UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Isikhokelo Sabafundi Sokufumana Inkxaso-mali - iNSFAS &gt Ukuhlawula le Mali-mboleko
Ukuhlawula le Mali-mboleko
Uqala Nini Ukuhlawula le Mali-mboleko?
Xa sele ufumene umsebenzi futhi umvuzo wakho ngama-R26.300 nangaphezulu.
Iintlawulo zibalwa ngezinga elingayi kubeka mthwalo mkhulu kuwe.
Ngoko ke, iintlawulo zisekelwe kumvuzo owurholayo.
Futhi iintlawulo ziqala kuphela xa umvuzo wakho ungama-R26.300 ngonyaka (oko ke kukuthi amaR2, 192 ngenyanga). Kweli nqanaba intlawulo yakho si-3% kumvuzo wakho.
Ingaba Uyibuyisa Njani le Mali-mboleko?
I-NSFAS ithumela incwadana enetyala lakho rhoqo ngekota yonyaka kubo bonke abafundi futhi iya kuthi ithumele incwadana yembalelwano ikwazisa ngezibhambathiso zakho zokuhlawula xa uthi ube kwinqanaba lokuba ungayihlawula le mali-mboleko. Oku ke kwenzeka xa uqalisa ukufumama umvuzo ongaphezu kwama-AR26.300 ngonyaka.
Kukweli xesha ke apho ulindeleke ukuba wenze amalungiselelo eentlawulo ngokwezigqibo. La malungiselelo ke anokuquka ukunika iNSFAS igunya lokuthabatha iintlawulo ngqo kwi-account yakho yebhanki, ngokwemiyalelo yeposi, iitsheki okanye ukutsalwa kwezi ntlawulo ngumqeshi emvuzweni wakho emsebenzini.
Ngelixa iNSFAS iya kukwazisa ukuba ulindeleke ukuba ukhuphe malini na njengentlawulo, kuluxanduva lwakho kaloku ukuba usoloko uqhagamshelana nabo
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Isikhokelo Sabafundi Sokufumana Inkxaso-mali - iNSFAS
Intshayelelo
Njani, Intoni, Nini, Phi ...
Ukuhlawula le Mali-mboleko
Ezinye Iinkcukacha
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
