UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IiNkonzo
Ubomi & Nosapho
Ukubeleka
Ukubhalisa Ukuzalwa Komntwana Wakho
Ukubhalisa Ukuzalwa Komntwana Wakho
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Kufuneka ubhalise ukuzalwa komntwana wakho emva nje kweentsuku ezingamashumi amathathu kwenzikile oko.
Xa ubhalisa umntwana, uya kufumana isiqinisekiso sokuzalwa esishwankathelweyo simahla.
Ukuba utshatile, umntwana uya kubhaliswa ngegama likayise. Kodwa ke, ukuba akutshatanga, umntwana angabhaliswa ngegama likayise okanye likanina.
Ukuba akumbhalisi umntwaa wakho kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe, kuya kufuneka unikezele ngezinye iinkcukacha ukuze umbhalise:
Ukumbhalisa kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe
Ukumbhalisa emva kweentsuku ezingamashumi amathathu, kodwa ngaphambi kokuphela konyaka
Ukumbhalisa emva konyaka, kodwa ngaphambi kweshumi elinesihlanu leminyaka
Ukumbhalisa emva kweshumi elinesihlanu leminyaka ezelwe
Abantwana abazalelwe ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika
Iinkcukacha Zoqhagamshelwano
Qwalasela: Akuyomfuneko ukubhalisa ukuzalwa komntwana, ukuba umntwana uzelwe engasaphili.
IMIYALELO:
UKUMBHALISA KWIINTSUKU NJE EZINGAMASHUMI AMATHATHU EZELWE
Ukuze ubhalise umntwana wakho, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa komntwana elingu-BI-24 ze ulingenise kweyona ofisi yeSebe Lemicimbi Yekhaya ikufutshane nawe. Eli phetshana liqulethe inkcazo ngomntwana lowo (isini, njalo-njalo) kwakunye negama nefani yomntwana. Abazali kufuneka beze neencwadana zabo zezazisi ndawonye nesiqinisekiso sasesibhedlele okanye ikhadi laseklinikhi lomntwana.
UKUMBHALISA EMVA KWAMASHUMI AMATHATHU EENTSUKU, KODWA NGAPHAMBI KOKUPHELA KONYAKA
Ukuba akukhange ukubhalise ukuzalwa komntwana wakho kwiintsuku ezingamashumi amathathu zokuqala ezelwe umntwana, kodwa umntwana usengaphantsi konyaka ubudala, kufuneka ugcwalise ipetshana lokubhaliswa komntwana u-BI-24, ze ucacise futhi ukuba kutheni ungazange ukubhalise ukuzalwa komntwana wakho kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe umntwana lowo.
UKUMBHALISA EMVA KONYAKA, KODWA NGAPHAMBI KWESHUMI ELINESIHLANU LEMINYAKA
Ukuba umntwana ungaphezulu konyaka kodwa usengaphantsi kweshumi elinesihlanu leminyaka, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa kwakhe u-BI-24/1 ze ulingenise ndawonye nezizathu ezibhaliweyo ezichaza ukuba kutheni engazange abhaliswe kwiintsuku zokuqala ezingamashumi amathathu ezelwe nje. Uya kudinga:
Iintetho neziqinisekiso ezifungelweyo zabazali okanye ke, kwimeko apho abazali bangasaphiliyo, ezisuka kwisizalwane esisondeleyo ngokuzalana nomntwana lo, sizalwane eso simshiya ngeshumi leminyaka ubuncinci umntwana lowo, esiya kuqinisekisa iinkcukacha nobume bakhe.
kunye
Neempepha ezingqina iinkcukacha nobume bomntwana lowo, umzekelo:
Isiqinisekiso esisuka kwisibhedlele okanye ikhaya lokubelekisa apho umntwana wazalelwa khona, esityikitywe ngumntu ophetheyo futhi esiqulethe istampu seziko elo.
Ukuqinisekiswa kweenkcukacha zomntwana njengoko zikho kwiincwadi zesikolo sakhe. Esi siqinisekiso kufuneka sibe kwiimpepha ezisesikweni neziqulethe uphawu lwesi sikolo, sityikitywe yinqununu futhi kufuneka siqulathe istampu sesikolo eso
Isiqinisekiso sokuphehlelelwa komntwana.
Ikhadi lomntwana laseklinikhi.
Iingxelo zendlela umntwana aqhuba ngayo esikolweni.
UKUMBHALISA EMVA KWESHUMI ELINESIHLANU LEMINYAKA EZELWE
Ukuba ungaphezu kweshumi elinesihlanu leminyaka ubudala futhi awuzange ubhaliswe emva kokuzalwa, isicelo sokubhaliswa kokuzalwa kwakho kufuneka sikhaphe isicelo sakho seNcwadana Yesazisi. Kufuneka ungenise iphetshana lesicelo u-BI-24/15 ndawonye no-BI-9 (oliphetshana lokufaka isicelo sencwadana yesazisi).
Uya kudinga:
Iziqinisekiso neentetho ezifungelweyo ezisuka kubazali, ze kwimeko apho abazali bangasaphiliyo, isizalwane esisondeleyo nesimshiya ngeshumi leminyaka ubudala umntwana lowo ubuncinci, kufuneka ziqinisekise iinkcukacha nobume bomntwana.
kunye
Neempepha ezingqina iinkcukacha nobume bakho, umzekelo:
Isiqinisekiso esisuka kwisibhedlele okanye ikhaya lokubelekisa owazalelwa kulo, esityikitywe ngumntu ophethe apho nesiqulethe istampu esisesikweni selo ziko.
Ukuqinisekiswa kweenkcukacha zakho njengoko zibonakala kwiimpepha zesikolo sakho sokuqala. Isiqinisekiso esi kufuneka sibonakale kwiphepha elinophawu olusesikweni lwesikolo esi, sityikitywe yinqununu yesikolo, futhi siqulathe istampu esisesikweni sesi sikolo.
Isiqinisekiso sokuphehlelelwa kwakho.
Ikhadi lakho laseklinikhi.
Iingxelo zendlela oqhuba ngayo esikolweni.
ABANTWANA ABAZALELWE NGAPHANDLE KWEMIDA YOMZANTSI AFRIKA
Ukuba umntwana wakho uzelelwe ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika kodwa omnye wabazali abe engummi woMzantsi Afrika, ungatyelela iziko loonozaku-zaku okanye labathunywa boMzantsi Afrika elikwelo lizwe ukuze ubhalise ukuzalwa komntwana lowo.
nephetshana u-BI-529 Elinemibuzo Ngobuzwe Nobumi bakho isiqinisekiso esiqinisekisiweyo sokuzalelwa komntwana wakho kwelo lizwe nesiqulethe iinkcukacha ezigcweleyo zabazali bakhe kwimeko apho umntwana angaphezu kweshumi elinesihlanu leminyaka nangaphezulu ubudala, iphetshana lesicelo sokubhalisa ukuzalwa komntwana, kudingeka ugcwalise u-BI-9, oliphetshana lesicelo sencwadana yesazisi.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, tyelela iwebsite yeSebe Lemicimbi Yekhaya okanye uqhagamshelane neyona ofisi yeSebe Lemicimbi Yekhaya ikufutshane nawe.
Akukho ntlawulo idingekayo xa ubhalisa ukuzalwa komntwana.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukufaka Isicelo seSiqinisekiso Sokuzalwa (IiNkonzo)
Ukubhalisa Ukudluliselwa Komntwana Kubazali Abatsha (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
