezoqoqosho kwakunye nezoluntu jikelele.
Awuvumelekanga ukuba ufunde ngemvume yokuphangela, okanye uphangele ngeyokufunda.
Awunakungena kweli lizwe de ufumane imvume encanyathiselwe kwincwadana yakho yokundwendwela, ngaphandle kokuba sele unayo imvume futhi ufuna ukuyitshintshela kwenye.
Izicelo zeemvume zilawulwa nguMthetho Wokufudukela Kweli ka-2002.
IIMVUME ZOKUPHANGELA
Kukho iintlobo-ntlobo zeemvume zokuphangela:
imvume yokuphangela ngokusebenza ngezabelo imvume yokusebenza nawuphi na umsebenzi imvume yabasebenzi abanobuchule obukhethekileyo imvume yokutshintshelwa kwelinye isebe lenkampani oyisebenzelayo imvume yokuphangela yequmrhu
Isebe eli liyazivumela izicelo zeemvume zokuphangela ezixhonywe ekubeni ukho na okanye hayi ummi weli onokufakwa kweso sithuba somsebenzi sikhoyo. Ukuba ukho, ambalwa amathuba okuba isicelo eso siphumelele.
Isebe eli sele lizivumela izicelo zeemvume zokuphangela kwabasebenzi abangundoqo (umzekelo igosa lolawulo eliyintloko) yeenkampani zamanye amazwe ezirhweba eMzantsi Afrika.
Umthetho Wokufudukela Kweli wazise ngendlela yeemvume zokusebenza ngezabelo.
IMIYALELO:
Sifakwa njani isicelo semvume yokusebenza?
Sifakwa njani isicelo semvume yokufunda?
IIMVUME ZOKUPHANGELA
Kufuneka ufake iphetshana lesicelo uBI-159 kummeli wozakuzo womzantsi Afrika kwilizwe osoloko uhlala kulo okanye ilizwe onencwadana yalo yokundwendwela.
Ungasifaka isicelo nakwigqwetha okanye umthunywa waseMzantsi Afrika onamandla okukusebenzela njengegqwetha.
Isicelo sakho kufuneka sikhatshwe:
sisibonelelo esiluqilima somsebenzi incwadi esuka kulowo uza kukuqesha exela usuku esi sithuba esivele ngalo, sasasazwa njani yaye kutheni kunyanzeleke ukuba kude kuqeshwe umntu ongengommi woMzantsi Afrika.
Intlawulo yesicelo semvume yokuphangela ngasinye imalunga ne-US$186 yaye njengesiqhelo ithatha iiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi elinesibini. Izicelo zabasebenzi abangundoqo zona zithatha malunga neeveki ezimbini.
Xa isicelo sakho sele sigqityiwe, impendulo ithunyelwa ngefeksi kubameli boMzantsi Afrika kwilizwe ofake isicelo ukulo.
IIMVUME ZOKUFUNDA
Kufuneka kuqala ufake isicelo sokwamkelwa njengomfundi kwiziko lemfundo ephakamileyo ofuna ukufunda kulo. Xa ufumana incwadi ethi usathathiwe, ungafaka isicelo semvume yokufunda.
Kufuneka uye kumzi wozakuzo woMzantsi Afrika ufake isicelo sale mvume. Kuya kufuneka ukuba ugcwalise iphetshana lesicelo u-B1-159. Oku kufuneka kukhatshwe:
Yintlawulo efunwayo.
YIncwadi engqina ukuba usathathiwe njengomfundi esuka kwiziko lemfundo ofuna ukufunda kulo.
Ziinkcukacha ngamalungiselelo endawo oza kuhlala kuyo.
Bubungqina bokuba ungazihlawula iindleko zemfundo nokuhlala kwakho ze nawe ube nako ukuzixhasa.
Isifungo esibhaliweyo sokuba uya kubuyela kwilizwe ohlala kulo okanye lakokwenu xa uzigqibile izifundo zakho.
Ingxelo kagqirha wakho eqinisekisa ukuba usempilweni.
Ukuba isicelo sakho siyaphumelela, uya kunikwa isiqinisekiso sokundwendwela amaxesha amaninzi.
Sinokuthatha ukuya kwiiveki ezisibhozo ukuba siphunyezwe. Awunakho ukungena eMzantsi Afrika de ube uyinikiwe le mvume.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukufaka Isicelo Sephepha-mvume Lokundwendwela uMzantsi Afrika (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
