Isicelo sokubhalisa uyilo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ngokusisiseko "uyilo" lumalunga nokwakheka nokubumbeka kunye neempawu ezinomtsalane emehlweni. Ezinye iintlobo zoyilo zibaluyilo ngenxa yomsebenzi wazo kwaye ezinye zibanjalo ngenxa yobuhle nembonakalo yobuhle.
Ngoko ke, uyilo lumalunga nokwakheka nokubumbeka, ubume, imbonakalo ngokwamehlo, ingqaleko, ukuhonjiswa kunye nokuqingqwa kwemveliso okanye into ethile. Umzekelo, ukuyilwa kweringi , kudla ngokuphenjelelwa bubuhle nembonakalo yobuhle.
Zimbini iintlobo zoyilo ezingabhaliswa, kodwa ke xangaba zifezekisa iimfuno ezichazwe apha ngezantsi:
Uyilo oluphenjelelwa bubuhle nembonakalo yobuhle kufuneka into ibentsha kwaye ibeluqobo lwayo lwemveli;
ibenobuhle ekwakhekeni nasekubunjweni, kwingqaleko okanye ekuhonjisweni; kwaye kufuneka ikwazi ukuveliswa yinkqubo yamashishini.
Uyilo oluphenjelelwa ngumsebenzi wento kufanele into ibentsha kwaye ingabiyonto eqhelekileyo;
Nangona nje kungesosinyanzelo ukufunisa ukuze kukhangelwe uqobo lwemveli yoyilo okanye ukuze kuqinisekiswe ukuba olu yilo okanye uyilo olufana nolu aluzange lwabhaliswa na ngaphambili, kulicebo elihle ukwenza njalo phambi kokufaka isicelo sobhaliso. Kungafuniswa ngoyilo kwi-Ofisi yoBhaliso loYilo e-Pretoria. Oku kufunisa kufuneka kwenziwe ngumntu ubuqu bakhe okanye ngumnxulumanisi , ofana negqwetha lamalungelo okuvelisa nokuqamba.
Uyilo luyavuselelwa qho emva kweminyaka emithathu.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini.
Thumela ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Entla
Entla
