UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Isebe Lezempilo
IiNkonzo
Ezempilo
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko.
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko.
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
USHICILELO
IZIGANEKO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye iFAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo.
iFAS icacisa abantwana abazizidalwa ngokukhula nabanezinto ezingaqhelekanga emzimbeni nakwimithambo-luvo ngenxa yokuxhayelwa kwabo etywaleni ngethuba oonina bebathwele eziswini ngexesha bekhulelwe. Utywala bungabangela ubungozi obungenakuguqulwa kusana olungekazalwa.
Ukuzikhusela Kwisifo Esihlasela Iintsana Ezingekazalwa
Unyango
Iimpawu Zomngcipheko
Ungayifumana njani le nkonzo
Iinkcukacha Zoqhagamshelwano Ezinokuba Lulutho
UKUZIKHUSELA KWISIFO ESIHLASELA IINTSANA EZINGEKAZALWA
Olu ncedo lumbolo-mbini. Okokuqala, lujolise ekuthinteleni i-FAS ngokufundisa, ukwazisa nokucebisa oomama malunga nobungozi bokusela utywala ngethuba bekhulelwe.
UNYANGO
Okwesibini, lujolise ekuxilongeni nasekunyangeni abantwana abachaphazelekileyo. Ngaphandle kwezinto ezingaqhelekanga ngokwasemzimbeni, abantwana abane-FAS basenokuba nengxaki yemithambo-luvo, indlela yokuziphatha nokufunda. Kukho iinkqubo ezisekwayo ukuchonga nokuncedisa oomama abasebungozini nokuxilonga abantwana abane-FAS kwangethuba. Nangona uninzi lwaba bantwana befumana iingxaki ekufundeni, kusekwa iinkqubo zovuselelo nolawulo ukuncedisana nabazali kunye nabagcini babantwana. Ukuba umzali okanye umgcini womntwana okanye utitshala unenkxalabo ngomntwana othile, umntwana lowo angasiwa kwikliniki ekufutshane, apho aza kuthathwa khona athunyelwe kolona ncedo lufanelekileyo ukuya kwenziwa khona olunye uvavanyo.
IIMPAWU ZOMNGCIPHEKO
Iimpawu zobungozi ezayanyaniswa ne-FAS ziquka ezi zilandelayo:
Nabuphi na utywala obuselwe ngumama okhulelweyo. Akukhuselekanga ukusebenzisa utywala ngethuba umama ekhulelwe!
Ixesha lokusela utywala ngethuba lokukhulelwa.
Ezinye izinto ezingasetyenziswa ngandlela.
Okona umama okhulelwayo esiba mdala, okona usana olungekazalwa lusiba sengozini.
Iziphumo zotywala ekukhuleni kosana olungekazalwa ziba zibi ngakumbi kumaxesha alandelayo okukhulelwa, ukuba umama usaqhubeka nokusela utywala.
Izinto ezibalulekileyo zemvelo: kukho izinto zemvelo zendlela adalwe ngayo umama okanye nosana olo lungekazalwa, nezinokubakhusela okanye zibenze babe nokwenzaliswa ziziphumo zotywala
Indlala.
Ukuba kukho iqabane eliselayo.
IMIYALELO:
UNGAYIFUMANA NJANI LE NKONZO
Ungalufumana olu ncedo kwikliniki yoncedo lwezempilo, kwiikliniki ezinceda oomama ngolwazi lwaphambi kokubeleka okanye kwizibhedlele eziphezulu ukuba udluliselwe kumgca ongentla.
Ukuba uya okokuqala kwiziko lezempilo, uya kucelwa ukuba ugcwalise ifomu uze uvulelwe neqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza nencwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo kunye nekhadi lasekliniki okanye lasesibhedlele, ukuba wawusele ubhalisile kwelo ziko. Yiza neTshathi yomntwana ebizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingisa eMpilweni. Ukuba uxhalabile yindlela obusela ngayo utywala, okanye kukho imibuzo ofuna ukuyibuza kumsebenzi wezempilo, nceda ukwenze oko.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO EZINOKUBA LULUTHO
Imibutho yabucala eyahlukeneyo ingakunceda ngeempawu ezalatha into ebangelwa butywala kusana olungekazalwa:
Umbutho
Inombolo Yomnxeba
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye i-FAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo.
iFAS icacisa abantwana abazizidalwa ngokukhula nabanezinto ezingaqhelekanga emzimbeni nakwimithambo-luvo ngenxa yokuxhayelwa kwabo etywaleni ngethuba oonina bebathwele eziswini ngexesha bekhulelwe. Utywala bungabangela ubungozi obungenakuguqulwa kusana olungekazalwa.
Olu ncedo lumbolo-mbini. Okokuqala, lujolise ekuthinteleni iFAS ngokufundisa, ukwazisa nokucebisa oomama malunga nobungozi bokusela utywala ngethuba bekhulelwe.
Okwesibini, lujolise ekuxilongeni nasekunyangeni abantwana abachaphazelekileyo. Ngaphandle kwezinto ezingaqhelekanga ngokwasemzimbeni, abantwana abaneFAS basenokuba nengxaki yemithambo-luvo, indlela yokuziphatha nokufunda. Kukho iinkqubo ezisekwayo ukuchonga nokuncedisa oomama abasebungozini nokuxilonga abantwana abaneFAS kwangethuba. Nangona uninzi lwaba bantwana befumana iingxaki ekufundeni, kusekwa iinkqubo zovuselelo nolawulo ukuncedisana nabazali kunye nabagcini babantwana. Ukuba umzali okanye umgcini womntwana okanye utitshala unenkxalabo ngomntwana othile, umntwana lowo angasiwa kwikliniki ekufutshane, apho aza kuthathwa khona athunyelwe kolona ncedo lufanelekileyo ukuya kwenziwa khona olunye uvavanyo.
Iimpawu zobungozi ezayanyaniswa neFAS ziquka ezi zilandelayo:
Nabuphi na utywala obuselwe ngumama okhulelweyo. Akukhuselekanga ukusebenzisa utywala ngethuba umama ekhulelwe!
Ixesha lokusela utywala ngethuba lokukhulelwa.
Ezinye izinto ezingasetyenziswa ngandlela.
Okona umama okhulelwayo esiba mdala, okona usana olungekazalwa lusiba sengozini.
Iziphumo zotywala ekukhuleni kosana olungekazalwa ziba zibi ngakumbi kumaxesha alandelayo okukhulelwa, ukuba umama usaqhubeka nokusela utywala.
Izinto ezibalulekileyo zemvelo: kukho izinto zemvelo zendlela adalwe ngayo umama okanye nosana olo lungekazalwa, nezinokubakhusela okanye zibenze babe nokwenzaliswa ziziphumo zotywala
Indlala.
Ukuba kukho iqabane eliselayo.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
IiNkonzo zeMvelo yaBantu (Iziphene zokuzalwa) (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini