UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
Imveku & Nomntwana
Uvavanyo Nokuqwalaselwa Kokukhula Kwabantwana
Uvavanyo Nokuqwalaselwa Kokukhula Kwabantwana
INKCAZELO:
Oomama/abagcini babantwana bayacetyiswa ukuba base iintsana zabo ezisandul' ukuzalwa kwiikliniki zononophelo lwesigaba sokuqala ukuze ziye kuhlolwa njengesiqhelo.
Ukuphuhla
Ukukhula
UKUPHUHLA
ukuhlolwa kokuphuhla komntwana kwenziwa njengento yesiqhelo ngamaxesha okutyelelwa kweklinikhi ukuza kugonywa. Ukuhlolelwa ukukhubazeka okubonakala ngokuphujla komntwana kuvela amatyeli amathathu, xa umntwana:
ephakathi kokuzalwa neeveki ezintandathu ezelwe eneenyanga ezilithoba ezelwe ebudala buziinyanga ezilishumi elinesibhozo.
Usana luye luhlolwe luze luqwalaselwe ngokwasemzimbeni. Olu lokuhlolwa lunceda ekuqwalaseleni ukukhula ngokomzimba nangokwengqondo. Iimvavanyo zisetyenziselwa ukujonga ukuba usana lukhula ngokufanelekileyo na ngokuhambelana nobudala balo, ze ziqwalasele imigama esele ihanjiwe ngokwasekukhuleni efana nokuhlala, ukuma, ukukhasa, ukuhamba, ukuthetha nokuphatha izinto. Kukwaqwalaselwa nokubona kwanokuva kosana.
Ukuba kukho ingxaki, usana luye luthunyelwe kwikliniki yeengcali okanye kumachule ukunceda nokunika iingcebiso, umzekelo, iingcali zempilo yengqondo neyomzimba xa zifumaneka, ngokuxhomekeka kwingxaki leyo neemfunno zomntwana lowo.
Iziphumo zovavanyo lokuqwalasela ziye zishicilelwe kwikhadi lasekliniki nakwitshathi yokukhula kosana, ezithi zombini zigcinwe ekliniki. Ubunzima bosana nabo buyashicilelwa kwiTshati ebizwa ngokuba yiTshathi yeNdlela esingisa eMpilweni, nethi inikezelwe kumama lusakuba luzelwe usana lwakhe, ze yena ayigcine. Eli khadi lushicilelo oluqhubekayo nolungenkqubela yosana yaye oomama kufuneka bawaphathe rhoqo kutyelelo ngalunye lwasekliniki.
UKUKHULA
Ukuqwalaselwa kokukhula komntwana yingxenye yesisiseko soncedo lwezempilo. Kuquka ukujongwa rhoqo komlinganiselo wobunzima bomntwana (maxa wambi nobude bakhe). Ukuthatyathwa komlinganiselo kuqala ekuzalweni kuqhube de abe umntwana uneminyaka emihlanu ubudala. Ngokufezekileyo, ubunzima bomntwana kufuneka bulinganiswe kanye ngenyanga de abe neminyaka emibini ezelwe, aphinde aye kathathu ngenyanga de abe neminyaka emihlanu ubudala. Umongikazi osekliniki ubhala ubunzima bomntwana kwikhadi elibizwa ngokuba liKhadi leNdlela esingisa eMpilweni. Obu bunzima buthelekiswa netshati yokukhula, ukujonga ukuba ubunzima bukwinqanaba elamkelekileyo lokukhula komntwana kusini na. Ukuba umntwana ubunzima bakhe bungaphantsi kunobo bulindelekileyo, izongezo zokutya ziyafumaneka ezikliniki okanye umntwana uye athunyelwe kwizibhedlele ezikumgangatho ophezulu.
IMIYALELO:
Ukuba undwendwela okokuqala kwiziko lezeMpilo, kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo ze uvulelwe icwecwe lokugcina iimpepha ezineenkcukachazakho. Yiza neNcwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye lasesibhedlele, ukuba wawubhalisile ngaphambili kwelo ziko. Yiza neTshati yomntwana ebizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingise eMpilweni.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
