UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezezindlu
Iinkxaso-mali & Noncedo Lokuthenga Nokuzakhela Izindlu
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu
INKCAZELO:
ICandelo loLawulo loLwakhiwo-zindlu lunceda oomaspala, iingingqi kunye nabantu abathabatha inxaxheba ngolwazi kunye neengcebiso ngokubhekiselele kwiNkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu(PHP).
Ithi kwakho iqwalasele, ilawule izicelo ze-PHP ze inikezele ngeemvume zokuqaliswa kweeprojekti.
INkqubo Yabantu Yokwakhiwa Kwezindlu yindlela yokunceda abantu abanelungelo lokufumana inkxaso-mali yezindlu ze ukwenza oku kube lulutho ze bathi abantu bazakhele okanye baququzelele ulwakhiwo lwamakhaya abo ngokwabo. Inceda amakhaya ukuba abe nokuzuza inkxaso-mali ze afumane inkxaso ebhekiselele kubuchule, kwimali, kwindlela zokusebenza kunye nolawulo ngokunxulumene nolwakhiwo lwamakhaya abo.
IMIYALELO:
Iinkcukacha zoqhagamshelwano
KUTHENI UTHABATHA INXAXHEBA NJE KWINKQUBO YOLWAKHIWO-ZINDLU YABANTU?
Abantu abazakhela amakhaya abo ngokwabo okanye abaququzelela ulwakhiwo lwamakhaya abo ngokwabo, banakho ukwakha izindlu ezingcono ngexabiso elingabhekele phi.
INkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu yenza ukuba:
ulondoloze kwiindleko zentlawulo yabasebenzi kuba unakho ukuzenzela omnye umsebenzi wokwakha ngokwakho okanye ngokusebenza kunye nosapho lwakho, abamelwane, abahlobo okanye abanye abaze kukuncedisa.
Ube nokuthintela ukuhlawula ingeniso kubaphuhlisi.
Ukwandiswa kokusetyenziswa kwezigqibo ezizezakho.
INGABA ISEBENZA NJANI LE NKQUBO YOLWAKHIWO-ZINDLU YABANTU?
Ngokuphandle, iNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu ikuvulela ithuba lokusebenzisa inkxaso-mali ukwakha indlu yakho. Uncedo lobugcisa kunye nenkxaso kule nkqubo lubaluleke kakhulu. Ngoko ke wonke umntu othabatha inxaxheba kule nkqubo kufuneka enoMbutho Oxhasayo. Lo mbutho unikezela ngenkxaso kubugcisa obuza kuthi buqinisekise ukuba indlu yakhiwa ngendlela eyiyo.
UWUYILA NJANI LO MBUTHO UXHASAYO?
Ukuze ube nakho ukuthabatha inxaxheba kwiNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu, uMbutho Oxhasayo kufuneka usekwe. Abaxhamli bangathi:
bazenze babe ngamalungu alo Mbutho Uxhasayo, okanye bachonge uMbutho Oxhasayo onekhono ze bangene kwisivumelwano kunye nawo.
UMbutho Oxhasayo kufuneka ube ngumbutho osemthethweni.
IKhowudi Yokwakhiwa Kwezindlu iqulethe iinkcukacha:
Ngendlela yokuyilwa kombutho oxhasayo.
Ngendlela yokwenza isivumelwano nombutho oxhasayo.
Ngeendidi zemibutho exhasayo.
Ngendlela enokuthi imibutho exhasayo iqhube ngayo indlela yenkxaso yolawulo lobugcisa.
Ngobungakanani benkxaso ekufuneka inikezelwe ngumbutho oxhasayo.
Ngendima edlalwa ngumbutho oxhasayo ekuthengweni kwempahla nezixhobo zokwakha.
Ngeemfuno zokusekwa kwe-ofisi ephezulu.
Nge-akhawunti yebhanka ekufuneka lo mbutho uxhasayo uyivulile.
Ngokuqalisa nokuseka iminikelo ekhoyo nevulelekileyo kumbutho oxhasayo.
Ngemfuno yokokuba umbutho oxhasayo kufuneka utyumbe okanye uqeshe umqinisekisi kunye nomlawuli we-akhawunti.
NGUBANI ONGENZA ISICELO?
Ukuze ube selungelweni kule nkqubo, kufuneka:
Ube utshatile okanye uyahlalisana nomnye umntu okanye ube unabantu abaxhomekeke kuwe ngokwezimali.
Ube ungummi ngokusemthethweni weli loMzantsi Afrika.
Ube nalo ikhono ngokusemthethweni lokungena kwisivumelwano. Oko kukuthi, kufuneka ube ungaphezulu kweminyaka engama-21 ubudala okanye mawube utshatile yaye unengqondo ephilileyo.
Wamkela isixa somvuzo ohlangeneyo ongekho ngaphantsi kwama-R3 500 ngenyanga.
Ube akuzange ufumane inkxaso-mali kuRhulumente ngaphambili yokuthenga indlu.
Ube uyaqala ukuba ngumnini-ndlu/ngumnini-mhlaba.
Ube nakho ukuyila okanye ukungena kwisivumelwano noMbutho Oxhasayo osemthethweni. UMbutho Oxhasayo uya kukunika inkxaso yobugcisa nolawulo.
USENZA NJANI ISICELO?
UMbutho Oxhasayo ungenisa isicelo kwiBhodi yoPhuhliso yoLwakhiwo-zindlu yePhondo egameni labaxhamli.
Isicelo kufuneka sihambelane neemfuno ezithile zodidi lwenkxaso-mali yolwakhiwo-ndlu ekwenziwa isicelo salo. Unakho ukwenza isicelo senkxaso-mali yolwakhiwo-zindlu elandelayo njengenxalenye yeNkqubo yoLwakhiwo-zindlu yaBantu:
inkxaso-mali emanyeneyo inkxaso-mali enxulumene neprojekti inkxaso-mali yeziko inkxaso-mali yophuhliso lwamaphandle.
Isicelo kufuneka sidwelise iindlela ekuvunyelwene ngazo yokwahlula imbambano phakathi koMbutho Oxhasayo kunye neentsapho ezixhamlayo kwimeko apho kunokuthi kuvele ukungqubana kwezimvo nokungavani ngeli xesha kuqhutywa iprojekti.
Kukwakho nezinye iimfuno ezongezelelweyo zodidi ngalunye lwenkxaso-mali nganye yolwakhiwo-zindlu. Iinkcukacha zezi mfuno zithiwe thaca kwiKhowudi yoLwakhiwo-zindlu
UKUFUMANA ULWAZI OLUNGAPHEZULU, QHAGAMSHELANA
Nedesika yoncedo ngeNkxaso-mali: 021 483 2342
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iCandelo Lolawulo Lwamaphulo Ezindlu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Iinkxaso-mali Zokuthenga Nokwakha Izindlu Ezayanyaniswe Namaphulo (IiNkonzo)
INkxaso-mali Yokwakhelwa Komntu Ngamnye Indlu (IiNkonzo)
Iinguqu Kwiinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu Kubantu Abakhubazekileyo (IiNkonzo)
Iinkxaso-mali Ezimanyanisiweyo (IiNkonzo)
Inkxaso-mali Yophuhliso Emaphandleni (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
