UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ushishino & Noqoqosho
Isicelo Senkxaso kwiNgxowa-mali Yophuhliso Lweziswe
Isicelo Senkxaso kwiNgxowa-mali Yophuhliso Lweziswe
INKCAZELO:
Le nkonzo ichaza imisebenzi yeNgxowa-mali Yesizwe Yophuhliso kwanokuba zingafikeleleka njani ezinye iinkonzo zayo. Ifanele ingakumbi umntu osaqala phantsi ishishini, kodwa ke zikwakho neenkonzo ezifanele nezinokuba lulutho kwiinkampani namashishini amakhulu.
YINTONI INGXOWA-MALI YESIZWE YOPHUHLISO?
UTHINI UMGAQO WENGXOWA-MALI YESIZWE YOPHUHLISO?
NDINGASIFAKA NJANI ISICELO?
Yintoni iNgxowa-mali Yesizwe Yophuhliso?
Ingxowa-mali Yesizwe Yophuhliso yaphindwa yasekwa kwakhona ngenyanga kaCanzibe ngo-2004 nguMphathiswa Wezoshishino Neentengiso uMandisi Mpahlwa ukuze iphinde ijongane futhi ihlaziye ezi njongo.
Khawufunde banzi ngembali yayo kwiwebsite yayo.
Eyona njongo yayo kukukhokela iinzame zokuqinisekisa ukulingana ngokoqoqosho neenguqu, oko ke ibe kukwandisa amathuba ezabelo kwezi nzame zophuhliso.
Ukuwiswa kwetshata yophuhliso ephangaleleyo, imigaqo-nkqubo karhulumente kwakunye nezinye iitshata zamanye amacandelo; kwakunye nendlela eyiyo yokuqonda iimfuno zentengiso zangoku kukhokelele kwigunya elitsha nalo elithe lakhokelela kwiintsika eziphuhlileyo zentsebenzo kushishino llwale ngxowa-mali. Nazi ke ezi ntsika:
Iinkonzo Zeengcebiso, eziya kujongana nemigangatho ngokulandelelana kwayo kwakunye nokuqinisekiswa kokusebenza kweetshata kurhulumente kwakunye neenkampani zabucala.
Iinkonzo Zeenguqu Kumashishini Abucala, eziya kuqinisekisa ukuba iinguqu ezijoliswe kumashishini abucala nakumanqanaba emimandla zihlala zisenzeka ngendlela ethile eqingqwe ngokuqwalaselwa kwemiba yesizwe ebalulekileyo.
Iinkonzo Zokwenziwa Kweemalike, eziya kudlala indima ebalulekileyo ekujonganeni amathuba okutyala kwinkqubo yohuhliso loqoqosho lwabamnyama, mathuba lawo aya kuqinisekisa ukugcinakala kobunini kwakunye neenguqu kwalapha kweli candelo leHDP.
Iinkqubo Zamaqela Nezabanini-mashishini, uphuhliso lwamashishini kwakunye nokusebenzisana ngendlela yokuseka iintlangano ezinefuthe leenkampani ezahlukeneyo ukuphuhlisa iinkonzo neemveliso.
Uthini uMgaqo weNgxowa-mali Yesizwe Yophuhliso?
Le ngxowa-mali ijolise ekuxhaseni ngezimali amaqela ophuhliso loqoqosho lwabamnyama azimiseleyo ekusebenzeni ngendlela eya kuba nefuthe elililo kwiintshukumo zoqoqsho ngokuphakamisa amathuba eenguqu.
Kujoliswe ikakhulu kuphuhliso lwemimandla neendawo zokuhlala ukuzama ukuncedisana nokukhula kwamashishini.
Ingxowa-mali Yesizwe Yophuhliso iya kunikezela nangenkonzo yeengcebiso ngophuhliso loqoqosho lwabamnyama kurhulumente namashishini abucala ukuncedisana nokuqinisekisa ukusetyenziswa kwale tshata kuwo onke amacandelo.
Le ngxowa-mali iya kuba nefuthe elibaluleke kakhulu kuphuhliso lwesicwangciso-qhinga ukwandisa iinguqu kwezo ngingqi nakuloo macandelo kujoliswe kuwo kuqoqosho.
Le ngxowa-mali iya kuncedisana noluntu oluhlala kwiindawo ezisemaphandleni ekuziphuculeni ngokusebenzisa ezi nkonzo zinikezelwayo apha.
Le ngxowa-mali iya kusebenza njengesikhundla seengxoxo namashishini abucala kwisicwangciso-qhinga sawo soshishino nesemizi-mveliso ngeenjongo zokuza neenguqu nokuqinisekisa uphuhliso loqoqosho lwabamnyama.
Le ngxowa-mali iya kusebenza njengomngeneleli phakathi kwamacandelo amashishini abucala, awaseburhulumenteni kwakunye nawophuhlisa kwiinjongo zokuza neenguqu nezokuqinisekisa ukuphuhliswa koqoqosho lwabamnyama kuquka uphuhliso lwamashishini.
Ndingasifaka Njani Isicelo Senkxaso-mali?
Iintshukumo zenkxaso-mali zale Ngxowa-mali Yesizwe Yophuhliso okwakaloku nje zisajolise ikakhulu kwiNkxaso Yabanini-mashishini, ekho kwicandelo Leenkqubo Zamaqela Nabanini-mashishini. Le nkonzo inikezela ngeemveliso kwanenkxaso-mali kumashishini ukuxhasa abo banini-mashishini baseMzantsi Afrika babesakuhleleleka ngaphambili. Inkxaso Kubanini-mashishini inikezela ngokulingabna nokuncediswa ekuhlawuleni amatyala ngokwemigaqo yenkxaso-mali, ngeeniongo zophuhliso.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, yiya:
Iziko elamkela iminxeba le-dti: 0861 843 384
Inombolo yomnxeba: 011 731 9000
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IQumrhu loPhuhliso lweMizi-mveliso yoMzantsi Afrika
YAYAMENE
Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama (IiNkonzo)
IiNkqubo zeNkxaso yokuXhobisa uQoqosho lwabaMnyama (IiNkonzo)
Iinkqubo Zokuncedana Namashishini Asakhasayo Afikelele Kwiinkxaso-mali Nolwazi Kumashishini (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
