Ifom yokuthumela inkcazelo ngemiba ephangaleleyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Entla
Inkqubo emayilandelwe
ULudwe lweNkqubo A: Umsebenzi neenkonzo
Kwiimeko apho intlawulo yomvuzo womqeshwa elinganiswa nonyaka ingange R2 000 okanye nangaphantsi, kwaye irhafu yomqeshwa ibe ayixhuzulwanga, kufuneka kunikwe i-IT3 okanye uluhlu oludweliswe ngokoonobumba abalandelelanayo, oluchaza banzi ngale nkcazelo ilandelayo ngokuphathelelene nomntu othile:
oonobumba bokuqala bamagama kunye nefani okanye igama lokurhweba inombolo yokubhekisa yeRhafu yengeniso-mali inombolo yesazisi okanye inombolo yepaspoti i-adresi imali yentlawulo yomvuzo lithuba elingakanani eqashiwe, okanye umhla wolongezeleko i-IT3 iyakukhutshwa kwezi meko zilandelayo:
Ukubangaba intlawulo yomvuzo epheleleyo yomqeshwa okanye intlawulo yomvuzo elinganiswa nonyaka ingange R2 000 okanye nangaphezulu kwaye ayigqithi ngaphaya komda obekelwe irhafu..
Kwintlawulo esisixa sesambuku engaxhuzulelwanga rhafu
MUSA ukuthumela inkcazelo ngokuphathelelene noku kulandelayo:
Iimali ezihlawulelwe iinkonzo ezinikwe ngabantu ngexesha abenza umsebenzi wabo wesiqhelo abawuqeqeshelweyo, umzekelo, oogqirha, amagqwetha, ii-advokheythi, abacwangcisi-mali kunye nabaphengululi beencwadi zemali.
Intlawulo yomvuzo okanye intlawulo yomvuzo elinganiswa nonyaka, engagqithiyo kwi R2 000 kunyaka werhafu.
ULudwe lweNkqubo B: Impahla , utyalo-mali, amalungelo kunye neemali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa ilungelo elithile
Nika iinkcukacha zemali ehlawuliweyo okanye engeniswe nguwe ngokuphathelelene nezi zinto zilandelayo:
inzala kwiimali-mboleko kunye neebhondi zokubambisa inzala kwiingxowa-mali ezityalwe kuwe inzala kwii-debentures inzala kwii-akhawunti ezikhoyo zokugcina imali isahlulo kwizabelo irenti ehlawulwe nguwe njengomntu oqeshe indawo okanye eqokelelwe nguwe njenge-eyijenti imali ehlawulelwe ukuxhamla ilungelo lempahla iimali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa ilungelo elithile okanye iimali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa uqambo, uyilo, igama nophawu okanye ilungelo lokushicilela nokuthengisa okanye ukukhuphela ulwazi olwayamene noqambo eMzantsi Afrika.
Nika ezi nkcukacha zilandelayo ngokuphathelelene nokuchithwa kwee-units okanye ukuchithwa kwesixhobo semali egameni lo mntu:
ULudwe lweNkqubo D: Imveliso yasefama, amaplanga okwakha, imfuyo, iintsimbi ezikrwada, izimbiwa, amatye anqabileyo kunye neebhonasi ezihlawulwe kumalungu eenkampani namaqumrhu amanyeneyo
Nika iinkcukacha zezi zinto zilandelayo:
Zonke iimveliso zasefama, amaplanga okwakha, imfuyo, iintsimbi ezikrwada, izimbiwa, okanye amatye anqabileyo afunyenwe nguwe ngokuwathenga, unaniselwano okanye ukutshintshiselana .
Iibhonasi ezihlawulwe amalungu eenkampani namaqumrhu asebenzisanayo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Akukho xesha elisisigxina.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
