Ifom yokuhlawula irhafu yokubambisa - intlawulo yesithathu
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Irhafu yokubambisa yenzelwe ukunceda abarhafi bamelane noxanduva lwabo lwemfaneleko yerhafu ngokuqhubekayo, endaweni yokuba bahlawule iimali ezinkulu kubekanye ngonyaka xa bevavanywa. Intlawulo yerhafu yokubambisa iyakungqamaniswa nerhafu yengeniso-mali yokugqibela ekufanele umntu ayihlawule kuloo nyaka wovavanyo ubandakanyekayo.
Intlawulo yesithathu yokubambisa ikwaziwa ngokuba yintlawulo yokubambisa "eyongezelelweyo" okanye "yokugcwalisela". Ukubangaba loo ntlawulo yenziwe, kufuneka ihlawulwe ungadlulanga umhla "wokungeniseka". Umhla 'wokungeniseka', kwimeko yonyaka wovavanyo ophela ngomhla wama 28 okanye wama 29 Febhruwari, ziinyanga ezisixhenxe emva koko kunyaka ovunyiweyo wokuphela konyaka wemali ophela ngomhla ongenguwo owama 28 okanye owama 29 Febhruwari, ziinyanga ezintandathu emva koko.
Intlawulo yesithathu yintlawulo yokuzithandela engenziwa nguye nawuphina umrhafi werhafu yokubambisa. Abarhafi abanengeniso-mali erhafelekayo engaphezulu kwe R50 000, okanye iinkampani ezinengeniso-mali erhafelekayo engaphezulu kwe R20 000 okanye nangaphezulu, bangenza intlawulo yesithathu yokuzithandela ukuze bazisindise ekubeni bafakelwe inzala kuyo nayiphina irhafu enganelanga xa bevavanywa.
Injongo yale ntlawulo kukwenzela ukuba abarhafi bakwazi ukuhlawula umahluko phakathi kwerhafu yabaqeshwa edibene nerhafu yokubambisa esele ihlawulwe kuloo nyaka, nerhafu iyonke efaneleke ihlawulwe kunyaka wovavanyo.
Ixesha lesithathu limele irhafu iyonke ehlawulekayo kunyaka opheleleyo, kuthatyathwe irhafu yabaqeshwa ehlawulelwe unyaka opheleleyo naziphina iikhredithi ezivumelekayo zangaphandle kunyaka opheleleyo iimali ezihlawuliweyo kumaxesha okuqala nawesibini erhafu yokubambisa.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Kuphuma kumntu ngamnye ohlawula irhafu yokubambisa ukuba achonge ukuba ifuneka ninina intlawulo yesithathu yokugcwalisela.
Ngenxa yokuba ke ifom yentlawulo yifom esisiseko ngokubanzi kwaye ayinazinkcukacha eziphathelelene nomrhafi othile, kungundoqo ke ngoko ukuba abahlawuli berhafu yokubambisa bafake iinkcukacha zee-akhawunti ezichanekileyo kule fom. Ukubangaba akufakwanga iinkcukacha ezichanekileyo, intlawulo ayinakufakwa kumhlawuli werhafu ochanekileyo.
Iinkcukacha ze-akhawunti zimi ngolu hlobo lulandelayo:
Inombolo yerhafu yokwazisa ngomrhafi
P0003 - ebonisa ixesha lentlawulo
- obonisa unyaka wovavanyo.
Inombolo ethile yentlawulo yokwazisa ngomrhafi ingakhangeleka ngolu hlobo: 1234567123P00032005.
Xa iintlawulo zenziwe nge-posi, ngokusebenzisa ibhanki okanye i-ATM, ixesha elaneleyo lokuthumela ngeposi okanye lokusebenzisa le nkqubo, malithathelwe ingqalelo.
Xa iintlawulo zisenziwa ngekhompyutha, makwenziwe amalungiselelo okuba amaxesha ebhanki yakho amiselweyo okuvala ukuthatha iintlawulo nethuba lokuqinisekisa kokufaneleka kwentlawulo okunokwenzeka phakathi kweentsuku ezimbini nezintlanu.
Iinkcukacha zokubhankisha:
Okuya kufuneka koku kulandelayo:
inombolo yesalathiso yentlawulo yowenzelwa iinkonzo enamanani ali-19
uxwebhu lweSazisi salowo wenzelwa iinkonzo okanye inombolo ye-akhawunti eqhagamshelaniswe nohlobo oluthe ngqo lwerhafu ukulungiselela intlawulo.
Iintlawulo ezingangqinelaniyo nazo zombini inombolo yesalathiso yentlawulo echazwe ngentla apha noxwebhu lweSazisi lowenzelwa iinkonzo , aziyi kwamkelwa.
Ukuba usuku lokugqibela lentlawulo liwela kumhla weholide yomntu wonke okanye kwimpela-veki, intlawulo mayenziwe ngosuku lokugqibela lokusebenza phambi komhla weholide yomntu wonke okanye phambi komhla weholide yomntu wonke okanye kwempelaveki.
Qaphela
Intlawulo yexesha lesithathu kufanele isekelwe kwingeniso-mali nqo erhafelekayo, njengoko injongo yale ntlawulo ikukwenzela ukuba ukwazi ukuhlawula umahluko phakathi kwerhafu yabaqeshwa edibene nerhafu yokubambisa esele ihlawulelwe loo nyaka, nemfaneleko yerhafu egcweleyo kuloo nyaka werhafu.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
