UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IiNkonzo
Ezempilo
Uvavanyo Lomhlaza Webele
Uvavanyo Lomhlaza Webele
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Abantu basetyhini bayaboniswa ukuba bangawavavanya njani na amabele abo ukuze bafumanise amaqhuba anokuba ngunobangela womhlaza. Ukuba kuthe kwafumaniseka iqhuma, uya kuthunyelwa kuphando oluthe xhaxhe, oluya kuhlanganisa imammogram, ukususwa nokuxilongwa kweqhuma elo ukufumanisa ukuba alinabungozi na (alinamhlaza) okanye linobungozi (linomhlaza) na, ze ke umntu lowo aqeqeshelwe ukumelana noku afumane nonyango.
IMIYALELO:
Uqeqesho lokuzivavanya amabele ngokwakho luyanikezelwa kwiiklinikhi. Kufuneka umntu lowo adluliselwe kwiiklinikhi zezigulana ezingalaliswayo ezingahlali kuloo mmandla kwakunye nezibhedlele ezikudidi lwesithathu oluphezulu apho iinkonzo zonyango lomhlaza webele ezibanzi, zingafumaneka khona.Ukuba uyityelela okokuqala le iklinikhi kuyakudingeka ukuba ugcwalise iphetshana lokubhalisa kwakunye noxwebhu lwabatyeleli besi sbhedlele luya kuvulwa. Yiza nencwadana yakho yesazisi, ikhadi lakho leseklinikhi/lasesibhedlele ukuba ubusele ubhalisiwe kwenye yezindawo kwakunye nencwadi yembalelwano esuka kweso sikuthumele kule klinikhi yonyango lomhlaza webele.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Iinkonzo zonyango kumaziko onyango lodidi lokuqala zifumaneka simahla kubantu phantsi kwe-medical aid. Ukuba uthi uthunyelwe kwisibhedlele, kusenokufuneka uhlawule. Ixabiso liya kuxhomekeka emvuzweni wakho nasekubeni bangaphi na abantu abaxhomekeke kuloo mvuzo. Izibhedlele ke ziya kucela ukuba uze nesona siqinisekiso somvuzo wakho sitsha/uvavanyo lomvuzo wakho (iphetshana iIRP5).
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukuzivavanya Amabele (IiNkcukacha Zoluntu)
Iphetshana Elinikezela Iinkcukacha Ngomhlaza Webele (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
