Inkcazelo
Inkampani yabucala liqumrhu loshishino elinabanikazi abangabanikazi bezabelo kwaye izabelo zabo azinakuthengiswa kuluntu. NgokomThetho weeNkampani , inkampani yabucala kufuneka ibenabanikazi bezabelo okungenani abasukela kwisinye ukuyakutsho kuma 50. Abanikazi bezabelo badla ngokubizwa ngokuba ngabalawuli benkampani.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Inkqubo emayilandelwe
Imigaqo yokubhalisa inkampani yoluntu okanye yabucala ibandakanya inkqubo eneenkcukacha ezininzi. Ngenxa yobunzima bemigaqo ebandakanyekayo, kufuneka kusetyenziswe iinkonzo zegqwetha kwinkqubo yobhaliso.
Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini.
AMandla eGqwetha - Isaziso sokuthabatha amanyathelo egameni labaxhasi
CM31 - Imvume yokuthabatha amanyathelo njengoMphicothi weeNcwadi zeMali
Hlawula imali ebekiweyo.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha iintsuku ezintlanu ukuze kubhaliswe inkampani yabucala.
Iindleko
R350 - IMimiselo kunye neMigaqo
R60 - Isatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini
R50 - Ukubeka igama
Iyonke - R465
