UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni &gt Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
Yeyiphi indima endinokuyidlala ukuxhasa inkqubo yokufunda?
Ndingazigcina njani ndincedisa kwiintshukumo zokuphuhliswa kwesikolo?
Njengomzali, unoxanduva lokufaka igalelo kuphuhliso lwesikolo somntwana wakho ngokuthi unikezele iinkonzo kweso sikolo. Oku ke kunokuquka ukuzinikezela apho esikolweni ngokuthi uthabathe inxaxheba kwiintshukumo zaso ezifana nokugcinwa nokulungiswa kwempahla yaso, ukugcinwa nokuhlenga-hlengiswa kweencwadi zezimali zaso, ukulawulwa kweentshukumo zezemidlalo, ukunceda kulawulo lweehambo zesikolo, njalo-njalo.
Yeyiphi indima endinokuyidlala ukuxhasa inkqubo yokufunda komntwana wam?
Umntwana wakho uselugcinweni lwabasebenzi besikolo eso xa asesikolweni. Aba basebenzi besikolo bangazalisekisa uxanduva lwabo lokufundisa ngempumelelo kuphela xa benokufumana inkxaso yabazali.
Njengomzali, unoxanduva:
lokuqinisekisa ukuba umntwana wakho uya esikolweni rhoqo;
lokuncedisa ekuqeqesheni umntwana wakho;
uhlole inkqubela yomntwana wakho ezifundweni;
lokuqinisekisa ukuba uyawwugqiba umsebenzi wakhe amele ukuwenza ekhayeni;
lokusebenzisana nabasebenzi besikolo eso; ze uphendule kwizaziso zesikolo ezicela impendulo.
Ndingazigcina njani ndincedisa kwiintshukumo zokuphuhliswa kwesikolo?
Abazali babafundi kufuneka baluthathele kubo uxanduva lokuzimasa iintlanganiso zesikolo eziququzelelwe bona. Iqumrhu elilawula isikolo libotshelelwa ngumthetho ukuba linikezele iingxelo kubazali babafundi beso sikolo rhoqo, futhi kufuneka lisoloko liqinisekisa ukuba bayaziswa ngemiba ebachaphazelayo.
Unelungelo lokufuna naziphi na iinkcukacha ezizezinye onokuba nomdla kuzo kwiqumrhu elilawula eso sikolo nakwinqununu. Iqumrhu elilawula eso sikolo kunye nenqununu kufuneka linikezele ngezi nkcukacha, okanye bakuxelele ngembalelwano ukuba kuhteni bengenakukunika nje ezo nkcukacha.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni
Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni
Iintlawulo Zesikolo
Ulawulo
Ulwimi Lokufunda Nokufundisa
Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
Iinkcukacha Zoqhagamshelwano
YAYAMENE
Uvavanyo Lokulungela Isikolo (IiNkonzo)
Ukwamkelwa Ezikolweni (IiNkonzo)
Isixhobo Sokukhangela i-"Fumana Isikolo" (IiNkonzo)
Amaqumrhu Alawula Izikolo (IiNkcukacha Zoluntu)
Imbeko Ezikolweni (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
