Isicelo sokubhalisa uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo
Inkcazelo
Uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye iinkonzo ligama lohlobo oluthille , intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ezithile okanye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ezithile . I-trade mark ichaza iinkonzo okanye impahla nezinto zomntu kwaye yenza zicace kwaye zahluke kwimpahla nezinto kunye neenkonzo zomnye umntu. Imizekelo ibandakanya le ilandelayo:
Ngoko ke, igama lohlobo ligama okanye intlanganisela yamagama . Intetho emfutshane yokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo , libinzana elifutshane okanye isivakalisi esifutshane kwaye uyilo lophawu lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo ngumfanekiso okanye uphawu lokwahlula. Ezi mpawu zinika ulwaziso olwahlukileyo, kwintengiso, kwaye zingasebenziseka kwiimveliso nakwiinkonzo.
Xa uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye iinkonzo , sele libhalisiwe, akukho mntu ongomnye ongasebenzisa olu phawu okanye eli gama okanye asebenzise elifana nalo. Ukuba oku kuyenzeka, kungalandela amanyathelo asemthethweni. Kuke kwakho amatyala akwizinga eliphakamileyo eMzantsi Afrika afana naxa i-MacDonalds yathi yamangalela umthengisi wokutya okuphekwa ngokukhawuleza eMzantsi Afrika owayesebenzisa uphawu olufana nele-MacDonalds elino "M".
Inkqubo emayilandelwe
Fumana ifom ekuthiwa yi-TM1 kwaye uyigcwalise ngokuphindwe kathathu. Iikopi ezimbini zisetyenziswa yi-ofisi kwaye eyesithathu igcinwa nguwe njengobungqina besicelo sakho.
Qala uhlawule imali yobhaliso okanye uyihlawule xa usisa isicelo.
Bhala zonke impahla nezinto okanye iinkonzo ofuna ukusebenzisa kuzo uphawo okanye igama lokwazisa ngezi mpahla nezinto okanye ngezi nkonzo kwicandelo 57 lefom ekuthiwa yi-TM1.
Uqaphele kwaye ulumke kakhulu ungafaki impahla nezinto okanye iinkonzo ezikwiindidi ezahlukeneyo kwisicelo esinye sophawu okanye segama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo. Ukuba wenza njalo, uyakucetyiswa ukuba ulungise inkcazelo ibandakanye impahla nezinto okanye iinkonzo zolo didi luxeliweyo. Kwezinye, kuyakufuneka ufake isicelo esahlukileyo ngokutsha.
Sakuba isicelo sakho sihambisana nazo zonke iimfuneko ezigunyazisiweyo, uyakunikwa umhla nenombolo yesicelo. Lonke unxibelelwano olulandelayo oluqhutywa ne-ofisi luyakubanale nombolo yesicelo. Nangona nje kuthabatha iinyanga ezili 18 ukuze kubhaliswe uphawu okanye igama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo , ungaqalisa ukuyisebenzisa i-trade mark kwamsinyane emva kokufumana inombolo yakho yesicelo.
Emva koko ke uluntu lunikwa ithuba leenyanga ezintathu ukuze lufake iinkcaso.
Ukubangaba akukho nkcaso ifunyenweyo, siyakhutshwa iSatifiketi soBhaliso loPhawu okanye lweGama lokwazisa ngeMpahla neZinto okanye ngeeNkonzo .
Hlawula ebhankini usebenzise uvimba wophawu lweekhastoma.
Trademark Act, 1993 UMthetho weeMpawu okanye aMagama okwazisa ngeMpahla neZinto okanye ngeeNkonzo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha iminyaka emibini ukuze kugqityezelwe ubhaliso lophawu okanye lwegama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo.
Iindleko
R85, yokufunisa nokukhangela iimpawu ezikhoyo okanye amagama akhoyo okwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo
R266, yodidi ngalunye lophawu okanye lwegama lokwazisa ngempahla nezinto okanye ngeenkonzo
