UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ubomi & Nosapho
Ukuzazisa, Ukufudukela Kweli Kommi Welinye Ilizwe & Nobumi
INKCAZELO:
Incwadi Yesazisi yincwadi yaseburhulumenteni esetyenziselwa ukuzazisa. Ilizwe ngalinye kufuneka likwazi ukubazi abemi balo. Amaziko abucala nakawonke-wonke nawo afuna ubungqina bokuba ungulo mntu uthi unguye(umzekelo, ukwenzela ukubhankisha nokuvota).
Ungayifumana incwadana yesazisi yase Mzantsi Afrika ukuba ungummi weli okanye umhali osisigxina yaye ukuba uneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu uzelwe.
Ukuba incwadana yakho yesazisi ilahlekile, ibiwe okanye yonakele, unokufaka isicelo senye. Usenako ukuyifumana incwadana yesazisi entsha ukuba:
Iinkcukacha zakho zitshintshile.
Imeko yakho yobumi beli itshintshile.
Utshintshe ifani yakho (umzekelo, ukuba uyatshata okanye waphule umtshato).
Usahlala okwethutyana kwelinye ilizwe yaye ubukhe ngaphambili wanayo incwadana yesazisi yaseMzantSI Afrika.
Abantu abafudukele kweli abaneemvume ezisebenzayo zokuba ngabahlali besigxina bangazifumana iincwadi zezazisi nabo.
Incwadana yesazisi yethutyana isebenza njengobungqina bokuzazisa kwakho ngexa usalinde isicelo sakho sencwadana yesazisi ukuba iphunyezwe. Le ncwadana yeyokusetyenziswa ithutyana elincinci kuphela.
IMIYALELO:
Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngokufaka isicelo sencwadana yesazisi, ndwendwela I- website yeSebe Lemicimbi YeKhaya.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
