UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Ulutsha Olusemngciphekweni
Uqeqesho Lwabantu Abaselula Kwizakhono Zobomi
Uqeqesho Lwabantu Abaselula Kwizakhono Zobomi
INKCAZELO:
iChrysalis Academy inikezela ngenkqubo yokuthintelwa kolwaphulo-mthetho ekuhlaleni, ijolise "kulutsha olusemngciphekweni". Injongo yale nkqubo ke kukuxhobisa abantu abaselula ukuba bakwazi ukumelana noboni babo kwanokubanika izixhobo zokukwazi ukuthabatha inxaxheba kuqoqosho ze babe ngabona bantu babonisa ithemba lempucuko kuluntu olukwiingingqi oluhlala kuzo
Le nkqubo iya kubathatha, njengophuhliso olumandla lomzimba, lwengqondo nolomphefumlo lubasuse kubomi bokuba ngabaphuli-mthetho nemigwu, ibase kubomi obuya kubaguqula njengabantu, kubanike ukhuseleko ngokwezimali kwanokuncedana noluntu kwiingingqi oluhlala kuzo. Eli ke linyathelo lokuthintela elingafaniyo nenkqubo yokunceda abo basele bonakele bengabaphuli-mthetho nemigewu. Oko ke kuthethe ukuba le nkqubo ijoliswe ekuphuhliseni abantu abaselula ibanike nezakhono ezibaxhobisayo ebomini, kunokusombulula okanye ukuzama ukulungisa iingxaki esele zikho zolwaphulo-mthetho nobugewu.
Abona bantu kujoliswe kubo ngabantu abaselula abaphakathi kwe-17 nama-22 eminyaka ubudala abaphumelele ubuncinci ibanga lesibhozo, abangaphangeliyo nabangazange babanjwe bavalelwe ngenxa yezenzo zolwaphulo-mthetho. Le nkqubo ke okwangoku ixhaswa zifumane nenkxaso-mali kuRhulumente wePhondo. IAcademy le ke yona isePorter Estate eTokai.
Yaqala ngenyanga yeSilimela ka-2000, inkqubo nganye ithatha phakathi kwekhulu nekhulu elinamashumi amabini abafundi balapha eNtshona Koloni, abakhethwe ngokwemigaqo enzima kakhulu. Ukuthabatha inxaxheba kweli phulo kuxhomekeke emntwini lowo, kusimahla kubo bonke abantu abathi bazimase.
Le nkqubo yahlula-hlulwe yangamanqanaba amahlanu:
Ithuba
Ukwaziswa
Izakhono
Noluntu Ekuhlaleni
InqanabaLethuba liquka ukubhengezwa kwale nkqubo kwimibutho yasekuhlaleni kwakunye nabantu abanokuba nomdla njengabafundi.
Amanqanaba amane aseleyo enza intsalela yeeveki ezilishumi elinesibini zale nkqubo. Kwinqanaba ngalinye lale nkqubo abafundi baya kusebenza kakhulu ze badliswe nokudlaliswa, ndawonye namacandelo ahlukeneyo ophuhliso lwengqondo nolwazi ngokubaluleka kolkuzimanya noluntu. Baya kufumana izakhono ezinokusetyenziswa emisebenzini.
InqanabaLokwazisa libeka isiseko ze liseke indlela yemisebenzi yamihla le apho ucoceko nokucoceka komntu ngamnye kugxininiswa khona. Oku ke kukhatshwa kukubekwa kweminqweno, ukukhuthazeka, ukusonjululwa kweengxaki kwanonxibelelwano. Abafundi aba bakwenza nezifundo zempilo nezokutya okusempilweni, ezoncedo lokuqala kwinqanaba lokuqala, ukulwa imililo kwakunye nolwazi ngendalo engqongileyo. Bathi ke emva koko bachithe iiveki ezimbini zenqanaba Wilderness e-Outward Bound, apho kukhangela ukuba bangenza de bafikelele kweliphi na inqanaba abafundi aba, apho bafundiswa banzi ngezinto abanokuzenza nabangenakuzenza, ndawonye nokusebenzisana nabanye abantu kwakunye namandla endalo. Ukwehla intaba ngentambo, ukudlala ngokuqhuba amaphenyane, ukwenyuka amatye kunye nokuhamba ngeenyawo ixesha elide zikho kweli nqanaba.
Xa kubuyelwa eKapa, abafundi bathi bavunyelwe ukuba bafumane iindwendwe okokuqala emva kokuqala kwale nkqubo. Ngeli xesha bonke abafundi bamel' ukuba balolongeke ngokugqibeleleyo, benomfutho yaye banokuzithemba okungummangaliso. Uninzi lwabafundi abatshayayo baya kuba bewuyekile lo mkhwa xa kuleli nqanaba.
Ukulungiswa kwezithuthi ukutywina ukwakha ngezitena iintsimbi imisebenzi yokuchwela amaplanga izakhono ekulungiseni imibane kwakunye nezinye izifundo zithi zinikezelwe kwiiklasi zoqeqesho kwimisebenzi yezandla.
Ukuqeqesha ezemidlalo kuye kufumaneke kweli nqanaba lale nkqubo.
Inqanaba lokugqibelaEliluluntu Ekuhlaleni lijolise ekulungiseleleni ukuphilisana noluntu ekuhlaleni yaye lijolise ikakhulu kwizakhono zokuqhuba ishishini elinempumelelo, ukwaziswa kwiikhompyutha kwakunye nomkhomba-ndlela wekhono lezifundo. Kukwenziwa nothotho lweentshukumo ezamkelekileyo eluntwini ezifana nobugcisa nokuchwela, ukucula, ichess nokufunda.
Kule nkqubo yonke abafundi kulindeleke ukuba bancedise uluntu ekuhlaleni yaye bayakhuthazwa ukuba babe ngamavolontiya. Ukuzimanya nokusebenzisana nemibutho yasekuhlaleni kuyakhuthazwa ngelixa kugxininiswa kakhulu ekuzimanyeni namaphulo emisebenzi yasekuhlaleni efana nokuqeqesha amaqela emidlalo yezikolo, ukuhamba-hamba ekuhlaleni ngeenjongo zokuqinisekisa ukhuseleko kwanokuphucula umgangatho wobomi babantu ekhayeni ngokuzimanya namaphulo okulima izityalo kwakunye nezinye iintshukumo zokucoca.
iSebe Elijongene Nemicimbi sele Benezidanga lilo elijongana nenkqubela yabo banezidanga isithuba seminyaka emihlanu emva kwezi zifundo yaye liqinisekisa ukuba ulwazi ngayo yonke imisebenzi yokuvolontiya okanye amathuba engqesho ayanikezelwa kwaba bafundi kwakunye neminye imibutho ebandakanyekayo kule nkqubo. Apho ingingqi ethile inabafundi abanezidanga abangamashumi amabini nangaphezulu, kuye kwasekwa amaqela asekuhlaleni okuncedisana nokunika aba bafundi inkxaso abayidingayo. Abafundi abanezidanga badingwa kakhulu yaye ama- 67% kubo bathi baqeshwe ngamashishini angaphezu kwamashumi asixhenxe alapha eNtshona Koloni. Abafundi abanezidanga abangekaphangeli bathi bafakwe kumaphulo afana neSwimsafe neBambanani kwakunye nothotho lwamanye amaphulo aqhutywa ngamasebe nemibutho eyahlukeneyo yaseburhulumenteni.
IMIYALELO:
ube kanti akuphangeli ube waphumelela ibanga lesibhozo ubuncinci ube kanti awuzange wabandakanyeka kwiintshukumo zolwaphulo-mthetho ube uhlala apha eNtshona Koloni.
Noxa kunjalo ke, usenakho ukusifaka isicelo sakho ngoku ungamelani nezinye iimfuno zale nkqubo. Umzekelo, ukuba wawukhe wabandakanyeka kwiintshukumo zolwaphulo-mthetho okanye akunayo imfund eyaneleyo efunwayo apha, ungavunyelwa ungene ukuba isebe likarhulumente okanye umbutho ongajonge ngeniso uthi ukuthumele apho kwiChrysalis Academy, emva kokusiqwalaselisisa isicelo sakho. Kwakhona, ukuba awungowalapha eNtshona Koloni usengeza kule Academy, kodwa ke kusenokufuneka ukhuphe intlawulo ethile.
Inombolo Yomnxeba: 021 712 1023
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
