UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezolimo
Ukushishina Ngokufuya
Iinkonzo zonyango lwezilwanyana
Iinkonzo zonyango lwezilwanyana
INKCAZELO:
Icandelwana leeNkonzo zoNyango lweZilwanyana kwiSebe lezoLimo linikezela ngeenkonzo ezahlukeneyo kumamafama ekukho kuzo nezi zilandelayo:
iinkonzo zempilo yezilwanyana iinkonzo zokuphawulwa kwemfuyo ukuqinisekisa ukuba kulandelwa imigangatho yezempilo efanelekileyo xa kuxhelwa izilwanyana ulawulo lweentengiso neentengo kwamanye amazwe .
IINKONZO ZEMPILO YEZILWANYANA
ICandelo loMlawuli weSizwe, kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana lilo elinonoxanduva lokulawula izifo zezilwanyana nokunika iingxelo ngazo apha eMzantsi Afrika ngeenjongo zokuthintela ukusuleleka kwezinye izilwanyana nokuthintela abantu ekutyeni inyama enesifo.
Ulawulo lwezifo zezilwanyana:
ICandelo loMlawuli eli linoxanduva lokulawula izifo zezilwanyana ezinobungozi kakhulu. Ekwenzeni oku ke:
Likhupha inkcazelo ngezi zifo lichaze nokuba zifanele ukuqwalaselwa njani na.
Lilawula ukungena kwezilwanyana kwimida yeli lizwe ngeenjongo zokuthintela ukungena kwezifo eziza nezilwanyana ezivela kwamanye amazwe amelene neli.
Lilawula ukungena nokuphuma kwezilwanyana kwezo ndawo nezo ngingqi ziphantsi kolawulo olusisigxina.
Lixilonga liqinisekise usuleleko ngokwenza uvavanyo kwiiLaboratri zikaRhulumente.
Libeka isimiselo sokuba oogqirha bezilwanyana mabazichaze izifo umthetho ogunyazisa ukuba mazichazwe kweli iSebe.
Iingxelo:
Kukho nenkqubo yobhaliso esetyenziswayo yokugcina uluhlu lweempawu ezizodwa zabo bonke abanini bempahla. Apha eMzantsi Afrika kunyanzelekile ukuba impahla ibe neempawu ezisisigxina ezibhalisiweyo kwiCandelo loLawulo lweeNkonzo zoNyango lweZilwanyana.
Xa ubhalisa uphawu kufuneka ugcwalise ifomu yesicelo ze ke uyithumele kule dilesi inikezelwe ngezantsi apha :
Xa ngaba ufuna inkcazelo malunga nokuba iimpawu zinokuba njani na, nokuba izilwanyana zifanele ukuphawulwa nini na, nceda ujonge uXwebhu lweNkcukacha ngoPhawulo lweZilwanyana lweSebe eli.
Iimpawu zezilwanyana zinakho ukuba zidluliselwe komnye umfuyi ngomnye ngokuthi kungeniswe ifomu yesicelo sokudluliselana ekufuneka ukuba nayo ithunyelwe kwakule dilesi inikezelwe ngentla apha.
Xa imfuyo ithengiswa kufuneka ukuba kuzaliswe ifomu yoxwebhu lweempawu.Umntu ongumthengi ke kufuneka ukuba le fomu ayigcine isithuba sonyaka njengobungqina bokuba ngenene imfuyo leyo wayithenga.
UKHUSELEKO LOKUTYA
ICandelo loMlawuli weSizwe, kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana linoxanduva lokuqulunqa imigaqo-nkqubo nemigaqo ejoliswe ekuqinisekiseni ukuba kuhanjwa ngokwemigangatho yococeko efanelekileyo xa kuxhelwa impahla exhelelwa ukutyiwa, khona ukuze abantu bafumane inyama ekufaneleyo ukutyiwa ngabantu nazizilwanyana. Kananjalo likwaqulunqa nemigaqo yokuphathwa nokugcinwa kwakunye nokuhanjiswa kwaloo nyama nezinye ke izinto eziyimveliso evela ezilwanyaneni, phaya ezilarhipali naxa zithathwa ukusuka khona.
Iziphathamandla zephondo kwakunye nezoomasipala zizo ezinoxanduva lokusebenzisa le mithetho nale migaqo. Isikakhulu ke loo nto ziyenza ngokusebenzisa abahloli bezempilo. ICandelo eli liye laqulunqa incwadana yezikhokelo zabahloli benyama ejoliswe ekunikeni abahloli aba zonke iinkcukacha kwakunye nezikhokelo ezinokubanceda.
Kananjalo iSebe eli ligcina uluhlu lwezilarha zokuxhelela/a
Luxanduva lweCandelo loMlawuli weSizwe, kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana ukulawula iintengiso neentengo kwamanye amazwe.
Iintengo ezivela kwamanye amazwe:
Ukuba ngaba ufuna ukuthenga nayiphi na kwezi zinto zilandelayo kwamanye amazwe, kufuneka ukuba ufumane iphepha-mvume lokuthenga kumanye amazwe kwiSebe lezoLimo:
Izilwanyana eziphilayo (ezinomqolo) - ngaphandle kwentlanzi
Inyama - engaphandle kwentlanzi
Ezinye nje iimveliso ezityiwayo ezivela ezilwanyaneni umzekelo iimveliso zobisi, ukutya kwezilwanyana zasekhaya
Iimveliso ezingatyiwayo ezivela ezilwanyaneni (umzekelo iimfele nezikhumba,uboya, nezinto eziziindebe kubazingeli)
Iimveliso zendalo namayeza okugonya
Iisampulu zokuhlolwa
Iintengiso kwamanye amazwe:
Phambi kokuba uthumele izilwanyana eziphilayo okanye iimveliso zezilwanyana kwelinye ilizwe, kufuneka ukuba uhambe ngokwemithetho nemiqathango yococeko yelo lizwe. Loo nto ke isenokubandakanya nokuba ufumane iSiqinisekiso seMpilo. Inkcazelo ngale miqathango nezi mfuneko iyafumaneka phaya kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Inkonzo Yempilo Yezilwanyana Yephondo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
