UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
AMAZIKO ERED DOOR ANIKEZELA NGEENGCEBISO KUMASHISHINI ASAKHASAYO, AKHULAYO NAMAKHULU: UBUME
UBUME
IINKONZO
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
EZIPHAMBILI
Iveki Yamashishini Asakhasayo
Izixhobo Kumashishini Asakhasayo
Uphuhliso Lwamashishini Ezokhenketho
Iphulo iRED Door linyathelo lecandelo elilawula amashishini asakhasayo, asakhulayo nakhulileyo elikwiSebe Lophuhliso Loqoqosho Nezokhenketho. Eli candelo ke lijolise ekuphuculeni ekuphakamiseni uphuhliso lwamashishini asakhasayo kunye/okanye amashishini aphantsi kwabanini abamnyama.
Ekuncediseni ekusekweni kwamashishini amatsha kumacandelo onke;
Ekuncediseni kwiinzame zokomelezwa kwamashishini asele ekho; ze
Ekwandiseni amashishini aphantsi kwabanini abamnyama.
Kulula ukufikelela kumaziko eRED Door kwiindawo ezininzi ezinkulu needolophu ezilapha eNtshona Koloni. Sithetha isiNgesi, isiBhulu nesiXhosa yaye abasebenzi bethu abaziingcali kulo mcimbi nabanobubele bayakusebenzisana kakuhle nawe ekuhlalutyeni iimfuno zakho zoshishino ze bakuncede uqulunqe isicwangciso soshishino ezihambelana neemfuno zeshishini lakho elo.
Singakuncedisa:
Ekubhaleni isicwangciso sakho soshishino
Ekuchongeni nasekulungiseni iimpazamo zeshishini
Ekufikeleleni kwinkxaso-mali
Ekufumaneni inkxaso kumaziko esisebenzisana nawo anikezela ngeenkonzo zeengcebiso noncedo kumashishini
Ekufumaneni abaphicothi-zincwadi namagqwetha
Ekuphuculeni izakhono zokuqhuba ishishini
Ekufundeni iindlela zokufaka izicelo zeethenda ngendlela eza nempumelelo
Ekufumaniseni ngezibonelelo onokuzifumana kurhulumente
Ekufumaniseni izinto ezibalulekileyo ngobudlelwane nabathengi, ukuzazisa nophando
Ekufundeni iindlela zokuthenga iimveliso zamanye amazwe kwanokuthengisela amanye amazwe
nokufikelela kwi-internet amagumbi amancinci okubambela iingqungquthela ukufikelela ngalo lonke ixesha kubacebisi neenkqubo zokuxhobisa ulutsha, amakhosikazi, amafama asakhasayo kwakunye nabantu abakhubazekileyo ngezakhono zokuba ngabanini bamashishini.
Isikhokelo Esikunceda Uqalise Ishishini Elilelakho
Inkxaso Kumashishini Asakhasayo
Imibutho Yentsebenziswano Kushishino
Indlela Yokufaka Isicelo Kwiithenda Zaseburhulumenteni
Kumazwe amaninzi ehlabathi, amashishini amancinci anegalelo elikhulu kuqoqosho lwelizwe. Kumazwe ahlumileyo amashishini amancinci agalela ku-60% kuqoqosho lwelizwe; apha eMzantsi Afrika, amashishini amancinci anegalelo elingama-35% kuphela kuqoqosho lwelizwe. Esinye sezizathu zoku ke xa uthelekiswa namanye amazwe asakhulayo njengawo afana neBrazil, ne-India, izinga lokuphumelela kwamashishini amancinci eMzantsi Afrika belisokolo lisezantsi. Ngokunjalo nezinga lokukhula kwabanini-mashishini.
Iinkonzo zenkxaso kumashishini zidingeka kakhulu; kodwa ke kwixesha elingaphambili, ezi nkonzo bezisoloko zingahlangenanga. Iingingqi ezithile bezinikezelwa kakhulu ezi nkonzo ngelixa kwezinye, ingakumbi kwiingingqi ezisemaphandleni, zazingekho konke-konke. Amaziko eRED Door asekelwe ukujongana ezi nkonzo zenkxaso kwanokuqinisekisa ukuba zifikeleleka lula, xa zidingeka nalapho zidingeka khona.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
