UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezezindlu
Iinkxaso-mali & Noncedo Lokuthenga Nokuzakhela Izindlu
Iinkxaso-mali Zomhlaba
Iinkxaso-mali Zomhlaba
INKCAZELO:
Amasebe esizwe amabini, Elemicimbi Yemihlaba Nelezindlu anikezela ngeenkxaso-mali nangoncedo-mali lokuthenga okanye ukuphuhlisa imihlaba nezindlu. Nawuphi na umzi unokufumana ukuya kuma kwishumi elinesithandathu lamawaka eerandi kuncedo-mali lokuthenga nokuphuhlisa izindlu. Ayiyomali-mboleko le futhi akudingeki ukuba iphinde ibuyiswe.
Isebe Lemicimbi Yemihlaba libonelela ngezi nkxaso-mali zilandelayo:
Inkxaso-mali Yokufumana Umhlaba Nokuzinza Kuwo
Inkxaso-mali Yokucwangcisa Ukuzinza Kuloo Mhlaba
Inkxaso-mali Yokufumana Umhlaba Koorhulumente Bamakhaya
Inkxaso-mali Yokunikezelwa Komhlaba Ngeenjongo Zophuhliso Lolimo
IINKXASO-MALI ZOKUFUMAMA UMHLABA KWANEZO ZOKUZINZA EMHLABENI
Ukuba uhlala kuloo mhlaba futhi ufuna ukuwuthenga okanye ufumane imvume yokuhlala kuwo isigxina, ungasifaka isicelo sezi nkxaso-mali. Zisenokusetyenziselwa ukwakha izindlu nokufakelwa kwemibhobho yamanzi, ucoceko, imigaqo neengcingo.
Ukuze ube nokufaka isicelo sale nkxaso-mali, kufuneka:
ube ngummi woMzantsi Afrika ube ngaphezu kweshumi elinesibhozo leminyaka ubudala ube nabantu okanye abantwana abaxhomekeke kuwe okanye uhlale nomnye umntu omdala uhlale kwikhaya elifumana ingeniso engaphantsi kwewaka elinesihlanu lamakhulu eerandi ngenyanga.
Ukuba amakhaya afuna ukufaka izicelo kunye angakwenza oko. Ingeniso yekhaya ngalinye kufuneka ibe ngaphantsi kwewaka elinamakhulu amahlanu eerandi ngenyanga.
Iinkxaso-mali ziya kunikezelwa:
kubantu abangenamihlaba, ingakumbi amakhosikazi abasebenzi basezifama neentsapho zabo abaqashwa abahlala emisebenzini neentsapho zabo abahlali abafuna ukuba ngabanini abakhuselekileyo bemihlaba abahlala kuyo abantu abakumashishini abafuna imihlaba emaphandleni ukuze bavelise kuwo izivuno zabo abantu abafumana umhlaba ngokwemisebenzi yenkqubo yokubuyiselwa komhlaba eluntwini abantu abaphulukana nomhlaba ngexesha lenkqubo localu-calulo ngokobuhlanga kodwa bengenakufumana mihlaba ngokwemigaqo yomthetho iRestitution of Land Act.
INKXASO-MALI YOCWANGCISO LOKUZINZA EMHLABENI
Le nkxaso-mali ingasetyenziselwa ukuqesha abacwangcisi nezinye iingcali zize kuncedisa ekucwangcisweni kokuzinza. Inokuhlawulela iinkonzo ezifana neentlawulo zamagqwetha, ucwangciso lokusetyenziswa komhlaba kwanokucwangciswa kwezibonelelo zokwakha nokuphuhlisa loo mhlaba.
Le nkxaso-mali yahlula-hlulwa njengesahlulelo umzi ngamnye onokusifumana kule nkqubo yokuzinza kuloo mhlaba. Isixa esihlawulwa iingcali sitsalwa kweli shumi linesithandathu samawaka eerandi sifunyanwa ngumzi ngamnye.
Ukuze ube nokufaka isicelo sale nkxaso-mali, kufuneka:
Ukhethe ummeli wasekuhlaleni ukuba afakele abahlali abo isicelo.
Uqhagamshelane ne-ofisi ekufutshane nawe yeSebe Lemicimbi Yemihlaba ze ugcwalise nephetshana lesicelo.
INKXASO-MALI YOKUFUMANA UMHLABA KOORHULUMENTE BAMAKHAYA
Le nkxaso-mali yenzelwe ukunceda oorhulumente bamakhaya ukuba bathengele abahlali imihlaba ukuze baphilise imfuyo yabo futhi batyale nezivuno zabo kuyo. Amalungu asekuhlaleni angaya kurhulumente weso sithili okanye wesixeko sabo acele ukukhutshwa komhlaba ongowabahlali bonke ukuze wonke ubani apho abe nokuvelisa kuwo. Basenakho nokuqhagamshelana neSebe Lemicimbi Yemihlaba lephondo labo.
Abasemagunyeni kurhulumente wekhaya baya:
Kufaka igalelo kwiintlawulo zaloo mhlaba.
Kubonisa iSebe Lemicimbi Yemihlaba iimpepha zezimali zabo.
Kuzinikela ekuqinisekiseni ukuba umhlaba lo uya kunikezelwa kuphela kubona bahlali bahluphekileyo.
Kunikezela ngoluhlu lwamalungu asekuhlaleni aya kusebenzisa loo mhlaba.
Kunikezela ngesicwangciso esisuka kubahlali nesicacisa ukuba umhlaba lowo uya kusetyenziswa njani na
IMIYALELO:
Inombolo Yomnxeba: 021 483 4020
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
