Isicelo esenziwa ngumntu otshonileyo sokuba kubuyiselwe imeko yakhe esiqhelweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Umntu otshonileyo ngumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala, kwaye onelifa , elithinjiweyo . Ukubangaba utshate umtshato ekwabelwanayo kuwo ngempahla nezinto kunye neemali , aze umlingane wakho atshone, uMthetho wokuNgakwazi ukuHlawula aMatyala, ekuthiwa yi-Insolvency Act, 1936, ukuthatha ngokuba nawe utshonile .
Ukubangaba umntu otshonileyo ufuna ukuba ayekwe ukuthathwa ngokuba utshonile, kwisithuba seminyaka elishumi ebhengezwe ukuba utshonile, angenza isicelo sokuba imeko yakhe ibuyiselwe esiqhelweni.
Ngubani ongenza isicelo sokubuyiselwa kwimeko yesiqhelo?
otshonileyo ngokwakhe i-eyijenti yomntu otshonileyo egunyaziswe ukuba yenze njalo, ukubangaba umntu otshonileyo akahlali eMzantsi Afrika umhlolokazi okanye umhlolo walo mntu utshonileyo, ukubangaba babetshate umtshato ekwabelwanayo kuwo ngempahla nezinto kunye neemali owayesakuba ngumlingane womntu otshonileyo, ukubangaba babetshate umtshato ekwabelwana kuwo ngempahla nezinto kunye neemali ababi belifa lomfi obhubhe etshonile.
Umntu otshonileyo angasenza nini isicelo sokubuyiselwa kwemeko yakhe esiqhelweni, emva kokuba ethinjelwe izinto anazo ?
Naninina:
kwangoko zakube izibango zababolekisi kunye neendleko zokuthinjwa kwelifa zihlawulwe ngokupheleleyo okanye ukubangaba umntu otshonileyo wenze isithembiso sokuhlawula isixa esithile endaweni yetyala, esamkelwayo ziikota ezintathu zababolekisi bakhe ngokwenani nangokuxabiseka, kwaye umntu otshonileyo uhlawule okanye unike isetyhorithi.
Emva kweenyanga ezintandathu:
Emva kweenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kumhla wokungqina koMphathi oyiNqununu i-akhawunti yokuqala yabantu abaphathiswe ngentembeko kwilifa kwaye xa ngaba:
Emva kweminyaka emithathu:
Emva kweminyaka emihlanu:
xa umntu otshonileyo eke wafunyaniswa enetyala lezenzo ezithile zokwaphula umthetho.
Emva kweminyaka elishumi:
emva kokuba iminyaka elishumi iphelile, umntu otshonileyo uyakuthathwa ngokuba imeko yakhe ibuyele esiqhelweni - ngaphandle kokuba inkundla ethile iyalela ngenye indlela, kwakube kwenziwe isicelo ngumtu onomnqweno. Esi sicelo kufuneka senziwe kwisithuba sale minyaka ilishumi.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Awunako ukwenza isicelo sokubuyiselwa kwemeko esiqhelweni ngokwakho, uyakudinga uncedo lwasemthethweni.
Nxulumana negqwetha okanye i-ofisi yoMphathi oyiNqununu ukuze ufumane inkcazelo ebanzi kunye noncedo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Xoxa negqwetha lakho malunga nexesha eliyakuthatyathwa sisicelo sakho.
Entla
Iindleko
Xoxa negqwetha lakho malunga neendleko.
Entla
Nxulumana negqwetha lakho okanye iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
Entla
