UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Ukhuseleko Ekuhlaleni
Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali
Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali
INKCAZELO:
iSebe Lephondo Lokhuseleko Loluntu linikezela ngenkxaso-mali kumaphulo alwa nolwaphulo-mthetho aqhutywa yimibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente ebhalisiweyo kwakunye namabutho Asekuhlaleni Alwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuze inkxaso-mali le ibe nokufikeleleka, amaphulo kufuneka abe ajoliswe:
ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela (umzekelo, ilinge lokubulala)
ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho lwasekhaya (umzekelo: ubundlobongela basekhayeni)
ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho olwenziwa empahleni (umzekelo: ubusela)
ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho kwicandelo loshishino (umzekelo: ubuqhetseba)
ekuxhaseni iintshukumo zeSAPS ezichasene neentshukumo zolwaphulo-mthetho ezingabandakanyi maxhoba (umzekelo: ukushishina ngokuthubelezisa iziyobisi).
IMIYALELO:
Ukuze ube nokufikelela kule nkxaso-mali, iphulo lakho kufuneka liqhutywe ngumbutho ongekho phantsi kolawulo lukarhulumente okanye iButho Lasekuhlaleni Elilwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuba umbutho wakho awubhaliswanga, kufuneka uqale uwubhalise.
Emva koko ke kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo, phetshana elo lifumaneka kwiSebe Lokhuseleko Loluntu okanye kwizikhululo zamapolisa okanye ke kwakhona kule website, ze ulingenise kweli Sebe.
Eli Sebe lenza uphando lokufumanisa ukuba ngaba la maphulo aya kusebenza ngokwenyani na ze iqulunqe izibhambathiso ezidingekayo ukuba isicelo esithile siye saphumelela. Xa iphulo elo sele liqoshelisiwe, liye liphicothwe ukufumanisa ukuba yintoni na esebenzayo.
Qhagamshelana:
La mabakala amaziko:
Izikhululo Zamapolisa
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo (IiNkonzo)
Ukuseka iNkampani Yokuphuculwa Kwesixeko (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
