UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IiNkonzo
Ezempilo
Unyango Kubantu Abaxhatshazwe Ngokwesondo/Abadlwengulweyo
Unyango Kubantu Abaxhatshazwe Ngokwesondo/Abadlwengulweyo
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Le nkonzo ivuleleke kuwo onke amanina namadod angaphezu kweshum elinesine ubudala abakhe badlwengulwa okanye baxhatshazwa ngokwesondo. Umntu othe wasinda kwezi ntshukumo uthi anikwe unonophelo lwezonyango, olwengqondo nolunento yokwenza neenkundla kwiiklinkhi zeengcali zeli phondo. Ekliniki, ixhoba eli liya kuthi lihlatywe imibuzo ze linikwe neengcebiso ngumsebenzi wezempilo kwigumbi/kwingingqi efihlakeleyo. Umsebenzi wezempilo lo uya kuthi abuze ukuba isenzo eso sokudlwengula sesixeliwe na emapoliseni. Isenzo esi siya kuxelwa empaoliseni kuphela xa ixhoba lifuna ukunikezela ingxelo ngaso, ze ipolisa libizelwe kwelo ziko lezempilo ukuza kumamela ze lithabathe ingxelo leyo. Imiyalelo Yesizwe Yamapolisa Ngezenzo Zokuxhatshazwa Ngokwesondo linyanzelisa ukuba ixhoba lenziwe uvavanyo/unonophelo lwezempilo ngoko nangoko.
Ubungqina bezonyango
Unyango lwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo
Izithinteli-kukhulelwa zexesha likaxakeka iAZT
Iindlela zokufumana le nkonzo
UBUNGQINA BEZONYANGO
Imizekelo yezinto ezithile ethi ifuneke enkundleni iye ithatyathwe kuphela ngokwemvume yexhoba, ze igcinwe njengobungqina bukagqirha ukulungiselela ixesha obunokuthi bufuneke ngalo enkundleni yamatyala.
UNYANGO LWEZIFO EZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO
Amaxhoba okudlwengulwa nokuphathwa gadalala ngokwesondo aya kuthi afumane unyango lwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo.
IZITHINTELI-KUKHULELWA ZEXESHA LIKAXAKEKA
Amanina angazifumana izithinteli-kukhulelwa zexesha likaxakeka ukuba afika ekliniki kwisithuba seeyure azingamashumi asixhenxe anesibini emva kokudlwengulwa.
Onke amaxhoba aya kuthi afumane iingcebiso kumsebenzi weziko lezempilo malunga nobungozi bokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo obunokuthi bubekhona emva kokudlwengulwa. Ukuba amaxhoba afika kwisithuba seeyure ezingamashumi asixhenxe anesibini emva kokudlwengulwa, aya kuthi anikwe i-AZT, nelichiza elilwa noGawulayo (iZidovudine ngesiNgesi). Amaxhoba afika emva kweeyure ezingamashumi asixhenxe anesibini emva kokudlwengulwa kufuneka efumene iingcebiso malunga nobungozi obunokuthi bubekhona bokufumana intsholongwane kaGawulayo, ze enzelwe idinga lovavanyo lwasemva kweeveki ezintandathu neengcebiso athi azifumane kwisithuba seenyanga ezintathu emva kokudlwengulwa.
Amaxhoba okudlwengulwa aya kuthi akhethe phakathi kokuya kufumana iingcebiso kunontlalo-ntle okanye umcebisi oqeqeshiweyo okanye ingcali yokunyanga yabucala (umzekelo: ugqirha wengqondo), okanye uMbutho ojongene namaxhoba okudlwengulwa okanye uMbutho ongomnye ongenguwo okaRhulumente.
IMIYALELO:
UNGAYIFUMANA NJANI LE NKONZO
Yiya kwiziko lonyango elikufutshane nawe, uchaze ukuba udlwengulwe okanye ubethiwe, okanye uzenziwe zombini ezo zinto.
Kumaziko angamahlanu anesibini aneenkonzo zokuzinikela ngokukodwa ekuncedeni abasetyhini namadoda axhatshazwe ngokwesondo okanye adlwengulwa, okanye enziwa zombini ezi zinto. Ezi kliniki zizodwa nezisebenza ikakhulu iiyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku, zidwelisiwe kuluhlu lwezikhokhelo zenkqubo nolawulo lweSebe lezeMpilo lePhondo, ezilungiselelwe amaxhoba odlwengulo nokuxhatshazwa ngokwesondo.
Kukho imibutho yabucala eyahlukeneyo nayo esebenza kweli candelo lokuphathwa gadalala ngokwesondo:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ukunikezela Ngengxelo Yodlwengulo (IiNkonzo)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 15 uNovemba 2004
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
