UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente
IiNkonzo
Ezempilo
UBhubhane Wesigulo
Unonophelo Lwezifo Ezingapheliyo
Unonophelo Lwezifo Ezingapheliyo
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
IINTETHO
USHICILELO
IIKOMITI
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
Isigulo esiqatha seso siqhubekeka ixesha elide okanye siphinde sibuye emva kwexesha elide. Ezinye zezona zigulo ziqatha sisifo semiphunga kwanesoxinzelelo lwegazi (ubushushu begazi).
Ukuthintelwa nokulawulwa kumgangatho wokuqala wolondolozo lwempilo
Isifo sesifuba
Isifo soxinzelelo lwegazi
Izigulo ezondeleyo zinokudalwa yimfuzo kodwa ngamanye amaxesha zibakho ngendlela aphila ngayo, kwakhona neemeko zokusingqongileyo, ziyazandisa, ezifana nokutshaya, ukutya okungafanelekanga, ukungazilolongi, nokusela okugqithisileyo. Ngamanye amaxesha ezi meko ziyalawuleka, kodwa ngamanye amaxesha zibangelwa kukuhlupheka, nokungatyi kutya kusempilweni lo mzuzu umntu akhulelweyo.
Kukho umbandela wenkonzo obaluleke kakhulu onenjongo yokuthintela isigulo nokuvuselela imo yempilo, ngokungaphandle kokwalatha isigulo kwangethuba, ukulawula nokunciphisa ingozi.
Izigulo ezondeleyo ezibekwa kuqala zezi: ukunyuka koxinzelelo lwegazi isifo soxinzelelo lwegazi, isifo sesifuba, isifo sokuwa, isifo sezintso, umhlaza, isifo sokungasebenzi kakuhle kwemiphunga, kunye neswekile uHlobo lwesi 2 (iswekile yohlobo loku 1, olufunyanwa kubantwana abancinci, yiyona iqhelekileyo) Uninzi lwezi zifo zezethuba elide kwaye ezinye zazo azinakunyangeka, zinokuthintelwa kuphela.
UKUTHINTELWA NOKULAWULWA KUMGANGATHO WOKUQALA WOLONDOLOZO LWEMPILO
Kumgangatho wokuqala wononophelo lwempilo inkonzo isekelezelwe ekuthinteleni ngokuthi kufundiswe abantu ngezibonelelo zendlela yokuphila esempilweni.Ikliniki nganye inomntu oqeshiweyo onezakhono zokufumana iziphumo zoxilongo nokulawula iimeko zezifo ezondeleyo ukuqalela kwabancinci ukuya kwabadala.Izigulana ziya kwazi ukubona umongikazi omnye xa ziphinda zibuya, xa ziza rhoqo kunyango lweswekile/ kwisifo soxinzelelo lwegazi okanye kwisifo sesifuba.Zinikwa ikhadi okanye into emaziyincamathisele kumacwecwe azo wona aqinisekisa ulondolozo oluqhubekekayo. Ukucebisa nokuthobela yingxenye yale nkonzo.Oogqirha namagosa ezonyango bayatshintshiselana ngokuvelela izigulana ezinezifo ezondeleyo ezisezibhedlele nasezikliniki.
Akho amalungiselelo enziweyo okuba izigulana ( ingakumbi abadala) zingayi qho ezibhedlele nasezikliniki ngokuthi zinikwe amayeza aza kuthatha inyanga enye ukuya kwezintathu. Abasebenzi bade baqalisa nemibutho namaqela awodwa enkxaso ukulungiselela abantu abanezigulo ezondeleyo. Ngale ndlela ke izigulana zingathi zifumane ingcaciso ngononophelo lwempilo olulodwa nemfundo ebhekiselele kwiimeko zabo zempilo.
Xa impilo isiya isiba mandundu okanye izigulana zigula kakhulu, ziye zisiwe kumgangatho olandelayo wolondolozo.
Inikezelwe apha ngezantsi imizekelo yeendlela zokuthintela, zokulawula nokunyanga izifo ezondeleyo.
ISIFO SESIFUBA sichaphazela abadala nabantwana. Kukudumba okondeleyo kwemibhobho yomoya ebangelwa yinto ethile engavumelani nempilo yomntu. Isifo sesifuba asinyangeki, kodwa sinokulawulwa ngokuyimpumelelo ngokuthi kusetyenziswe amayeza yonke imihla. Ukuhlolwa nonyango lwabadala lwenziwa kwiikliniki zokulondoloza impilo zokuqala apho abagulayo baxilongelwa khona, luqala khona uvavanyo olulodwa nokunyanga abantu. Abagulayo bafundiswa ngendlela yokulawula izifo zabo zesifuba , baziswe ngemiba ezisenza mandundu ezinjengokutshaya, ukungazilolongi nothuli olusendlini. Izigulana ezihlaselwa kakhulu sisifo sesifuba zinokufuna uncedo lonyango olungxamisekileyo,zithunyelwe nasezibhedlele.
ISIFO SOXINZELELO LWEGAZI sisifo sendlela yokuphila esinokuthi sithintelwe size sinyangwe. Xa uxinzelelo lwegazi luhlala lunyukile ithutyana elide, kuye kubekho ubuzaza.Ob buzaza budibanise imithanbo yegazi, intliziyo, izintso kunye namehlo. Izinto ezinokuthi zikhokelele kukufa kwelungu nasekufeni.Izigulana ezinesifo soxinzelelo lwegazi ziza kuxelelwa kumgangatho wokuqala wokulondoloza impilo ngendlela yokuphucula impilo yazo jikelele nangendlela yokunciphisa eminye imiba yesifo sentliziyo umzekelo ukuzilolonga, ukuyeka ukutshaya, utywala neziyobisi nokuphungula ukusebenzisa ityuwa.Ukuba kuthe emva kwazo zonke ezi zinto, uxinzelelo lwahlala luphezulu, uza kuchazelwa ngonyango.Kufuneka izigulana zibuye zize rhoqo ekliniki zizokujongwa zinikwe namayeza. Kufuneka izigulo ezinobuzaza ezifana nesifo sokufelwa lilungu lomzimba, isifo sentliziyo ukuyeka kwezintso zinyangwe kumgangatho wesibhedlele.
Iinkonzo yolondolozo lwezigulo ezondeleyo kwimigangatho emithathu - owokuqala ophakathi nowesithathu - ilungelelanisa ukuba abantu abafuna inkam-nkam bayifumane.
IMIYALELO:
Ezi nkonzo zifumaneka kwiikliniki nezibhedlele zonke eziseNtshona Koloni. Abantu abaqalayo ukuza kwizibhedlele baza kucelwa ukuba bazalise iphetshana elifuna iinkcukacha zabo, ze bakugqiba bavulelwe icwecwe. Kufuneka beze nezazisi zabo. Kuza kufunwa incwadi yembalelwano ebasusa ekliniki ibase esibhedlele. Esibhedlele kuza kufunwa isiqinisekiso somvuzo waloo nyanga uye ngayo/ uxwebhu lokuhlola umvuzo ( RP5) Ukuba ubukhe weza esibhedlele , yiza nekhadi lakho.Indlela yokuhlawula: Akuhlawulwa, kodwa ke ikho imali ehlawulwayo xa usiza esibhedlele, kwaye le ixhomekeke kumvuzo owamkelayo nakubantu abaxhomekeke kuwe.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Amazinyo/ nempilo echazwa ngomlomo
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
