Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Inkcazelo ephathelelene nobhaliso lwepropati engashukumiyo, efana nale ilandelayo:
amagama, iinkcukacha zokuzazisa kunye nobume bomtshato babanikazi ababhalisileyo amanani emiyalelo yenkundla yokuthintela izenzo ezithile efakelwe abantu kunye nepropati iinkcukacha zokutshintshelwa kwepropati, kubandakanywa imihla yobhaliso kunye namaxabiso okuthenga iinkcukacha zobambiso ngepropati njengesetyhorithi yemali-mboleko, kubandakanywa amagama wabantu ababambise ngeepropati njengesetyhorithi yemali-mboleko kunye neemali eziyinkunzi
Iikopi zobuxhakaxhaka bombane zezigqibo zasemthethweni kunye nemiqulu ekhutshwe ngokweefoto ezincinane.
Ukuze ufumane ezi zibakala, kufuneka ubhaliswe njengomsebenzisi-rhoqo we-DeedsWeb, njengoko kuhlawuliswa imali ebekiweyo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Uyakunikwa igama lomsebenzisi. Eli gama iyakuba yinombolo yakho ye-akhawunti yazo zonke iinjongo zezemali. Kwakhona, uyakunikwa igama eliyimfihlo lokungena ekufuneka emva koko ulitshintshe kwamsinyane kangangoko unako.
Hlawula imali yokubhalisa. Imiyalelo yebhanki kunye neenkcukacha ziyabonakala kwi-website.
Wakube udipozithe intlawulo yobhaliso kwi-akhawunti yebhanki yoMphathi oMkhulu woBhaliso lweZigqibo zaseMthethweni , tsalela umnxeba kwi-Ofisi yoMphathi oMkhulu woBhaliso ukuze umazise ukuba uhlawule. Inombolo yonxulumano iyanikwa kwi-website.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Wakube ubhalisiwe, inkcazelo ifumaneka kwangoko.
Entla
Iindleko
Intlawulo yobhaliso: R240
Intlawulo yokulawula le nkqubo ngenyanga: R10
Entla
Entla
