UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
Impilo Yengqondo
Ukuncedwa kwabasebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo
Ukuncedwa kwabasebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo
INKCAZELO:
Zikho iinkonzo zasekuhlaleni zonyango lokuqala nonyango lwasesibhedlele lwabantwana, abafikisayo ebuntwini nabantu abakhulu abaneengxaki zokusebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo.
Abantu abaneengxaki zokusebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo bangafumana unyango kwiikliniki zonyango lokuqala zabagula ngengqondo.
Ukukhutshwa kwetyhefu emizimbeni yezigulane ezigulela ngaphandle kungenziwa kumaziko enqanaba lokuqala, ukuba ikho imfuneko yoko. Abantu abaxhomekeke kwiziyobisi, ngokuxhomekeke kuhlobo lwesiyobisi nezinye izinto, banokuziva beneempawu ezingemnandi zokuyeka iziyobisi xa beyeka iziyobisi zabo. Ukukhutshwa kwetyhefu yindlela yezonyango yokungenelela nenceda ekunciphiseni uvakalelo ngokomzimba nangokomphefumlo, kanti nasekulawuleni iingxaki ezinokubangwa kukuyeka iziyobisi, ngaphambi kokuba umntu lowo aye kufumana olunye unyango nokubuyiselwa kwimo yesiqhelo.
Xa ingxaki yomntu yokusebenzisa iziyobisi ifuna iinkonzo ezingcono nangaphezulu, kungafumaneka ezi nkonzo zilandelayo:
Izibhedlele zeenqila (ezenqanaba lesibini) zibonelela abantu abaxhomekeke etywaleni nakwiziyobisi ngeenkonzo zokukhutshwa kotyhefeko emzimbeni ngaphambi kokuba balaliswe kumaziko onyango ukuze bafumane olunye unyango nokubuyiselwa kwimo yesiqhelo.
Iziko i-De Nova Treatment Centre ese-Kraaifontein lifumana uncedo-mali olupheleleyo kwiSebe leeNkonzo zeNtlalo-ntle kwaye libonelela ngonyango lokuxhomekeka etywaleni nakwiziyobisi. Le nkonzo yeyabantu abangenamndla ngokwezimali kunye nabo bathunyelwa kuyo licandelo lezomthetho. Iinkonzo zabagula ngengqondo nasemphefumlweni zifumaneka ngamaxesha athile kwiingcali zabagula ngengqondo, ngcali ezo ziqeshwe liSebe lezeMpilo.
Amanye amaziko onyango lwabasebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo naphantsi kweeNGOs abhalisiwe kwaye afunyaniswa isabsidi liSebe leeNkonzo zeNtlalo-ntle. Imbinana yamaziko abucala okunyanga abasebenzisa iziyobisi ngokugqithisileyo ineelayisenisi ezikhutshwe liSebe lezeMpilo ukuze ibonelele ngeenkqubo zonyango ndawonye neenkqubo zokukhupha utyefeko emzimbeni. Isibhedlele i-Stikland sibonelela izigulane ezilalisiweyo ngeenkonzo zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo emva kokusebenzisa utywala ngokugqithisileyo.
IMIYALELO:
Iziko ngalinye lineendlela ezithile zokuthumela izigulane ezibhedlele kwaye ezo ndlela zingafumaneka ngokuthi umntu azidibanise neziko elo, wona maziko adweliswe kwi-ncwadi-salathisi yabagula ngengqondo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
Iinkqubo Zokungenelela Kwimiba Yolutsha Olusemngciphekweni (IiNkonzo)
IiNkonzo Zonyango Lwenqanaba Lokuqala Lwabagula Ngengqondo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
