Inkcazelo
Iyuniyoni ngumbutho wabasebenzi ophakamisa kwaye okhusela iminqweno yamalungu ayo kwimibandela efana nemivuzo kunye neemeko zokusebenza, ngakumbi ngokothetha-thethwano nabaqeshi.
Ubhaliso lweeyuniyoni luwela phantsi kwemisebenzi yoMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi . Ukubangaba ufuna ukubhalisa iyuniyoni, kufuneka uthumele ezi zinto zilandelayo kuMphathi woBhaliso:
Iikopi ezintathu ezishicilelweyo zomgaqo-siseko weyuniyoni
Uluhlu oluneenkcukacha zamagosa eyuniyoni, oluchaza izikhundla zabo okanye imisebenzi abayenzayo.
Ikopi nganye yomgaqo-siseko mayisayinwe nguNobhala nanguMhlali-Ngaphambili, bezivuma ukuba ziikopi zokwenyani.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa iikopi ezimbini zefom yesicelo.
Faka iikopi ezintathu zomgaqo-siseko weyuniyoni kwifom yesicelo eya kuthunyelwa kuMphathi woBhaliso .
Ikopi nganye yomgaqo-siseko mayisayinwe nguNobhala nanguMhlali-Ngaphambili, bezivuma ukuba ziikopi zokwenyani.
Posa okanye thumela ngefeksi esi sicelo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi .
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko Le nkonzo ayihlawulelwa.
