UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa
Iinkundla & Neenkonzo Zomthetho iiNkundla Zasekuhlaleni iiNkundla Zasekuhlaleni
INKCAZELO:
ukusela utywala ezidlangalaleni ukuphazamisana nokuhamba kakuhle kwabahambi ngeenyawo okanye kwezithuthi emva kokuyalwa ukuba ungakwenzi oko ukuchama okanye ukuwisa ilindle esidlangalaleni okanye esitalatweni ukungcolisa ukulwa esitalatweni ukuthuka esitalatweni ukukhwaza, ukungxola kakhulu okanye ukwenza ingxolo ekungekho sidingo sayo esitalatweni ukungena ngaphandle kwemvume kumhlaba wabucala ukungcakaza esitalatweni ukwenza okanye ukuzibandakanya neentshukumo zokuthengisa ngomzimba esitalatweni.
Ezinye nje iintshukumo ezingephi zokwaphulwa kwemithetho yoomaspala, nazo zingathunyelwa kwezi Nkundla Zasekuhlaleni.
Ukuba umntu othile uthe wabanjwa wavalelwa ngemva kwemini okanye malanga ngosuku oluphakathi evekini, loo mntu uya kuchitha obo busuku kwisisele sesikhululo samapolisa avalelwe kuso. Kungentsasa elandelayo apho aya kuthunyelwa kwizisele zeNkundla Yasekuhlaleni, apho aya kuvavanywa ahlatywe nemibuzo, ukuba kuyakwazeka kwangolo suku, injongo yale nkqubo ke kukuba abo bathe babanjwa bavalelwa bachithe ubusuku bube bunye kuphela eziseleni. Apha ke akukho kumiswa kwamatyala.
Amatyala amaninzi ke athi asobnjululwe zezi Nkundla Zasekuhlaleni kwiiyure nje ezingamashumi amathathu anesithandathu ebanjiwe umntu lowo. Kodwa ke, ukuba umntu lowo ubanjwe wavalelwa ngoLwesihlanu okanye ngosuku lwempelaveki, kuya kufuneka alinde intsasa yangoMvulo ukuze athunyelwe kwenye yezi Nkundla Zasekuhlaleni
Oonontlalo-ntle, abameli bemibutho engekho burhulumenteni efana neNICRO, kwakunye namagqwetha eBhodi Yoncedo Lwezomthetho ndawonye neeklinikhi zeedyunivesithi zoncedo lwezomthetho ahlala ekho kwezi Nkundla Zasekuhlaleni.
iiNkundla Zasekuhlaleni ziyingxenye yesicwangciso-qhinga sokuthintela iintshukumo zolwaphulo-mthetho ezixhomisa amehlo ngokuthi zijongane kakuhle neentshukumo zolwaphulo-mthetho ezingaxhomisi mehlo kuqala. Ezi nkundla ke ziyakunceda nasekwehliseni umthwalo omkhulu wamatyala ekujongwana nawo ziiNkundla zooMantyi.
Ezi Nkundla Zasekuhlaleni ekubuyiseleni aboni kwisimo esisiso nesamkelekileyo sokuphila; izigwebo ezininzi eziwiswa zezi Nkundla Zasekuhlaleni zibandakanya isohlwayo, ukusebenzela uluntu okanye isigwebo esixhonyiweyo, oko kuxhomekeke ke nakuvavanyo lwaloo mntu wonileyo.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, ungaqhagamshelana noMbhexeshi weNkundla Yasekuhlaleni:uJacque Jacobs
La mabakala amaziko:
Iinkundla Zasekuhlaleni
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
