UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
Ukukhathalelwa Kwabadala
Unonophelo Lwempilo Yabantu Abadala
Unonophelo Lwempilo Yabantu Abadala
INKCAZELO:
Abantu abadala basoloko bedinga iinkonzo ezizodwa zempilo. Ezi nkonzo ke kusenokufuneka zikhatshwe zezinye iinkonzo ezinokulungela abantu abadala ezifana neenkonzo zezindlu kwanezothutho ezilungele kuphela abantu abadala.
Iinkonzo zempilo eziphangaleleyo kubantu abadala
Ukuxhatshazwa kwabantu abadala
Izixhobo zokuncedisa
IINKONZO ZEMPILO EZIPHANGALELEYO KUBANTU ABADALA
Nakubeni ukuqhutywa kwala Makhaya abantu Abadala ingumsebenzi weSebe Leenkonzo Zoluntu, iSebe Lezempilo liyabandakanyeka kwiimfuno zabadala. Izigulana ezingabantu abadala kwanezo zinezigulo ezingapheliyo, zingalufumana uncedo lolondolozo lwempilo kwimigangatho yonke yonyango, yokuphila kwakhona nezinye iimfuno zempilo. Izigulana zingaya kumakhaya abadala eziwathandayo, zingahlala kwizindlu zazo, ze ezikliniki okanye ziye ezibhedlele xa kuyimfuneko. Izithuthi zingazifumaneka kwamanye amakhaya abantu abadala. Ukongeza, iSebe lijonga qho indlela abadala abatyiswa ngayo kula makhaya abantu abadala. Lukwakho noncedo lwasezindlwini abathi balufumane abadala olunokuthi lufumaneke kumaziko empilo oluntu kwiMetro, le nkonzo baza kuyenzelwa aBadala kwimimandla yasezilalini emva kwenyanga yoKwindla ku-2004.
UKUXHATSHAZWA KWABANTU ABADALA
Ukuxhatshazwa kwabadala yingxaki enkulu yaye isetyenzwa ngamasebe omabini, eleeNkonzo zeNtlalontle nelezeMpilo, kanti ngamanye amaxesha iba liSebe loKhuselo loLuntu. uMthetho osayilwayo usebenza ngokuxhatshazwa kwabadala, ekufuneka unike ingxelo ngalo mbandela.
Izizathu zokuxhatshazwa ziyohluka, futhi ukuxhatshazwa kwabantu abadala kunamathuba amaninzi okwenzeka ukuba umntu lowo akanayo indawo yokuhlala, akanamali yokuthi aziphilele/ azimele, uyalibala okanye akakwazi kwenza zigqibo kwaye uyabhideka. Ezinye izizathu ezinokubangela ukuxhatshazwa kwabantu abadala ziquka ukungaphangeli, ukuhlupheka, ukungabi nandawo iyiyo yokuhlala, uneengxaki zomtshato, utywala neziyobisi nokungabi nalo uqhagamshelwano nabanye abantu. Kwezi nkalo zintlanu zokutshaxhazwa (eyendawo yokuhlala, eyengqondo, eyemali, eyokungahoywa neyesondlo) eyokungabi nandawo yokuhlala yeyona iyingozi , ebanga iintlungu zomzimba , ezengqondo nezomphefumlo.
Ukuba abasebenzi bezeMpilo banorhano lokuba kukho ukuxhatshazwa okuthile, bangaxelela abantu bekhaya nezihlobo ngezinto amabazijonge kwelo khaya lalo mntu mdala, okanye iziko labantu abadala okanye nakweyiphi na indawo ahlala kuyo.
Iintsapho noluntu banganikezela ngengxelo yokuxhatshazwa kwii-ofisi ezikufutshane zeNtlalontle. Ikho inombolo yomnxeba yesizwe ekunokuxelwa kuyo (0800 003081). Xa utsalela umnxeba ezi ofisi zeNtlalontle ngokungxamisekileyo, uyakube unceda umntu omdala ze abekwe kwindawo ekhuselekileyo kwelinye lamakhaya abantu abadala ixeshana nje elingephi de abe ulungiselelwe indawo eyiyo yokuhlala okanye de kube kanti ingxaki leyo isonjululwe.
IZIXHOBO ZOKUNCEDISA
Iinkonzo zeMpilo zibonelela ngeendlela zokunceda ezifana nezitulo zeziqhwala ukwenzela ukuba abadala bangaxhomekeki kakhulu. Kwakhona bangacetyiswa ukuba bazimanye namaqela enkxaso. Abantu abadala mabakhuthazwe okokuba bahlale ezindlwini zabo xa kukho inkxaso kangangoko befuna. Abantu abadala mabawazi amalungelo abo ukwenzela ukuba baxhotyiswe bakwazi ukunika ingxelo yeemeko ezingamkelekiyo.
IMIYALELO:
Abantu abandwendwela ikliniki okokuqala/isibhedlele esikudidi lwesibini/lwesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise iphetshana ngeenkcukacha zabo ukuze umntu ngamnye abe nokuvulelwa icwecwe lakhe. Yiza nencwadana yakho yesazisi. Kuya kufuneka incwadi yembalelwano esuka ekliniki ekuthumela apho esibhedlele. Izibhedlele ziza kucela uzinike isiqinisekiso sesixa somvuzo wakho/uvavanyo lomvuzo(IRP5). Yiza nekhadi lakho ukuba akuqali kuza esibhedlele.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Akuhlawuli kwiikliniki zolondolozo lwempilo yokuqala, kodwa ke ikho imali ehlawulwayo xa undwendwela izibhedlele ezisekelezelwe kumvuzo owufumanayo nenani labantu abaxhomekeke kuwe, ngokomrhumo obizwa apho esibhedlele.
YAYAMENE
Amacebo Okunceda Izigulane (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
