UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Imipu
INKCAZELO:
Senziwa Njani Isicelo Sephepha-mvume?
Iphepha-mvume Lisebenza Ixesha Elingakanani?
Mingaphi Imipu Umntu Anokuba Nayo?
Kwenzeka Ntoni Xa Sendinalo Iphepha-mvume?
Luyintoni Na Uxanduva Lwam Xa Ndinompu okanye Ndifuna Ukuba Nompu?
Ngokwemigaqo yalo mthetho ungentla apha, abafaki-zicelo kufuneka baye kuvavanyelwa ukufumanisa ukuba bakwimo ekulungeleyo na ukusetyenziswa kwemipu phambi kokuba babe nokufaka izicelo zaloo maphepha-mvume. Isebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika liya kunikezela ngeziqinisekiso zokuphunyelelwa kovavanyo lokungelelana kwemeko yomfaki-sicelo nokusetyenziswa kompu kubafaki-zicelo abaphumeleleyo, abaya kuthi ke emva koko bavumeleke ekubeni nemipu.
IMIYALELO:
SIFAKWA NJANI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUBA NOMPU?
Ukuze ube nokufumana iphepha-mvume lokuba nompu, kufuneka:
Ufumane isiqinisekiso sokuba uyakwazi ukuwusebenzisa
Ufake isicelo sephepha-mvume
Esi siqinisekiso sokulungelelana kwemo yomfaki-sicelo nokusetyenziswa kompu licandelo elitsha ekunikezelweni kwamaphepha-mvume okuba nemipu eMzantsi Afrika. Ukuze abe nokufumana esi siqinisekiso, umfaki-sicelo kufuneka:
Abe neminyaka engamashumi amabini nanye ubudala
Aphumelele uvavanyo olukhangela ukuba akazange wabandakanyeka na ekusetyenzisweni kompu ngendlela egwenxa
Abe akazange wabandakanyeka kwiintshukumo zolwaphulo-mthetho
Awazi umthetho
Akwazi ukusebenzisa umpu, (kufuneka ube kanti ugqibe izifundo ezisisisekelo ekusetyenzisweni kwemipu kwiziko lolu qeqesho elisemthethweni).
Esi siqinisekiso sisebenza iminyaka emihlanu yaye kufuneka sibe kanti sisasebenza ngexesha ufaka isicelo sokuba nompu.
Amapolisa okanye inkundla ingafikelela kwisigqibo sokuba awukulungelanga ukuba uphathe umpu. Esi sigqibo naso sikuthintela iminyaka de ibe mihlanu ukuba ube nompu.
Ukuze ube nokufaka isicelo sesiqinisekiso sokulungelana kwakho nokusetyenziswa kompu, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo (iSAPS 517) ze ulifake kwiGosa Elijongene Nezicelo Zamaphepha-mvume Emipu kwisikhulullo samapolisa esikufutshane nawe. Isebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika sele lilungise imiyalelo eneenkcukacha ezigcweleyo ngokugcwaliswa kweli phetshana lesicelo sesiqinisekiso sokulungelana kwemo yomfaki-sicelo nokusetyenziswa kompu.
Ukuba sele unaso isiqinisekiso esisebenzayo sokumelana kwemo yakho nokusetyenziswa kompu, ungakwazi ukufaka isicelo sokuba nompu. Ukuze ube nokufaka isicelo sephepha-mvume lokuba nompu kufuneka:
Ungenise iphetshana lesicelo (uForm SAP 271) kwisikhululo samapolisa esikufutshane nekhaya lakho ze unikezele intlawulo ebekiweyo ngokuthi uncamathisele isitampu seso sixa semali kwelo phetshana lesicelo. Isebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika lilungise imiyalelo eneenkcukacha ezigcweleyo ngokugcwaliswa kweli phetshana lesicelo.
Utyikitye iphetshana lesicelo elibonisa ukuba uyawazi umthetho olawula abanini bemipu.
Wenze isibhambathiso ngawo onke amatyala owakha wawenza.
Kuthatyathwe imizila yeminwe yakho.
Zizikhululo zamapolisa ezincinci okanye ezikumagqagala amaphandle kuphela ezingenawo amagosa ajongene nezicelo zamaphepha-mvume emipu. Nokuba isikhululo samapolisa esithile asinalo eli gosa, kuya kubakho umntu onokukunceda apho kuso. Eli gosa liya kukunceda ngokugcwalisa eli phetshana lesicelo ze lidlane iindlebe nawe. Amanye ala magosa athanda ukuba abafaki-zicelo benze idinga lokuhlangana nawo kwangexesha.
Xa sele usingenisile isicelo, igosa elijongene nezicelo zamaphepha-mvume emipu liya kukunika isiqinisekiso esingqina ukuba uluphumelele olo vavanyo ze liqhubekeke nesicelo sakho. Le nkqubo yokwenziwa kwesicelo sakho iquka utyelelo lokuphicothwa komgangatho wokhuseleko lwetyesi oza kufihla kuyo lo mpu, apho igosa elijongana nezicelo zamaphepha-mvume emipu lityelela ikhaya lakho ze lijongisise ukuba ityesi leyo yakho okanye igumbi lakho lokhuseleko liyamelana na nemimiselo, futhi olu phicotho lungaquka namathuba odliwano-ndlebe ngomnxeba okanye ubuso ngobuso neqabane lakho kunye nomqeshi wakho. Eli gosa lisenakho nokukhangela ukuba akuzange na wabandakanyeka kulwaphulo-mthetho okanye akukho zimpepha zikuchaza njengomntu onobundlobongela ekhaya, nokuba ngaba sele unalo na elinye iphepha-mvume lokuba nompu.
Emva kokuba lijonge lakhangela konke ngokokhuseleko lwalo mpu, eli gosa liya kugqithisela iphetshana lesicelo kwanezinye iimpepha ezixhasa esi sicelo kuXwebhu Lukazwelonke Lwemipu ePitoli, mpepha ezo ziya kube zikhatshwa ziziphakamiso zokuba likhutshwe na iphepha-mvume lokuba nompu okanye lingakhutshwa. Uxwebhu Lwemipu lulo oluya kufikelela kwisigqibo sokugqibela ngokuba siphunyezwe na esi sicelo okanye singaphunyezwa. Le nkqubo iyonke iqhele ukuthabatha iinyanga ezimbini, ukuba akukho zingxaki ngesicelo eso. Ukuba isicelo sephepha-mvume lokuba nompu sithe sakhatywa, usenokufaka isibheno.
IPHEPHA-MVUME LOKUBA NOMPU LISEBENZA IXESHA ELINGAKANANI?
Onke amaphepha-mvume okuba nemipu kufuneka ahlaziywe rhoqo:
Emva kweminyaka emibini ukuba iphepha-mvume elo lelokushishina ngemipu
Emva kweminyaka emihlanu ukuba umpu lowo ngowokuzikhusela
Emva kweminyaka elishumi ukuba iphepha-mvume elo lelokuzingela okanye ukudubula kwimidlalo
MINGAPHI IMIPU UMNTU ANOKUBA NAYO?
Umthetho ubeka inani eliqingqiweyo ngemipu umntu anokufumana amaphepha-mvume ngayo, ngokuthi kuxhomekeke kwiimfuno zomfaki-sicelo:
Umpu ube mnye xa ungowokuzikhusela
Ibe mine ubuninzi kubazingeli abazingela ngamaxesh athile okanye abo badubula ngezemidlalo (kodwa umpu wesandla ube mnye)
Akukho nani liqingqiweyo kubazingeli abazinikeleyo nabo badubula ngokudlala, kodwa ke kufuneka unikezele ubungqina bokuba ulilungu lombutho wokuzingela okanye wezemidlalo futhi ubonise isidingo semipu eyongezelelweyo
Akukho nani liqingqiweyo kubantu abasebenzisa imipu ngeenjongo zokushishina umzekelo iinkampani zoonogada, abaqeqeshi ngokusetyenziswa kwemipu, abazingeli bempahla yasendle kodwa ke kusebenza imiqathango eqatha.
KWENZEKA NTONI XA SELE NDINALO IPHEPHA-MVUME LOKUBA NOMPU?
Ukuba unompu owawufumene ngawo iphepha-mvume ngokwemigaqo yomthetho wemipu omdala nongasasebenziyo futhi elo phepha-mvume belisasebenza ngomhla wamashumi amathathu kweyeSilimela kunyaka ka-2004, elo phepha-mvume lisasebenza de liphinde lihlaziywe ngokwemigaqo yomthetho iFirearms Control Act. Kukho uludwe lweenkqubo ezichaza ukuba kufuneka ulihlaziye nini na iphepha-mvume lakho lokuba nompu. Olu ludwe lweenkqubo lwayanyaniswe nosuku lokuzalwa kwakho.
Usuku Lokuzalwa
Unyaka Wokuhlaziywa Kwephepha-mvume
Xa sele ungenise isicelo sephepha-mvume lokuba nompu phambi komhla wamashumi amathathu kweyeSilimela ku-2004, esi sicelo siseza kuqwalaselwa futhi.
LUYINTONI UXANDUVA LWAM UKUBA NDINOMPU OKANYE NDIFUNA UKUBA NOMPU?
Kufuneka ufumane uqeqesho olusisisekelo kumqeqeshi osemthethweni. Bonke abaqeqeshi abasemthethweni banikwa iziqinisekiso zokukwazi ukusebenzisa imipu liSebe Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika.
Umpu unokuwuthenga kuphela kumthengisi obhalisiweyo.
Ukuba umpu wakho ulahlekile okanye ubiwe, okanye iimpepha zethu zithe zatshabalala, kufuneka unikezele ingxelo ngalo mba emapoliseni.
La mabakala amaziko:
Izikhululo Zamapolisa
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
INkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
