UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Isebe Lezempilo
IiNkonzo
Ezempilo
Uncedo Lokubuyisela Kwisimo Sesiqhelo
Iinkonzo Zokuva Nokuthetha
Iinkonzo Zokuva Nokuthetha
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Uninzi lweengxaki zokukhubazeka, kubandakanywa iingxaki zokuthetha nokuva zibonakala xa iintsana nabaqingqayo behlolwa njalo ngexesha lokukhula kwabo kwiikliniki zonyango. Ukuba ikho imfuneko umntwana lowo uya kuthunyelwa kwikliniki esebenza ngeengxaki ezizodwa. Kwangaxeshanye umntwana lowo uya kuthunyelwa kwingcisa lezokubuyisela kwimo yesiqhelo umz. igcali yezifo zasemsebenzini, kwinqanaba lokuqala lonyango (ukuba lukhona). Abantu abakhulu nabantwana abathi apha ekuhambeni kwexesha babe neengxaki zokuthetha nokuva kuya kufuneka ukuba baye kwikliniki yonyango, apho baya kuvavanywa khona.
IMIYALELO:
Abaqalayo ukuya kwikliniki okanye kwisibhedlele senqanaba lesibini okanye kwisibhedlele senqanaba lesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifom size isigulane eso sivulelwe ifayili. Ukuba ufuna isincedisi esifana nesincedisi sokuva, kuya kufuneka ukuba ufune unesi weengxaki zomzimba okanye ingcali yeengxaki zomzimba kwikliniki ekufutshane okanye kwiziko lezempilo lasekuhlaleni/kwisibhedlele sesithili. Yiza nencwadi-sazisi yakho kwaye yena umntwana makaphathelwe ikhadi lakhe elibizwa ngokuba Yindlela Eya Empilweni.
La mabakala amaziko:
Kunye nezi zixhobo:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Iinkonzo zifumaneka simahla kumaziko onyango enqanaba lokuqala.Njengoko uMphathiswa Wezempilo, uManto Tshabalala-Msimang, wathi wavakalisa ukusungulwa kwenkqubo yokunceda abakhubazekileyo simahla ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala ku-2003, le nkonzo iya kufumaneka simahla. Le nkonzo ke ijongana nezigulana ezingalaliswayo kwakunye nokwamkelwa ezibhedlele kwezigulana, iquka izixhobo ezincedisda ekukhubazekeni ezifana nezo zokuncedisana nabantu abangevayo. Le nkonzo isimahla ke iquka abantu abakhubazeke isigxina, nto leyo ikhokelele ekubeni kube nzima ukuphila ubomi obuqhelekileyo kwaba bantu.
YAYAMENE
Amacebo Okunceda Izigulane (IiNkonzo)
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
Unonophelo Lwempilo Yabantu Abadala (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
