Yenza isicelo sokubhalisa njengebhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo
Inkcazelo
AmaBhunga eeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo ajongana nezivumelwano ezihlanganelweyo, asombulula iimpikiswano zemiba yezabasebenzi, aseka izicwangciso zezikim ezithile kwaye aphawule kwimigaqo nemithetho yezabasebenzi.
Imibutho yabasebenzi kunye nemibutho yabaqashi ingenza izicelo zokuseka amabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo ngokoMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi kwiSebe leZabasebenzi ukuze ubhalise ibhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.
Thumela ezi ncwadi zilandelayo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi:
Iikopi ezimbini zeSicelo sokuBhalisa iBhunga leeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo
Iikopi ezintathu zomgaqo-siseko webhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo
Nayiphina enye inkcazelo engqamene noku
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha ithuba elifika kwiintsuku ezingama 60 ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa
