INCWADANA ELUNGISELELWE IZINDLU EZIME ZODWA GEQE
UMISELO LOQINGQO LWAMAXABISO
EZINDLU NEMIHLABA
Nceda iSixeko saseKapa ekubeni siphonononge ixabiso lendlu okanye umhlaba wakho
ESI SIXEKO SISEBENZELA WENA
ESI SIXEKO SISEBENZELA WENA
Njengabo bonke ooMasipala, iSixeko saseKapa sihlawulisa iRhafu yomhlaba ukuze sizokubanakho ukuhlawula iinkqubo zaso zonikezelo lweenkonzo. Ezi ntlawulo zerhafu zisekelwe kumaxabiso emalike zentengiso amiselwe izakhiwo kunye nemihlaba, njengoko zibonisiwe kumqulu wamaxabiso ezindlu nemihlaba.
Kukho malunga nama 725 000 ezakhiwo ezakhiwe ngokusemthethweni, kwiSixeko - kubandakanywa ezokuhlala, ezoshishino kunye nezinye iintlobo zezakhiwo - kwaye, ngokubhekiselele kuMthetho wooMasipala weRhafu yemiHLaba (ka 2004), lemihlaba nezindlu kufuneka ziqokelelelwe amaxabiso azo, ubuncinane, qho emva kweminyaka emihlanu, khonukuze kuthatyathelwe ingqalelo iinguqululelo kumaxabiso ezindlu nemihlaba kwiimalike zentengiso. Oku kuqinisekisa okokuba uMqulu wamaXabiso ezindlu nemihlaba usoloko uhleli uhambelana nexesha elimiyo kananjalo nerhafu yemihlaba nezindlu ihlawuliswa ngendlela engenamkhethe nenobulungisa.
Minyaka le iSixeko saseKapa siqhuba uqikelelelo lwamaxabiso ezindlu nemihlaba olu sisongezelelo kumqulu wamaxabiso, ngokuqokelela inkcukacha ngamaxabiso emihlaba nezindlu ezintsha kananjalo nezi ngokwandiswa kunye neenguqulelo ezenziweyo kwizindlu ebesele zikhona ngaphambili. Ukuze kwenzeke oku, kufuneka okokuba abaqingqi maxabiso ezindlu nemihlaba beSixeko, abasebenzi kunye nabanikezi-nkonzo abaqeshwe ngokwesivumelwano somsebenzi, bahambele ezozakhiwo kunye nemihlaba ngendlela eqhutywa lonke ixesha.
Ingaba luqhutywa njani uqingqo lwamaxabiso ezindlu nemihlaba?
ISixeko saseKapa sisebenzisa inkqubo efikelela kumazinga akumgangatho wamazwe ngamazwe weyona ndlela iyiyo yokuqhuba lomsebenzi, ukwenzela okokuba amaxabiso ezindlu nemihlaba, aqingqwe ngendlela yenkqubo eyondeleleneyo, yenzululwazi kananjalo engenamkhethe. Emva kwenkqubo yokuhanjelwa kwezakhiwo kunye nemihlaba kananjalo namaxabiso sele ebaliwe, abanikazi mihlaba nezakhiwo bayakuba nethuba lokujonga ixabiso eliqingqelwe izakhiwo nemihlaba yabo, kumqulu wamaxabiso kamasipala. Lomqulu kamasipala wamaxabiso uyakuvuleleka okokuba uphononongwe, kwiindawo nangamaxesha ayakuthi aziswe. Ukuba abanikazi abonelisekanga, bayakuba nakho ukubhena ngeloxabiso baqingqelwe lona, kwaye ukuba esi sibheno sithe samkelwa, eli xabiso liyakuthi lilungiswe ngokufanelekileyo.
Lenkqubo yathi yasetyenziswa kuQingqo lwaMaxabiso ezindlu nemihlaba olwaluyimpumelelo ngo 2001/2002, nolwathi lwamisela umqulu omnye, ofanayo weSixeko saseKapa esitsha.
Ingaba irhafu yezindlu nemihlaba isetyenziselwa ntoni?
Irhafu yezindlu nemihlaba isetyenziswa nguMasipala ukunikeza iinkonzo ezinjengee ndlela, ukukhanyiswa kwezitalato, amajelo aziziseko ezikhukula zamanzi kunye neepaki, ezithi zisetyenziswe ngokwabelana ngumntu wonke kananjalo nezingasetyenziselwa ukwenza imali-ngeniso.
Irhafu ihlawuliswa phantsi koMgaqo-nkqubo weRhafu, nothi uqulunqwe ngumasipala ngamnye emva kwenkqubo yothetha-thethwano kunye noluntu. Lomgaqo-nkqubo walatha indlela iindidi ezahlukeneyo zemihlaba nezakhiwo emaziqingqelwe irhafu kananjalo nokuba zeziphi iindidi eziyakufumana isophulelo. Elona xabiso eli yakuhlawulwa kumnikazi ngamnye wesakhiwo okanye umhlaba, limiselwa ngokwesenti kwirandi nganye, esekelwe kwixabiso lesakhiwo ngasinye ngokuqulathwe kumqulu wamaxabiso. Oku kwenziwa kuHlahlo lwabiwo-mali lwaminyaka le lweSixeko, noluqala ukusebenza ngomhla 1 Julayi ngonyaka ngamnye.
Ndinganceda njani?
ISixeko saseKapa sihambela izakhiwo ezikumasipala ngokubanzi ukuqokelela inkcukacha zoqingqo lwamaxabiso olwengezelelekileyo kananjalo nezoqingqo lwamaxabiso jikelele, olumiselwe ukuba luqhutywe ngo 2006. Isakhiwo sakho singahanjelwa nangaphezulu kwethuba elinye ngabasebenzi kuqingqo lwamaxabiso ezindlu nemihlaba, ngoko intsebenziswano yakho ngokuthi ubavumele okokuba bangene kwizakhiwo zendlu yakho kuya kuthakazelelwa kakhulu. Kuphela ngokungena kuzo zonke izakhiwo ezikwisiza sakho kunye nango kuqokelela inkcukacha ezichanekileyo malunga nesiza sakho, apho iSixeko esingathi sibenakho ukuqingqa ixabiso laso, elichanekileyo ngokwe malike zentengiso kunye nentlawuliso yerhafu ngendlela engenamkhethe.
Ukuba ngaba andinguye umnikazi-ndlu?
Ngokuxhomekeke kwimiqathango yokuqeshiselana, ngokwesiqhelo abaqashi abadli ngokuba nobutyala/ noxanduva lokuhlawula irhafu. Nangona kunjalo, abantu abaqashileyo okanye abahlala kwizindlu bayacelwa okokuba basebenzisane kunye nalenkqubo yoqingqo lwamaxabiso. Abaqashi kunye nabanye abahlali banoxanduva olufanayo njengelo labanikazi-makhaya xa kufikelelwa kumba wokuvuma okokuba kungenwe kwizakhiwo ezi kwiziza zabo.
Ngoobani abaya kuhambela indlu okanye umhlaba wakho?
Abaqokeleli zinkcukacha kunye/okanye nabaqingqi maxabiso bayakuhambela izindlu phakathi kwentsimbi 07:30 kunye 19:00, ukusuka ngoMvulo ukuya ngoMgqibelo njengoko kuvumelekile kuMthetho. Bayakube benxibe ibhibhi ezibonakayo kananjalo bayakuba namakhadi-zazisi anamagama kunye neefoto zabo. Bonke abaqokeleli zinkcukacha baqeqeshiwe kananjalo bakhethwa ngenxa yokuba bangabemi abapheleleyo abathe nkqo kananjalo banyanisekileyo abangazange bophula umthetho. Bayakuziphatha ngembeko xa befika kwikhaya lakho. Musa ukuvumela nabanina othi ungumqokeleli zinkcukacha okanye umqingqi maxabiso, kodwa abe engenazo ukuveza izazisi zakhe ngendlela eyanelisayo, okokuba angene kumzi wakho.
Ukuba unokuthingaza ngoku nyaniseka kwalomqokeleli zinkcukacha, nceda utsale umnxeba kwinombolo ebhalwe kwikhadi-sazisi lalo mqokeleli zinkcukacha, ukuqinisekisa okokuba bagunyazisiwe na ukuba bahambele indlu yakho.
Baza kwenza ntoni abaqokeleli zinkcukacha kunye nabaqingqi maxabiso?
Baya kuqokelela inkcukacha zokuqingqa amaxabiso kunye nezo ziyakusetyenziswa ukuqonda ixabiso lezindlu nemihlaba ngokwemalike zentengiso. Okona zichanekileyo, ziphelele kwaye zilungile inkcukacha, kokona liyakuchaneka ngaphezulu ixabiso ngokwemalike zentengiso. Ukuphumeza oku, abaqokeleli zinkcukacha okanye abaqingqi maxabiso baya kuthabatha umlinganiselo wobukhulu bezakhiwo ezikwisiza sakho baze bazobe umfanekiso waso okanye baqinisekise inkcukacha zalomzobo abasele benawo. Bayakuthi kananjalo babhale phantsi iimpawu zesakhiwo ezinempembelelo kwixabiso nezifunekayo ukuqingqa ixabiso elifanelekileyo.
Ububanzi/ubukhulu bezakhiwo
Uhlobo esakhiwe ngalo eso sakhiwo okanye indlu
Umgangatho kananjalo nemeko yendlu leyo okanye isakhiwo
Indawo eme kuyo indlu leyo, umzekelo, kwisitalato esiphithizelayo
Izinto othi uzibone ngaphandle
Inani lamagumbi okulala, awokuhlala kunye nalawo okuhlambela
Ingaba kukho idama lokuqubha
Ingaba kukho igumbi elizimeleyo ngaphandle kwalapha esizeni?
Ingaba kukho indlu ehlala imoto?
Ingaba kukho igadi na?
Ingaba isakhiwo sisetyenziselwa ushishino okanye ukuhlala na?
Ezi nkcukacha ziyakunceda ukufumana inkcukacha ezichanekileyo zalo ndlu, ngokwemalike zentengiso -oko kukuthi, ixabiso umthengi ofunayo ukuthenga anokuthi alihlawule umthengisi ofuna ukuthengisa kwimalike evulelekileyo. Zonke inkcukacha ezibhalwe ngaba qokeleli zilihlebo kwaye ziya usetyenziswa ngoko lohlobo.
Kwenzeka ntoni xa ndingekho ekhaya?
Ukuba awukho ekhaya xa kufika umqokeleli zinkcukacha, bayakuthi bashiye ikhadi elikuxelela okokuba bebefikile kwaye bekucela okokuba uqhagamshelane nabo khonukuze kunye nivumelane ngosuku abonokuthi bahambele ikhaya lakho ngalo. Kubalulekile okokuba abaqokeleli zinkcukacha bangene kwizakhiwo zendlu yakho ezikwisiza sakho, ngoko ke nceda wenze inzame ezi zizo zokwenza amalungiselelo ngexesha elikulungeleyo, ngokukhawuleza oku kangangoko unako.
Ukuba abaqokeleli zinkcukacha abanakho ukungena kwikhaya lakho, elona xabiso lendlu yakho liyakuqingqwa ngokusekelwe kwinkcukacha ezikhoyo.
Kwenzeka ntoni ngezakhiwo ezi ngasetyenziselwa ukuhlala?
Uqingqo lwamaxabiso ezi zakhiwo luyinkqubo esoloko iqhubeka. Ukuze uncede ekuqingqeni ixabiso ngokwemalike zentengiso lezi zakhiwo, uxwebhu lwemibuzo liyakuthunyelwa kubanikazi zakhiwo, linoluhlu lwemibuzo malunga nerente, ubungakanani bexesha ekukho abahlali kunye nezinye izinto ezithi zibe negalelo kwixabiso ngokwemalike zentengiso.
Izakhiwo ezingezizo zokuhlala ziyakuhanjelwa ngabaqokeleli zinkcukacha kunye nabaqingqi maxabiso ukuqokelela inkcukacha kananjalo baphonononge ezo nkcukacha ukuqingqa ixabiso ngokwemalike zentengiso, lomqulu wamaxabiso.
Ukufumana inkcukacha ezongezelelekileyo
Kuthe kwamiselwa isenta yokutsalela kuyo umnxeba, ukunceda abahlawuli-rhafu kunye namalungu oluntu, abanemibuzo malunga noqingqo lwamaxabiso ezindlu nemihlaba.
Enkosi ngomonde kunye nentsebenziswano yakho ngexesha lomsebenzi wokuqokelela inkcukacha. Nceda uqaphele okokuba, njenge nxalenye yenkqubo yethu yokuqinisekisa umgangatho onguwo, walenkqubo, uhambelo olongezelelekileyo kwindlu yakho lungathi lube yimfuneko. Lamaxesha ohambelo angathi aqhutywe kwangumqokeleli zinkcukacha omnye nalowo wokuqala kunye/okanye abantu abamele i-ofisi yoqingqo lwamaxabiso ezindlu nemihlaba yeSixeko saseKapa.
Emva kwenyanga ezimbini emva kokuba abaqokeleli zinkcukacha befikile emzini wakho, abanikazi-zindlu bangathi baqinisekise inkcukacha kwi Ofisi yoQingqo lwamaxabiso yeSixeko.
UQINGQO LWAMAXABISO EZINDLU NEMIHLABA
Nceda uchaze naziphina izinto ezingaqondakaliyo okanye abantu abazenza abaqokeleli zinkcukacha. Oku kwenzelwa ngenxa yokuba nomdla kukhuseleko lwabamelwane bakho.
UQINGQO LWAMAXABISO EZINDLU NEMIHLABA
UQINGQO LWAMAXABISO EZINDLU NEMIHLABA
ESI SIXEKO SISEBENZELA WENA
