Isicelo sokubhalisa inkampani yelizwe langaphandle
Inkcazelo
Umbutho welizwe langaphandle ongaphandle koMzantsi Afrika onqwenela ukuqhuba naliphi na ishishini eMzantsi Afrika ungenza isicelo sepemethe njengenkampani yelizwe langaphandle. Inkampani yelizwe langaphandle yinkampani ebhaliswe kwilizwe langaphandle kwaye enqwenela ukuseka inkampani eMzantsi Afrika.
Ngenxa yeenkqubo ezininzi eziqhubekayo njengenxenye yenkqubo yobhaliso iyonke, kulicebo elihle ukuba usebenzise iinkonzo zamagqwetha aseMzantsi Afrika.
Kufanele unxulumane nengcaphephe yasemthethweni eMzantsi Afrika, njengoko iimfuneko ezithile zomThetho weeNkampani , zingafezekiswa kuphela ngamalungu elo candelo loqeqesho lobuchule.
Nceda uqaphele ukuba yonke imiqulu kufuneka izaliswe nge-inki emnyama enzulu nesisigxina.
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa iifom zesicelo njengoko zidweliswe phantsi kwesihloko esithi "Iifom ezizaliswayo" apha ngezantsi.
Khupha iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi okanye iipaspoti ezisebenzisekayo zabo bonke abantu ababandakanyeka kule nkampani izakubhaliswa.
Yonke imiqulu kufuneka ikhatshwe yiMimiselo kunye neMigaqo yokuManyana, ekufuneka ibesencwadini kwaye kufuneka iqinisekiswe ngokwegunya lasemthethweni kwiphepha ngalinye nguMntu oneGunya laseMthethweni lokuQinisekisa iMiqulu kwilizwe lemvelaphi.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ubhaliso lungathabatha iintsuku ezintlanu.
Iindleko
